Yizani, Nindilandele 2024
EyoMqungu 15–21: “Yiza uThabathe uTye kwisiQhamo.” 1 Nifayi 6–10


“EyoMqungu 15-21: ‘Yiza uThabathe uTye kwisiQhamo.’ 1 Nifayi 6–10,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyoMqungu 15–21. 1 Nifayi 6–10,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
Umbono kaLihayi womthi wobomi

Lehi’s Dream [IPhupha likaLihayi], nguSteven Lloyd Neal

EyoMqungu 15–21: “Yiza uThabathe uTye kwisiQhamo”

1 Nifayi 6–10

Iphupha likaLihayi—nentonga yalo yesinyithi, inkungu yobumnyama, isakhiwo esiphangaleleyo, nomthi onesiqhamo “esona simnandi”—sisimemo esikhuthazayo sokufumana iintsikelelo zothando loMsindisi nedini lentlawulelo. KuLihayi, nangona kunjalo, lo mbono kananjalo wawumalunga nosapho lwakhe: “Ngenxa yento endithe ndayibona, ndinesizathu sokuvuya eNkosini ngenxa kaNifayi kananjalo naye uSem. … Kodwa qaphelani, Leymeni noLemuweli, ndinoloyiko olugqithisileyo ngenxa yenu” (1 Nifayi 8:3–4). Akuba uLihayi egqibile ukuchaza umbono wakhe, wacenga uLeymeni noLemuweli ukuba “bawamamele amazwi akhe, ukuze mhlawumbi iNkosi inganenceba kubo” (1 Nifayi 8:37). Nokuba uwufundile umbono kaLihayi amaxesha amaninzi, ngelixesha cinga ngawo ngendlela uLihayi awenza ngayo—cinga ngomntu omthandayo. Njengoko usenza, ukhuselo lwentonga yesinyithi, iingozi zesakhiwo esiphangaleleyo, nobumnandi besiqhamo kuya kuba nentsingiselo entsha. Kwaye uya kuyiqonda ngokunzulu ngakumbi, “yonke imvakalelo [yo]mzali onenkathalo” owafumana lo mbono ophawulekayo.

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

1 Nifayi 7:6–21

Ndingabaxolela abanye.

Yintoni ekuchukumisayo ngomzekelo kaNifayi ku 1 Nifayi 7:6–21? Sisikelelwa njani xa “sixolelana ngokunyanisekileyo”?  

1 Nifayi 8

Ukubambelela ngokuqinileyo kwilizwi likaThixo kundikhokelela kuMsindisi kwaye kundinceda ndive uthando lwaKhe.

Umbono kaLihayi unika isimemo sokucinga ukuba uphi—kwaye uyaphi—kuhambo lwakho lobuqu lokufana noMsindisi. UMongameli Boyd K. Packer wathi: “Ukuwo; sonke thina sikuwo. Iphupha likaLihayi okanye umbono wentonga yesinyithi unayo yonke into kuwo … iNgcwele yale Mihla yokugqibela ekufuneka iyiqonde ngovavanyo lobomi” (“Lehi’s Dream and You, New Era, EyoMqungu 2015, 2).

Njengoko ufunda, cinga ngokugcwalisa itshati efana nale.

Uphawu kumbono kaLihayi

Iintsingiselo

Imibuzo yokucingisisa

Uphawu kumbono kaLihayi

Umthi neziqhamo zawo (Nifayi 8:10–12)

Iintsingiselo

Imibuzo yokucingisisa

Yintoni endiyenzayo ukumema abanye ukuba bathabathe kuthando lukaThixo?

Uphawu kumbono kaLihayi

Umlambo (1 Nifayi 8:13)

Iintsingiselo

Imibuzo yokucingisisa

Uphawu kumbono kaLihayi

Intonga yesinyithi (1 Nifayi 8:19–20, 30)

Iintsingiselo

Imibuzo yokucingisisa

Uphawu kumbono kaLihayi

Inkungu yobumnyama (1 Nifayi 8:23)

Iintsingiselo

Imibuzo yokucingisisa

Uphawu kumbono kaLihayi

Isakhiwo esikhulu nesiphangaleleyo (1 Nifayi 8:26–27, 33)

Iintsingiselo

Imibuzo yokucingisisa

Ungakhangela kananjalo le miqolo ilandelayo ukufunda ngamaqela amane abantu awabonwa nguLihayi: 1 Nifayi 8:21–23, 24–28, 30, and 31–33. Ngowuphi umahluko owuphawulayo phakathi kwalamaqela? Kwakutheni ukuze abanye abantu bahambe emva kokuba beyile emthini baza bangcamla isiqhamo (bona imiqolo 24–28)? Yintoni oyifunda kulamava?

 

Ukufumana amava onxibelelwano ukunceda ufunde ngombono kaLihayi, cofa apha.

Vumela abafundi babelane ngezinto abazifumeneyo. Cinga ngokumema abafundi ukuba baphengulule izibhalo ngokwabo ngeenyaniso abazifumanayo. Ngokomzekelo, unokubamema ukuba baphengulule izibhalo ekubhekiswe kuzo kwitshathi engasentla bebodwa okanye bengamaqela amancinane. Baya kukhumbula kwaye bazixabise iinyaniso abazifumanayo.

Umfanekiso
abantu bebambelele kwintonga yesinyithi ekhokelela emthini wobomi

Common Thread [Iimpawu Eziphindaphindiweyo], nguKelsy noJesse Barrett

1 Nifayi 10:2–16

Abaprofeti bamandulo babesazi malunga nomsebenzi wevangeli kaYesu Krestu kwaye bangqina ngaYe.

Kutheni ucinga ukuba iNkosi ingafuna ukuba usapho lukaLihayi—kwaye nathi sonke—sizazi iinyaniso ezifumaneka ku 1 Nifayi 10:2–16? Cinga ngendlela onokunceda ngayo abo ubathandayo ukuba bameme uMsindisi ebomini babo.

1 Nifayi 10:17–19

Umfanekiso
umfanekiso weseminari
UThixo uyakutyhila inyaniso kum ngamandla oMoya oyiNgcwele.

Uphendula njani xa ucelwa ukuba uphile umgaqo wevangeli ongawuqondiyo? Kwizibhalo ezilandelayo, qaphela umahluko phakathi kwempendulo kaNifayi kumbono kaLihayi (bona 1 Nifayi 10:17–19; 11:1) nempendulo kaLeymeni noLemuweli (bona 1 Nifayi 15: 1–10). Zeziphi iinyaniso uNifayi awaziqondayo ezamkhokelela ekubeni aphendule ngohlobo awenza ngalo?

Ngomzekelo kaNifayi engqondweni, yenza uluhlu lwemigaqo yevangeli ongathanda ukuyiqonda ngcono. Yintoni onokuyenza ukuze uzifumanele iimpendulo?  

Kanye njengokuba uNifayi wafumanisa ngokwakhe ukuba amazwi kayise ayeyinyani, singenza okufanayo xa sisiva amazwi abaprofeti nabapostile bale mihla. Abaprofeti nabapostile basifundise ntoni kwikomfa yajikelele yamva nje? Uye wabufumana njani ubungqina bobuqu balonto bakufundisileyo?

Bona kananjalo 1 Nifayi 2:11-19IMfundiso neMinqophiso 8:1–3.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

1 Nifayi 8

Ukubambelela ngokuqinileyo kwilizwi likaThixo kundikhokelela kuYe kwaye kundinceda ndive uthando lwaKhe.

  • Abantwana bakho banokonwabela ukuzoba umfanekiso wombono kaLihayi njengoko nifunda 1 Nifayi 8 kunye. Bavumele babelane ngemifanekiso yabo, kwaye ubancede bafumanise ukuba imiqondiso ephupheni imele ntoni (bona 1 Nifayi 11:21–22; 12:16–18; 15:23–33, 36 kunye iphepha lomsebenzi wale veki). Bacele ukuba babelane ngeempendulo ezininzi kangangoko banako kulo mbuzo: Sifunda ntoni kumbono kaLihayi?

  • Ingaba unayo into enokumela intonga yesinyithi kumbono kaLihayi, njengombhobho okanye intonga? Vumela abantwana bakho babambelele kuyo njengoko ubakhokela ujikeleza igumbi ukuya kumfanekiso woMsindisi. Kutheni intonga yesinyithi ibalulekile kumbono kaLihayi? (Bona 1 Nifayi 8:20, 24, 30). Intonga yesinyithi ifana njani nelizwi likaThixo?

  • Mema abanye babantwana bakho ukuba bafunde 1 Nifayi 8:10–12 kwaye uchaze oko uLihayi wakubonayo. Cela abanye ukuba bafunde 1 Nifayi 11:20–23 kwaye bachaze oko kwabonwa nguNifayi. Kwakutheni ukuze ingelosi ibonise uNifayi usana uYesu ukumfundisa ngothando lukaThixo? Thetha nabantwana bakho ngendlela abaye baluva ngayo uthando lukaThixo ebomini babo.  

1 Nifayi 10:17–19; 11:1

UThixo uyakutyhila inyaniso kum ngamandla oMoya oyiNgcwele.

  • Ungabanceda njani abantwana bakho baqonde into uNifayi awayifundisayo ku 1 Nifayi 10:19? Mhlawumbi ungasonga umfanekiso woMsindisi okanye enye into ekhethekileyo ngaphakathi kwengubo kwaye umeme abantwana bakho ukuba bawutyhile. Njengokuba ufunda 1 Nifayi 10:19, banokuphakamisa izandla zabo xa besiva amagama “kutyhilwa” “noMoya oyiNgcwele.” Emveni koko ungabelana ngamava xa uMoya oyiNgcwele wakuncedayo ukuba ufumane inyaniso.

  • Cela abantwana bakho ukuba bathethe ngento abayenzayo ukuze bafumane iimpendulo kumbuzo. Wayenokuthini uNifayi ukuba umntu wayembuza ukuba uzifumana njani iimpendulo kumbuzo ngevangeli? Khuthaza abantwana ukuba bafumanise ngokufunda 1 Nifayi 10:17–19; 11:1.

  • Ingaba abantwana bakho bakhe baziva ukuba uMoya oyiNgcwele wabanceda bazi ukuba into ethile iyinyani? Bavumele babelane ngamava wabo. Singathini kumhlobo ocinga ukuba akanakuzifumana iimpendulo ngoMoya oyiNgcwele? Sifumana ntoni ku 1 Nifayi 10:17–19 kunye 11:1 enganceda lo mhlobo?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
Umbono kaLihayi.

The Tree of Life [Umthi woBomi], nguAvon Oakeson