Yizani, Nindilandele 2024
EyoMqungu 1–7: Enye iTestamente kaYesu Krestu. Amaphepha eNtshayelelo eNcwadi kaMormoni


EyoMqungu 1–7: Enye iTestamente kaYesu Krestu. Amaphepha eNtshayelelo eNcwadi kaMormoni:” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyoMqungu 1–7. Amaphepha eNtshayelelo yeNcwadi kaMormoni,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
UMormoni ebhala kumacwecwe egolide

EyoMqungu 1–7: Enye iTestamente kaYesu Krestu

Amaphepha eNtshayelelo eNcwadi kaMormoni

Phambi kokuba ufike ku 1 Nifayi isahluko 1, uyakuqaphela ukuba iNcwadi kaMormoni asiyoncwadi eqhelekileyo. Amaphepha ayo entshayelelo achaza ibali elingasemva elingafaniyo nalo naliphi na elinye—kuquka ukutyelelwa ziingelosi, ingxelo yamandulo eyangcwatywa kangangeenkulungwane endulini, nomfana oselula owayeguqulela ingxelo ngamandla kaThixo. INcwadi kaMormoni asiyombali nje yeempucuko zamandulo zaseMelika. Ifuna ukuqinisekisa bonke “ukuba uYesu ungu Krestu” (iphepha lesihloko leNcwadi kaMormoni), noThixo ngokwaKhe wabonisa indlela eyabhalwa ngayo, yalondolozwa, yaza yenziwa ukuba ifumaneke kuthi. Kulo nyaka, njengoko ufunda iNcwadi kaMormoni, uthandaza ngayo, kwaye usebenzisa iimfundiso zayo, uya kumema amandla oMsindisi ebomini bakho. Kwaye ungaziva uchukumiseka ukuba uthi, njengoko Amangqina Amathathu enzayo kubungqina bawo, “Ingummangaliso emehlweni am.”

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Iphepha lesihloko leNcwadi kaMormoni

Ukufunda INcwadi kaMormoni kunokulomeleza ukholo lwam kuYesu Krestu.

Lona iphepha lesihloko leNcwadi kaMormoni libonelela ngaphezu kwesihloko nje. Phakathi kwezinye izinto, idwelisa iinjongo eziliqela zale ngxelo ingcwele. Khangela ezi njongo kwigama lephepha. Iimibuzo enjengale ingakunceda njengoko uphonononga: Kutheni sineNcwadi kaMormoni? INcwadi kaMormoni ihluke njani kwezinye iincwadi?

Ngoku ingalixesha elilungileyo lokwenza isicwangciso sobuqu okanye sosapho lokufunda iNcwadi kaMormoni kulo nyaka. Uyakuyifunda nini kwaye uyakufunda phi? Uyakummema njani uMoya kwisifundo sakho? Ingaba ikhona into ekhethekileyo ozakuyikhangela njengoko ufunda? Umzekelo, usenokukhangela izicatshulwa eziphumeza iinjongo ozifumeneyo kwiphepha lesihloko. Usenokugcina uluhlu lwemiqolo eyakha ukholo lwakho kuYesu Krestu.

Bona kananjalo 2 Nifayi 25:26; Mozaya 3:5–8; Alma 5:48; 7:10–13; Helaman 5:12; 3 Nifayii 9:13–18; 11:6–14; Moronayi 10:32–33.

Isithembiso esingokwesiprofeto. UMongameli uRussell M. Nelson wathi, “Ndiyathembisa ukuba njengoko uphonononga oko ukufundayo [kwiNcwadi kaMormoni], iingcango zezulu ziyakuvuleka, kwaye uyakufumana iimpendulo kwimibuzo yakho nesikhokelo sobomi bakho” (“The Book of Mormon: What Would Your Life Be Like without It?,” Liyahona, EyeNkanga 2017, 62–63).

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

Intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni; “UBungqina baMangqina amaThathu”; “UBungqina bamaMangqina asiBhozo

Ndingaba lingqina leNcwadi kaMormoni.

UMoya oyiNgcwele unokungqina kuwe ukuba iNcwadi kaMormoni iyinyani, nokuba awukawaboni amacwecwe egolide njengoko awabonayo amaNgqina amaThathu naMangqina asiBhozo. Njengoko ufunda amazwi awo, cinga ngokuba ubungqina babo bubomeleza njani obakho.

Yintoni ekuphembelelayo malunga nendlela la mangqina abelana ngayo ngobungqina beNcwadi kaMormoni? Cingisisa ukuba ungabelana njani ngobungqina bakho beNcwadi kaMormoni—ingakumbi ubungqina bayo bukaYesu Krestu. Ngokomzekelo, yiba nomfanekiso-ngqondweni uthetha nomhlobo ongazange wakhe weva ngeNcwadi kaMormoni ngaphambili. Yintoni ongamxelela yona ngayo? Ungazama njani ukukhuthaza umhlobo wakho ukuba ayifunde? Cinga ngokuphonononga Intshayelelo yeNcwadi kaMormoni. Usengafumana iinkcukacha phaya onokuzisebenzisa ukwabelana nomhlobo wakho. Le miboniso bhanya-bhanya isenokukunika izimvo.

Cingisisa ngokwenza uluhlu lwezinto ongabelana ngazo nomhlobo ngeNcwadi kaMormoni. Cinga ngokwabelana ngeNcwadi kaMormoni usebenzisa usetyenziso lweNcwadi kaMormoni.

Umfanekiso
UJoseph Smith namaNgqina amaThathu bethandaza kunye.

AmaNgqina amaThathu anika ubungqina beNcwadi kaMormoni.

UBungqina boMprofeti uJoseph Smith

Ukuza ngaphambili kweNcwadi kaMormoni kwakungummangaliso.

Ukuba umntu uyakubuza ukuba iNcwadi kaMormoni ivela phi, ungathini? Ungakuchaza njani ukubandakanyeka kukaThixo ekusinikeni iNcwadi kaMormoni? Njengoko ufunda ubungqina bukaJoseph Smith, nikela ingqalelo kwindlela awabuchaza ngayo. Ngokusekelwe koko ukufundayo, ucinga ukuba uThixo uziva njani ngokubaluleka kweNcwadi kaMormoni?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Iphepha lesihloko leNcwadi kaMormoni

Ukufunda iNcwadi kaMormoni kundinceda ndibe nokholo kuYesu Krestu.

  • Vumela abantwana bakho bajonge kwaye babambe ikopi yeNcwadi kaMormoni. Bancede bakhombe kwisihlokwana esithi, Enye iTestamente kaYesu Krestu. Usenokubanceda kananjalo bafumane, kwisihloko sephepha, ibinzana “UYesu unguye uKrestu, uThixo Waphakade, ezibonakalisa kuzo zonke izizwe.” Bancede baqonde ukuba oku kuthetha ukuthi iNcwadi kaMormoni isifundisa ngoYesu Krestu. Ngokufutshane baxelele ngendlela iNcwadi kaMormoni elomeleze ngayo ukholo lwakho kuYesu Krestu. Ungababuza kananjalo malunga namabali abawathandayo kwiNcwadi kaMormoni.

Intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni

INcwadi kaMormoni isisiseko senkolo yethu.

  • Eli phepha lomsebenzi wale veki kunye nomfanekiso ongezantsi ungabanceda abantwana bakho baqonde la mazwi kaJoseph Smith kwi intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni: “INcwadi kaMormoni [isi]siseko senkolo yethu.” Kusenokuba kananjalo yinto emnandi ukwakha okanye ukuzoba igophe elinesiseko ngaphezulu. Yintoni enokwenzeka ukuba isiseko siyasuswa? Yintoni eyayinokwenzeka ukuba sasingenayo iNcwadi kaMormoni? Ningafunda kunye umhlathi wokugqibela wentshayelelo ukufumanisa ukuba yintoni enye esiyifundayo xa sisamkela inyaniso yeNcwadi kaMormoni. Singayenza njani iNcwadi kaMormoni ukuba ibe sisiseko sokholo lwethu kuYesu Krestu?

Umfanekiso
ilitye legophe elinelitye lembombo elilibambe endaweni yalo

INcwadi kaMormoni isisiseko senkolo yethu.

UBungqina baMangqina amaThathu”; “UBungqina baMangqina asiBhozo

Ndingaba lingqina leNcwadi kaMormoni.

  • Ukunceda abantwana bakho baqonde ukuba kuthetha ukuthini ukuba lingqina, unokubachazela into oyibonileyo abangayibonanga. Emva koko ubavumele benze okufanayo nakuwe. Oku kunokukhokelela kwincoko malunga nabantu abali-11 ababona amacwecwe egolide apho iNcwadi kaMormoni yayiguqulelwe khona. Njengoko nifunda ubungqina kunye, ninokuthetha malunga nokuba kutheni la mangqina afuna abanye abantu ukuba bazi ngobungqina babo. Ngubani esifuna ukumxelela ngeNcwadi kaMormoni?

UBungqina boMprofeti uJoseph Smith

INcwadi kaMormoni yanikelwa kuthi ngamandla kaThixo.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UJoseph efumana amacwecwe egolide kuMoronayi

Moroni Delivers the Golden Plates [UMoroni Unikezela Amacwecwe eGolide], nguGary L. Kapp