2023
Iintsuku eziSixhenxe Zokwabelana
EyeKhala 2023


“Iintsuku eziSixhenxe Zokwabelana,” Kwenzelwe Ukomelezwa uLutsha, EyeKhala 2023.

UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeKhala 2023

EziSixhenxe iiNtsuku Zokwabelana

Ungabelana ngevangeli ngeendlela eziqhelekileyo nezendalo. Ingaba uwulungele umngeni?

Xa sithetha ngokwabelana ngobugqina bethu, sihlala sicinga ngokunikezela ubungqina kumhlangano womthendeleko okanye esinye isicwangciso esisesikweni. Kodwa siye sakhuthazwa ukuba “sikhangele amathuba okuza nokholo lwethu ngeendlela eziqhelekileyo nezendalo.”1

Kumngeni weentsuku ezisixhenxe ngezantsi, unako ukwabelana ngobakho ubungqina ngendlela eyahlukileyo yonke imihla yeveki. Ungazenza ezi zinto nangalo naluphi ulandelelwano, okanye unako nokuza nezakho iingcinga! Ingaba uwulungele umngeni?

Umfanekiso
indlu yentlanganiso

Imizobo nguEmily Davis

Usuku 1: IBandla

Cinga ngokunika ubungqina bakho kumhlangano wozilo kutya nobungqina ebandleni ukuba leyo yinto okhululekileyo ngayo. Ukuba akunjalo, unako kananjalo ukwabelana ngobungqina bakho kwibandla ngokuthi uthathe inxaxheba kwiiklasi zakho ngeCawa nakwiSeminari. Izimvo owabelana ngazo phaya zinokuphakamisa abanye zize zomeleze ubungqina babo nobakho ngokunjalo

Umfanekiso
abahlobo

Usuku 2: Abahlobo

Ufunde ntoni ebandleni ngeCawe? Uyithandile into omnye abelane ngayo kwintetha yomhlangano womthendeleko okanye kwingxoxo yeklasi yakho? Mhlawumbi iculo lokuvula libe lelinye lamaculo owathandayo. Xelela umhlobo ngalo! Emveni koko buza ngempelaveki yabo.

Umfanekiso
ifowni namakhasi onxibelelwano

Usuku 3: Amakhasi Onxibelelwano

Amakhasi onxibelelwano yindawo enkulu yokwabelana ngezinto zomoya ngokuqhelekileyo nangendalo. Kule mini yomngeni, cinga ngokwabelana ngeposi malunga:

  • Enye yeevesi ozithandayo yezibhalo

  • Inqaku eliphakamisayo elivela kwinkomfa yajikelele.

  • Ingcinga yokomoya okanye amava.

  • Into oyithandayo okanye oyibulelayo ngoMsindisi.

  • Indlela Yena akuncede ngayo kutsha nje okanye umgangatho owuthandayo kuYe kwaye nokuba kutheni.

Umfanekiso
ifowni nomboniso bhanya-bhanya nombhalo

Usuku 4: Umbhalo okanye Umboniso bhanya-bhanya

Thumela umyalezo ophakamisayo kumhlobo ngombhalo okanye umboniso bhanya-bhanya. Unokwabelana ngentetha yenkomfa ocinga ukuba bangayithanda, baxelele into oyibulelayo ngabo, okanye wabelane ngokholo lwakho kuYesu Kresru. Umzekelo, banako ukudinga ukwazi ngothando lukaYise Osezulwini analo ngabo. Unako ukubaxelela nangobuqu!

Umfanekiso
intombazana eselula enebhaluni ekumila okwentliziyo

Usuku 5: Inkonzo

Usenokuzibuza ukuba ukukhonza abanye kunokuba yindlela njani na yokwabelana ngobungqina bakho. UMpostile uPawulosi waxelela uTimoti, “Ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu” (1 Timoti 4:12). Ngoko unako ukubonisa iinkolelo zakho ngemizekelo yakho ngokuthi uncede abanye njengoko uMsindisi enokubanceda.

Umfanekiso
izixhobo zobugcisa

Usuku 6: Ubugcisa

Ngamanye amaxesha abantu basebenzisa ubugcisa njengendlela eyahlukileyo yokwabelana ngeengcinga neemvakalelo zabo. Unako ukusebenzisa imizobo, imifanekiso eqingqiweyo, umbongo, umculo, okanye naluphi na uhlobo lobugcisa ukwabelana ngendlela oziva ngayo ngoYesu Krestu nevangeli Yakhe.

Umfanekiso
ulutsha luthetha

Usuku 7: Iincoko Eziqhelekileyo

Sukoyika ukukhankanya iinkolelo zakho kwiizicwangciso eziqhelekileyo, njengoko ubuya kwabelana ngezinye iingcinga onazo malunga nesihloko esinikiweyo.

Ungakwazi, kanjalo, ukuthetha ngemisebenzi yeBandla okanye isibhalo osifundileyo kutshanje, kodwa ingakwazi ukukhululeka ngakumbi kunoko. Umzekelo:

  • Ukuba uziva uphefumlelwe yindalo, bonisa umbulelo wakho ngendalo kaThixo komnye umntu.

  • Mhlawumbi uye wanamava ngokwasemoyeni anikeza umdla kutshanje. Xelela isihlobo ngawo ukuba awasondelanga kakhulu kuwe.

  • Fumana imizekelo yevangeli kwincwadi okanye umboniso bhanyabhanya owuthandayo, kwaye wabelane ngeengcinga zakho.

Eqhelekileyo kunye neNdalo

Njengoko ufumana iindlela ezahlukeneyo zokwabelana ngeenkolelo zakho, izakuba yinto yendalo ngakumbi nangakumbi kuwe into yokwenza njalo. Iqathalala ekuqalekeni, kodwa kulungile! Khumbula, ubungqina bakho ngokwabo sele buyindalo kuwe—buyinxalenye bomntu onguye. Ukwabelana ngabo kungayindalo nako. Konke okufunekayo kukuyibonakalisa ngakumbi usuku ngalunye.

Ingaba uzokwabelana njani ngobungqina bakho namhlanje?

Isikhumbuzo

  1. Dieter F. Uchtdorf, “Apr. 2020 general conference”(Ensign okanye Liahona, Canzibe 2019, 17).