Yizani, Nindilandele 2024
EyoMqungu 22–28: “[Ukuxhotyiswa] ngoBulungisa nangaMandla kaThixo.” 1 Nifayi 11–15


“EyoMqungu 22–28: ‘[Ukuxhotyiswa] ngoBulungisa nangaMandla kaThixo.’ 1 Nifayi 11–15,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyoMqungu 22–28. 1 Nifayi 11–15,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
Abantu badla isiqhamo somthi wobomi

The Love of God [Uthando lukaThixo], nguSabrina Squires

EyoMqungu 22–28: “[Ukuxhotyiswa] ngoBulungisa nangaMandla kaThixo”

1 Nifayi 11–15

Xa uThixo enomsebenzi omkhulu wokwenziwa ngumprofeti waKhe, Yena udla ngokunika loo mprofeti umbono omkhulu. UMoses, uYohane, uLihayi noJoseph Smith bonke babenemibono efana naloo—mibono eyazandisa iingqondo zabo yaza yabanceda babona indlela omkhulu nowoyikeka ngayo umsebenzi kaThixo.

UNifayi kanjalo waba nomnye wale mibono eguqula ubomi. Wabona ubufundisi boMsindisi, ikamva lenzala kaLihayi kwilizwe lesithembiso, nesiphelo semihla yokugqibela yomsebenzi kaThixo. Emva kwalo mbono, uNifayi wayewulungiselelwe ngcono umsebenzi owawusammele ngaphambili. Kwaye ukufunda ngalo mbono kungakunceda ekulungiseleleni nawe—kuba uThixo kananjalo unomsebenzi wakho wokuba uwenze ebukumkanini baKhe. Uphakathi “kwabangcwele bebandla leMvana” elabonwa nguNifayi, “ababesasazwe phezu kwabo bonke ubuso bomhlaba; kwaye babexhotyiswe ngobulungisa nangamandla kaThixo ngobuqaqawuli obukhulu” (1 Nifayi 14:14).

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

1 Nifayi 11

UThixo wathumela uYesu Krestu njengembonakaliso yothando lwaKhe.

Xa uNifayi wayebuza ingelosi ngentsingiselo yomthi kumbono kaLihayi, ingelosi yayinokuthi ngokulula, “Imele uthando lukaThixo.” Endaweni yoko, yabonisa uNifayi uthotho lwempawu neziganeko zobomi boMsindisi. Khangela ezi mpawu neziganeko njengoko ufunda kwaye uphonononga 1 Nifayi 11. Yintoni oyifumanayo ekuncedayo ukuba uqonde ukuba kutheni uYesu Krestu eyimbonakaliso yokugqibela yothando lukaThixo?

Unokucinga kananjalo nokubukela imiboniso bhanya-bhanya yeBhayibhile kwiThala Leencwadi zeVangeli ehambelana neziganeko uNifayi awazibonayo. Ukuncede njani uMsindisi ukuba uluve uthando lukaBawo wakho oseZulwini?

 

1 Nifayi 12–14

Ndinoku “[xhotyiswa] ngobulungisa” nangamandla.

UNifayi wayengazukuphila ukuze abone okuninzi koko wakubonayo kumbono wakhe. Kutheni ucinga ukuba kwakuxabisekile ukuba uNifayi azazi ezi zinto? Kutheni kuxabisekile ukuba uzazi? Buza le mibuzo ngexesha ngalinye ufunda malunga nento uNifayi awayibonayo embonweni wakhe (bona 1 Nifayi 12–14). Zeziphi iimvakalelo ozifumanayo malunga “ngomkhulu kwaye … nomangalisayo umsebenzi” weNkosi? (1 Nifayi 14:7). Zeziphi ezinye zezinto ezinkulu nezimangalisayo Yena akwenzele zona?

Qwalasela ngakumbi isithembiso esiku 1 Nifayi 14:14. UMsindisi usizalisekise njani esi sithembiso ebomini bakho?  

1 Nifayi 13:1– 9; 14:9–11

Yintoni “ibandla elikhulu nelimasikizi” elabonwa nguNifayi?

UMongameli uDallin H. Oaks wachaza ukuba “ibandla elikhulu nelimasikizi” elichazwa nguNifayi limele “nayiphi na intanda-bulumko okanye umbutho ochasa inkolo kuThixo. Kwaye ‘ukuthinjwa’ apho eli ‘bandla’ lifuna ukuzisa abangcwele akusayi kuba kukuvalelwa kwenyama kangako njengokuthinjwa kweembono ezibubuxoki” (“Stand as Witnesses of GodEnsignEyoKwindla 2015, 32). Ukunceda njani uMsindisi ukuba uphephe—kwaye ubaleke—ekuthinjweni ziimbono ezibubuxoki?

1 Nifayi 15:1–11

UThixo uyakundiphendula ukuba ndithe ndacela ngokholo.

Wakhe waziva ngathi awufumani sityhilelo sobuqu—ukuba uThixo wayengathethi nawe? Sesiphi isiluleko uNifayi awasinika abantakwaboxa babezive ngolu hlobo? (Bona 1 Nifayi 18:1–11.) Ungayisebenzisa njani ingcebiso kaNifayi ebomini bakho?

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

1 Nifayi 15:23–25

Ukubambelela nkqi elizwini likaThixo kuyandinceda ukuba ndimelane neempembelelo zikaSathana.

UNifayi wayesoloko enezinto ezingxamisekileyo zokuzithetha kubantakwabo. Kodwa wabonakala enokuvutha ngakumbi ngento aweyeyithetha kubo ku 1 Nifayi 15:23–25. Wawuthini umyalezo kaNifayi, kwaye kutheni ucinga ukuba waziva ngamandla ngawo?

Umdala uDavid A. Bednar wafundisa ukuba “ilizwi likaThixo” linokubhekisa kwizibhalo, kumazwi abaprofeti abaphilayo, nakuYesu Krestu ngokwaKhe. Ucinga ukuba kuthetha ukuthini “ukubambelela nkqi” kwizibhalo namazwi abaprofeti abaphilayo? Kusenokuthetha ntoni “ukubambelela nkqi” kuYesu Krestu? Usenokukhangela iimpendulo ezinokuba luncedo kule mibuzo kumyalezo kaMdala Bednar “But We Heeded Them Not” (Liyahona, uCanzibe 2022, 14–16).

Ukubambelela nkqi kwilizwi likaThixo kukunceda njani ukuba umelane notshaba? Ukugcwalisa itshathi efana nale kunokunceda ukucwangcisa iingcinga zakho:

 … ndincede ndoyise ubumnyama besihendo? (bona 1 Nifayi 12:17)

 … ndincede “unganyamekeli” ngamampunge nekratshi lehlabathi? (1 Nifayi 12:18)

Ukubambelela nkqi njani kwizibhalo nakumazwi abaprofeti abaphilayo …

Ukubambelela nkqi njani kuMsindisi ku …

 

Umfanekiso
usapho lufunda izibhalo

Izibhalo zifana nentonga yesinyithi esikhokelela emthini wobomi.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

1 Nifayi 11:16–33

UBawo oseZulwini wathumela uYesu Krestu ngokuba uyandithanda.

  • Ukufundisa uNifayi ngothando lukaThixo, ingelosi yabonisa uNifayi iziganeko zobomi boMsindisi. Unokwenza okufanaya kubantwana bakho—ubanike imifanekiso yeziganeko uNifayi awazibonayo ku 1 Nifayi 11:20, 24, 27, 31, no 33 (bona INcwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani. 30, 35, 39, 4257). Njengoko ufunda le miqolo, nceda abantwana bakho bafumane umfanekiso ohambelana nayo. Yintoni esiyifundayo ngoYesu Krestu kule miqolo nemifanekiso?

  •     Yintoni enye esiyifundayo ngothando lukaThixo ku 1 Nifayi 11:22–23?

Sebenzisa ubugcisa ukunceda abantwana bafunde. Xa ufundisa abantwana ibali lesibhalo, bancede babe nomfanekiso-nqondweni walo. Ungasebenzisa imifanekiso, imiboniso bhanya-bhanya, oonodoli, izinxibo, njalo njalo.

1 Nifayi 13:26–29, 35–36, 40

INcwadi kaMormoni ifundisa iinyaniso ezixabisekileyo.

  • Ukunceda abantwana bakho baxabise iinyaniso “ezicacileyo nezixabisekileyo” kwiNcwadi kaMormoni, ungazoba umfanekiso kwaye umeme abantwana bakho ukuba batshintshe okanye basuse iindawo ezithile zomfanekiso ukuze ubukeke ngokwahlukileyo. Unokusebenzisa oku ukuze ufundise ukuba izinto eziseBhayibhileni zatshintshwa kwaye zakhutshwa ekuhambeni kwexesha. Fundani kunye 1 Nifayi 13:40 kwaye nithethe ngendlela iNcwadi kaMormoni (“ezi zibhalo zokugqibela”) zisinceda ukuba siqonde “izinto ezicacileyo nezixabisekileyo” ezalahleka eBhayibhileni (izibhalo “zokuqala”). Zeziphi iinyaniso “ezicacileyo nezixabisekileyo” ozifundileyo kwiNcwadi kaMormoni?

Umfanekiso
iikopi zeNcwadi kaMormoni kwiilwimi ezahlukeneyo

INcwadi kaMormoni ibuyisela iinyaniso zevangeli ezalahlekayo ngexesha loKreqo.

1 Nifayi 15:23–24

Ukubambelela nkqi kwilizwi likaThixo kuyandinceda ukuba ndimelane nohendo.

  • Nika abantwana bakho ithuba lokwabelana ngoko bakukhumbulayo ngombono kaLihayi. Kusenokuba luncedo ukusebenzisa umfanekiso, njengalowo weveki ephelileyo. Yintoni eyabangela ukuba abantu bangafikeleli emthini? Yintoni eyabanceda bafikelela kuwo? Usenokubacela ukuba bakhangele intonga yesinyithi emfanekisweni. Fundani kunye 1 Nifayi 15:23–24 ukuze nifumanise ukuba intonga yesinyithi imele ntoni kunye nendlela enokusinceda ngayo.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
Umbono kaNifayi kaMariya, nosana uYesu

Nephi’s Vision of Mary [Umbono kaNifayi kaMariya, nguJames Johnson