Yizani, Nindilandele 2024
UCanzibe 6–12: “Emandleni eNkosi” Mozaya 7–10


UCanzibe 6–12: ‘Emandleni eNkosi’ Mozaya 7–10” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“UCanzibe 6–12. Mozaya 7–10,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
UAmon ufundisa uKumkani uLimhayi

Minerva Teichert (1888–1976), Ammon before King Limhi [UAmon phambi koKumkani uLimhayi], 1949–1951, ioli kwimasonayithi, 91 cm ×122 cm. IMuyiziyam yoBugcisa yeYunivesithi yeBrigham Young, 1969.

Ucanzibe 6-12: “Emandleni eNkosi”

Mozaya 7–10

Ngelixa abantu bakaKumkani uMozaya babenandipha “uxolo rhoqo” eZarahemla (Mozaya 7:1), iingcinga zabo zaguqukela kwelinye iqela lamaNifayithi, elathi kwiminyaka emininzi eyadlulayo lahamba laya kuhlala kwilizwe likaLihayi-Nifayi. Izizukulwana zazidlulile, kwaye abantu bakaMozaya babengeva nto kubo. Ke uMozaya wacela uAmon ukuba akhokele iqela lokukhangela ukuze lifumane amaNifayithi awayemkile. Iqela lokukhangela lafumanisa ukuba amaNifayithi, “ngenxa yobugwenxa” (Mozaya 7:24babesekuthinjweni kumaLeymenayithi. Kodwa ekufikeni kukaAmon nabazalwana bakhe, ngequbuliso labakho ithemba lokukhululwa.

Ngamanye amaxesha sifana nala maNifayithi athinjiweyo, sibandezeleka ngenxa yezono zethu, sithandabuza ukuba sobuya silufumane uxolo kwakhona. Ngamanye amaxesha sifana no-Amon, siziva sishukunyiselwa ukuba sifikelele kwabanye size ekugqibeleni sifumanise ukuba imigudu yethu iye yabaphembelela ukuba “baphakamise iintloko [zabo], kwaye bagcobe, kwaye babeke ithemba [labo] kuThixo” (Mozaya 7:19). Noba iimeko zethu zinjani, sonke kufuneka siguquke kwaye “siguqukele eNkosini ngenjongo epheleleyo yentliziyo,” ngethemba lokokuba “uya … ku[si]khupha ebukhobokeni” (Mozaya 7:33).

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Mozaya 7:14–33

UYesu Krestu unamandla okundihlangula.

Ukudibana no-Amon kwanika uKumkani uLimhayi ithemba, kwaye wayefuna ukudlulisela elo themba ebantwini bakhe. Mhlawumbi amazwi akhe angakunika ithemba nawe. Ngomxholo, cinga ngokuhlola isimo sabantu baka Limhayi ku Mozaya 7:20–25. Emva koko ucingisise le mibuzo njengoko ufunda Mozaya 7:14–33:

  • Yintoni eyathethwa nguLimhayi ukomoleza ukholo nethemba labantu bakhe kuYesu Krestu?

  • Ngawaphi amabinzana akunceda uve ithemba? (bona imiqolo 19, 33).

  • Ngawaphi amava akuncedileyo uthembe ukuba uThixo uyakwazi kwaye uyakuhlangula?

Mozaya 7:26–27

Ndadalwa “ngemfano kaThixo.”

Ku Mozaya 7:26–27, uLimhayi wacacisa ezinye zeenyaniso ezazifundiswa ngu-Abhinadayi. Zeziphi iinyaniso onokuzichonga kule miqolo? Ezi nyaniso ziyichaphazela njani indlela ombona ngayo uThixo nawe ngokwakho?

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

Mozaya 8:13–19

INkosi ibonelela abaprofeti, iimboni, nabatyhili ukuze bancede uluntu.

Wathi uLimhayi akuva ubugqina bukaAmon bokuba iNkosi ikhulise imboni, uLimhayi, “wagcoba ngokugqithisileyo, kwaye wanikela imibulelo kuThixo” (Mozaya 8:19 Ucinga kutheni wayeziva ngolo hlobo? Sifunda ntoni malunga neemboni kumazwi ka-Amon ku Mozaya 8:13–19?

Namhlanje, sixhasa amalungu oBongameli bokuQala neQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini njengabaprofeti, iimboni nabatyhileli? Babe “luncedo olukhulu” njani kuwe? (Mozaya 8:18). Bakufundise ntoni ngoYesu Krestu?

Ungathini wena, njengo-Amon, ukuthetha ngenkalipho ngemfuneko yabaprofeti, iimboni, nabatyhileli? (bona Mozaya 8:13–18). Ngokomzekelo, ungabelana ngantoni nosapho lwakho okanye kumakhasi onxibelwano oluntu malunga:

  • Iinyaniso ezithe zabuyiselwa kumhla wethu nguJoseph Smith nabanye abaprofeti beNkosi (ezifana nendalo kaThixo, ubuni bethu obungcwele, okanye indalo yanaphakade yosapho). Uhlolo lwalo “UBuyiselo lweNzaliseko yeVangeli kaYesu Krestu” okanye “USapho: ISibhengezo kwiHlabathi” (Ithala leeNcwadi zeVangeli) kusenokukunceda ucinge ngezinye zezi nyaniso.

  • Iintsikelelo zemiyalelo okanye imimiselo (enjengeLizwi loBulumko, umthetho wobunyulu, okanye ukutywinwa kweentsapho).

Kwinyanga ephelileyo, sivile kubaprofeti, iimboni, nabatyhileli kwikomfa yajikelele. Yeyiphi imiyalezo ekukhuthazileyo? Uza kwenza ntoni ngokwahlukileyo ngokusekelwe koko ukufundileyo? Zitheni iimboni zeNkosi “ngezinto ezisezayo?”? (Mozaya 8:17).

Mozaya 9–10

Ndingajongana nimiceli-mingeni yam “emandleni eNkosi.”

UZeniff wavuma ukuba iimpazamo zakhe ziye zabeka abantu bakhe kwimeko enzima. Kodwa kamva, ngelixa leemfazwe ngokuchasene namaLeymenayithi, yena wanceda abantu bakhe ukuba bajongane nemiceli-mingeni yabo ngokholo kwiNkosi. Njengoko ufunda Mozaya 9–10, khangela oko abantu bakaZenif bakwenza ukubonakalisa ukholo lwabo. UThixo wabomeleza njani? Ingaba Yena ukomeleze wena kanjani? Kuthetha ukuthini kuwe ukuhamba phambili “emandleni eNkosi”? ((Mozaya 9:17; 10:10–11).

Mozaya 10:11–17

Ukhetho lwam lunokuba nempembelelo kwizizukulwana.

Njengokuba ufunda Mozaya 10:11–17, chonga ukuba izenzo nezimo zengqondo zezizukulwana zangaphambili zamaLeymenayithi zazichaphazela njani izizukulwana ezalandelayo. Oku kucebisa ntoni ngendlela ukhetho lwakho olunokubachaphazela ngayo abanye—ngokulungileyo okanye okubi—kuquka abo bangekazalwa?

Sebenzisa izifundo zezinto ezibambekayo. Izifundo ngezinto ezibambekayo zenza ukufunda kube mnandi kwaye kukhumbuleke. Mhlawumbi uluhlu weedomino unokubonisa indlela ukhetho lwabantu olunokuchaphazela ngayo inzala yabo (bona Mozaya 10:11–17).

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Mozaya 7:19

UThixo wabanceda abantu kwizibhalo, kwaye Yena unokundinceda mna.

  • Xa abantu bakhe babesengxakini, uKumkani uLimhayi wabelana ngezibhalo ukuze akhe ukholo lwabo. Buza abantwana bakho malunga namabali ezibhalo okanye abalinganiswa ababanceda ukuba babe nokholo. Emva koko ungafunda Mozaya 7:19 kubo ujonge kwakhona amabali akhankanywe kulo mqolo.(bona “IPasika” kunye “AmaSirayeli eNtlango” ku Amabali eTestamente eNdala, 70-76). Mhlawumbi abantwana bakho bangathanda ukuwalinganisa. Yabancenda njani iNkosi abantu kula mabali? Yena unokusinceda njani?

  •   Bancede bachonge indlela iNkosi eyabanceda ngayo abantu kwiNcwadi kaMormoni—kwaye nendlela Yona enokusinceda ngayo.

Mozaya 8:16–18

UThixo usinike abaprofeti, iimboni, nabatyhileli.

  • Enye indlela yokufundisa ngeemboni kukubathelekisa nezinto ezisinceda sibone kakuhle, njengeendondo, ibhayinotyhulali, okanye imayicrosikopi. Emva koko njengoko ufunda Mozaya 8:17 ebantwaneni bakho, bangaphakamisa izandla zabo phezulu emehlweni ngokungathi bajonge kwiibhayinotyhulali ngalo lonke ixesha besiva igama “imboni” (bona kananjalo Moses 6:35–36). Thetha nabo ngezinto iNkosi enceda abaprofeti ukuba “babone” thina esingakwaziyo ukuzibona. Yintoni abasityhilele yona abaprofeti okanye iimboni zethu, abafana noJoseph Smith?

  • Emva kokufunda Mozaya 8:16–18 kunye nabantwana bakho, ungabanceda bacinge ngeendlela zokugqibezela isivakalisi esifana nesi Imboni injengo … osincedayo thina … . Ngokomzekelo, imboni ifana nophawu lwendlela olusalathisa kuYesu.

  • Unokwenza kananjalo imikhondo yenyawo yephepha kwaye umeme abantwana bakho ukuba bazobe imifanekiso kulo yezinto abaprofeti, iimboni, kunye nabatyhili abacebise ukuba sizenze. Beka imikhondo yenyawo kwindlela ejikeleze igumbi, kwaye uvumele abantwana bakho bahambe kule mikhondo yenyawo. Imboni inokuba “luncedo olukhulu” njani kuthi? (bona Mozaya 8:17–18).

Mozaya 9:17; 10:10–11

Xa ndibuthathaka, iNkosi inokundomeleza.

  • Xa abantwana bejamelene nomceli-mngeni, ngamanye amaxesha baziva bebuthathaka kwaye bengenakuncedakala. Uya kubanceda njani abantwana bakho bathembele kumandla eNkosi? Usenokubabuza ukuba yintoni esiyenzayo ukuze somelele ngokwasezimbeni. Kuthetha ukuthini ukuba “nokomelela kwamadoda”? (bona Mozaya 10:11). Kuthetha ukuthini ukuba “[namandla] eNkosi” (bona Mozaya 9:17–18; 10:10). Siwafumana njani amandla eNkosi? Abantwana bakho bangazoba umfanekiso wezinto ezibanceda bafumane amandla eNkosi.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UJoseph Smith kunye noMoronayi

Vision to Joseph Smith [Umbono kuJoseph Smith], nguClark Kelley Price