Yizani, Nindilandele 2024
UCanzibe 13–19: “UKukhanya … Okungasoze Kube Mnyama” Mozaya 11–17


UCanzibe 13–19: “UKukhanya … Okungasoze Kube Mnyama” Mozaya 11–17,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“UCanzibe 13–19. Mozaya 11–17,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
UAbhinadayi engqina kuKumkani uNowa

Abinadi before King Noah [U-Abhinadayi phambi koKumkani uNowa], nguAndrew Bosley

UCanzibe 13–19: “UKukhanya … Okungasoze Kube Mnyama”

Mozaya 11–17

Imililo emikhulu inokuqalisa kwintlantsi enye. UAbhinadayi wayeyindoda enye kuphela eyayingqina ngokuchasene nokumkani onamandla nenkundla yakhe. Amazwi akhe agatywa ubukhulu becala, yaye wagwetyelwa ukufa. Kanti ubungqina bakhe ngoYesu Krestu, “okukukhanya … okungasoze kube mnyama” (Mozaya 16:9), kwavusa into ethile ngaphakathi kombingeleli omncinane uAlma. Kwaye lo ntlantsi yenguquko yakhula kancinane njengoko uAlma wazisa abanye abaninzi enguqukweni naselukholweni kuYesu Krestu. Amadangatye awabulala uAbhinadayi ekugqibeleni acima, kodwa umlilo wokholo owadalwa ngamazwi akhe wawuya kuba nempembelelo yangonaphakade kumaNifayithi—nakwabo bafunda amazwi akhe namhlanje. Uninzi lwethu alusoze lujongane noko uAbhinadayi wakwenzayo ngenxa yobungqina bethu, kodwa sonke sinamaxesha apho ukulandela uYesu Krestu iluvavanyo lwenkalipho nokholo lwethu. Mhlawumbi ukufunda ngobungqina bukaAbhinadayi kuyakuvuthisa amadangatye obungqina nobukhalipa entliziyweni yakho ngokunjalo.

 

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

Mozaya 11–13; 17

Ndingammela uYesu Krestu, nokuba ndime ndedwa.

Ngelixa ufunda Mozaya 11–13; 17, jonga imifanekiso ka-Abhinadayi kolu lwandlalo. Ufunda ntoni ngokuma njengengqina likaKrestu? Ngokukodwa, unokujolisa isifundo sakho kwizicatshulwa nakwimibuzo efana nale:

Kunini apho ukhe waziva ngathi ubume wedwa ukhusela uMsindisi nevangeli yaKhe? Wakunceda njani Yena uzive ukuba Yena wayekunye nawe? Njengoko ucingisisa ngoku, ungafunda ingxelo kaElisha nesicaka sakhe esiselula ku 2 OoKumkani 6:14–17. Yintoni ekuphembelelayo ngale ngxelo?

   

Uya kukusebenzisa njani okufundileyo ku-Abhinadayi   Yeyiphi eminye imizekelo onokucinga ngayo?

Bona kananjalo AbaseRoma 1:16; 2 Timoti 1:7–8.

Fundisa ngoMoya “Ukufundisa okunamandla kwevangeli akufuni nje ukulungiselela isifundo kodwa ukuzilungiselela wena siqu ngokomoya ukuva kwaye ulandele inkokelo yoMoya njengokuba ufundisa.” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 17).

Mozaya 12:19–37

Kumele ndinikele intliziyo yami ekuqondeni ilizwi likaThixo.

Ababingeleli bakaKumkani uNowa babeqhelene nelizwi likaThixo. Babenokucaphula izicatshulwa zezibhalo kwaye bathi bafundisa imithetho. Kodwa, ubomi babo babonakala bungachatshazelwa yivangeli yoMsindisi. Kwakutheni ukuze kube njalo?

Cinga ngoku njengoko ufunda Mozaya 12:19–37. Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukusebenzisa intliziyo yakho ekuqondeni ilizwi likaThixo? Ngawaphi amagama okanye amabinzana akukhuthazayo ukuba wenze utshintsho kwindlela ofunda ngayo ivangeli?

Mozaya 13:11–26

Imithetho kaThixo kufuneka ibhalwe entliziyweni yam.

Cingisisa ngokuqaphela kuka-Abhinadayi ukuba imithetho “yayingabhalwanga [ezintliziyweni]” zababingeleli (Mozaya 13:11). Lithetha ntoni eli binzana? Njengokuba ufunda Mozaya 13:11–26, cinga ukuba ingaba le mithetho ibhaliwe na entliziyweni yakho.

Bona kananjalo Yeremiya 31:31–34; 2 AbaseKorinte 3:3.

Mozaya 14–15

UYesu Krestu wahluphekela mna.

Ku Mozaya 14–15, qaphela amagama namabinzana achaza uMsindisi nondikuhluphekela kwaKhe. Yeyiphi imiqolo encedisa ekwenzeni nzulu uthando nombulelo wakho kuYe?

Mozaya 15:1–12

UYesu Krestu ngokubini unguBawo noNyana njani?

U-Abhinadayi wafundisa ukuba uThixo uNyana—uYesu Krestu uyakuba nguMkhululi (bona Mozaya 15:1), ehleli enyameni, esiba ngumntu noThixo (imiqolo 2–3 Yena wazingenisa ngokupheleleyo ngokwaKhe kwintando kaThixo uBawo (imiqolo 5–9). Ngenxa yoku, uYesu Krestu ngokubini unguNyana kaThixo kwaye ungummeli emhlabeni ogqibeleleyo kaThixo uBawo (bona Yohane 14:6–10).

UYesu Krestu kananjalo unguBawo ngengqiqo yokuba xa sisamkela intlawulelo, siba “yimbewu yakhe” kwaye “iindlalifa zobukumkani bukaThixo” (Mozaya 15:11–12). Ngamanye amazwi, sizalwa ngokwasemoyeni ngaYe (bona Mozaya 5:7

Kutheni usiva kubalulekile ukwazi ezi nyaniso ngoBawo oseZulwini noYesu Krestu? Ubungqina buka-Abhinadayi bomeleza njani ukholo lwakho kuBo?

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Mozaya 11–13; 17

Ndingammela uYesu Krestu, nokuba ndima ndedwa.

  • Ngaxa lithile ebomini bethu, sonke sijamelana nengcinezelo yokwenza ukhetho oluchasene nokholo lwethu kuYesu Krestu. Yintoni abanokuyifunda abantwana bakho ku-Abhinadayi malunga nokuma njengengqina likaYesu Krestu, nokuba oko kungathandwa? Imizobo ekolu lwandlalo inokubanceda babe nomfanekiso-ngqondweni wengxelo eku Mozaya 11–13; 17. Babuze ukuba bathanda ntoni na ngo-Abhinadayi.

  • Abantwana bakho banokukonwabela ukulinganisa iinxalenye zebali lika-Abhinadayi. Emva koko basenokulinganisa izinto ezenzeka ngokwenene ukuze baqhelisele oko banokukwenza ukuba abanye bafuna ukuba benze into engalunganga. Okanye bangabelana ngamava xa babekhaliphile ekulandeleni uYesu Krestu. U-Abhinadayi wamlandela njani uYesu Krestu? (bona Mozaya 13:2–9; 17:7–10). Kwakutheni ukuze uKumkani uNowa angenzi into awayeyazi ukuba ilungile? (bona Mozaya 17:11–12).

Mozaya 12:33–36; 13:11–24

Ndifanele ndithobele iMithetho Elishumi.

  • Ababingeleli bakaKumkani uNowa babeyazi imithetho kodwa babengenayo “[ibhalwe] ezintliziyweni [zabo]” (Mozaya 13:11). Uya kubanceda njani abantwana bakho bayazi imithetho kwaye bayithande? Mhlawumbi banokubhala imithetho evela Mozaya 12:33–36 no 13:11–24 kumaphetshana amile okwentliziyo. Xa besenza oko, thetha nabo malunga nentsingiselo yale mithetho nendlela yokuyilandela. Siyibhala njani le mithetho ezintliziyweni zethu?

  • Ningacula kunye ingoma emalunga nemithetho. Zeziphi iintsikelelo eziza ngokugcina imithetho?

Umfanekiso
Utata nonyana befunda izibhalo

Izibhalo zisifundisa imithetho kaThixo.

Mozaya 14; 16:4–9

UBawo oseZulwini wathumela uYesu Krestu ukuba andikhokele ndibuyele kuYe.

  • Nangona isisahluko esifutshane, Mozaya 14 unamagama amaninzi namabinzana achaza uYesu Krestu. Mhlawumbi wena nabantwana bakho ninokuwadwelisa njengoko nifunda isahluko kunye. Emva koko ungathetha ngendlela oziva ngayo ngoMsindisi njengokuba ufunda la magama namabinzana.

  • Ukufundisa ngoYesu Krestu, u-Abhinadayi wacaphula umprofeti u-Isaya, owasifanisa nezimvu ezilahlekileyo. Mhlawumbi abantwana bakho banokwabelana ngamava xa belahlekelwe yinto ethile okanye belahlekile bona. Baziva njani? Benza ntoni? Emva koko ningafunda kunye Mozaya 14:6 no 16:4–9. Sifana njani nezimvu ezibhadulayo ukusuka kuThixo? UYesu Krestu usinceda njani ukuba sibuyele?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UAbhinadayi engqina kuKumkani uNowa

His Face Shone with Exceeding Luster [Ubuso Bakhe Bakhazimla ngeNkazimlo Egqithisileyo, nguJeremy Winborg