Yizani, Nindilandele 2024
UCanzibe 20–26: “Singene kuMnqophiso kunye naYe.” Mozaya 18–24


“Ucanzibe 20–26: ‘Singene kuMnqophiso kunye naYe.’ Mozaya 18–24,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“UCanzibe 20–26. Mozaya 18–24,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
abantu bakaLimhayi bebaleka

Minerva Teichert (1888–1976), Escape of King Limhi and His People [Ukubaleka kukaKumkani uLimhayi Nabantu Bakhe]1949–1951, ioli kwimasonayithi, 91 cm × 122 cm. IMuyiziyam yoBugcisa yeYunivesithi yeBrigham Young, 1969.

UCanzibe 20–26: Singene kuMnqophiso kunye naYe

Mozaya 18–24

Ingxelo ka-Alma nabantu bakhe ku Mozaya 18; 23–24 ibonisa ukuba kuthetha ukuthini “ukuza kuwo umhlambi kaThixo” (Mozaya 18:8). Xa abantu baka-Alma babhaptizwa, benza umnqophiso noThixo wokuba “bamsebenzele kwaye bayigcine imiyalelo yakhe” (Mozaya 18:10). Nangona oku yayikukuzibophelela ngokobuqu noThixo, kwakunento kananjalo yokwenza nendlela ababephathene ngayo. Ewe, uhambo olubuyela kuBawo oseZulwini lolomntu ngamnye, kwaye akukho mntu unokusigcinela iminqophiso yethu, kodwa oko akuthethi ukuba sisodwa. Siyadingana. Njengamalungu eBandla likaKrestu, sinqophisa ukumkhonza uThixo ngokuncedisa nokukhonza omnye nomnye apha endleleni, “sithwa[li]sane imithwalo yethu” (Mozaya 18:8–10). Abantu baka Alma ngokuqinisekileyo babenemithwalo amabayithwale, njengoko sonke sisenza. Kwaye indlela enye iNkosi esinceda ngayo ukuba “sithwale imithwalo [yethu] ngokulula” (Mozaya 24:15) ingokusinika uluntu labaNgcwele elithembise ukulilisana nathi nokusithuthuzela, njengoko nathi sithembise ukwenza njalo kulo.

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

Mozaya 18:1–17

Xa ndibhaptizwa, ndenza umnqophiso noThixo.

Cinga indlela amakholwa achazwe ku Mozaya 18 ayeziva nzulu ngayo ngoYesu Krestu. Kwakufuneka badibane ngokufihlakeleyo, besengozini enkulu, ukuze bafunde ngaYe (bona umqolo 3). Kwaye bakuba benikwe ithuba lokubonisa ukuzibophelela kwabo ngomnqophiso wobhaptizo, “baqhwaba izandla zabo luvuyo, baze badanduluka: Lo ngumnqweno weentliziyo zethu” (Mozaya 18:11).

Ukufunda le miqolo kunokuba lithuba elihle lokucingisisa ngendlela ebaluleke ngayo iminqophiso yakho. Njengokuba ufunda ngakumbi Mozaya 18:8–14 cinga imibuzo efana nale:

  • Ufunda ntoni kule miqolo ngezithembiso owazenzayo elubhaptizweni? Ukuthembisa ntoni uThixo? (bona imiqolo 10, 13).

  • Ingaba umnqophiso wokukhonza uThixo unxulumana njani nemizamo yethu yokulungiselela komnye nomnye? (bona imiqolo 8–9).

  • Kuthetha ukuthini kuwe “ukuma [njengengqina] likaThixo”? (umqolo 9).

  • Ingaba into yokugcina umnqophiso wobhaptizo ikunceda njani ukuba “uzaliswe nguMoya”? (Mozaya 18:14). Ingaba uMoya ukunceda kanjani ukuba ugcine umnqophiso wakho?

Ukuphendula le mibuzo kunokukhokelela ekubeni ucingisise ukuba kutheni iminqhopiso nemimiselo ibalulekile kuThixo.   Kutheni unombulelo ngeminqophiso yakho? Yintoni oyenzayo ukugcina izithembiso zakho?

Fundisa inyaniso evela kwizibhalo ezingcwele nabaprofeti bemihla yokugqibela. Njengokuba ufundisa—kwaye ufunda—khumbula ukuba enye yendlela ezilungileyo zokwandisa ukholo kuKrestu kukugxila kwizibhalo namazwi abaprofeti bemihla yokugqibela (bona Mozaya 18:19).

Mozaya 18:17–30

UThixo uyalela abantu baKhe ukuba bahlanganisane, balungelelanise, kwaye bamanyane.

Abanye abantu bayazibuza, kutheni silidinga iBandla? Khangela Mozaya 18:17–31, ujonge ixabiso abantu baka-Alma balifumanayo ekuhlanganiseni “kwibandla likaKrestu” (Mozaya 18:17). Kokuphi ukufana okubonayo kwiBandla likaYesu Krestu ngomhla ka-Alma nakwimihla yethu?

Ungaphendula uthini kumhlobo okanye kwilungu losapho elingakholelwayo ukuba ibandla elilungelelanisiweyo liyimfuneko? Kutheni unombulelo ngokuba lilungu leBandla likaYesu Krestu?

Cinga ngento onokuyenza ukuze uncede iwadi yakho okanye amalungu esebe “athungelane elumanyanweni naseluthandweni” (Mozaya 18:21).

Mozaya 21–24

UThixo uyandinceda ukuthwala imithwalo yam.

Abantu bakaLimhayi nabantu baka-Alma bobabini bawela ebukhobokeni, nangona babekwiimeko ezahlukeneyo. Yintoni onokuyifunda ngokuthelekisa iingxelo zabantu bakaLimhayi ku Mozaya 19–22 nezabantu baka-Alma ku Mozaya 18; 23–24? Njengoko usenza, khangela imiyalezo esebenza kubomi bakho. Ngokomzekelo, kuthetha ukuthini “ukuphumelela ngamaqondo-ngamaqondo”? (Mozaya 21:16). Unokuwosebenzisa njani lo mgaqo?

Mozaya 23:21–24; 24:8–17

Ndingayithemba iNkosi.

Nangona babeguqukile ezonweni zabo, uAlma nabantu bakhe bazifumana besekuthinjweni. Amava abo abonisa ukuba ukuthembela eNkosini nokuphila iminqophiso yethu akusoloko kuyisusa imiceli-mingeni yethu, kodwa iyasinceda ukuba siyoyise. Njengoko ufunda Mozaya 23:21–24 no 24:8–17, qaphela amagama namabinzana anokukunceda ukuba ufunde ukuthembela eNkosini, nokuba zithini na iimeko zakho.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Mozaya 18:7–17

Xa ndibhaptizwa, ndenza umnqophiso noThixo.

  • Enye indlela ebalulekileyo yokunceda abantwana bakho balungiselele ukubhaptizwa kukubafundisa ngomnqophiso abaza kuwenza xa bebhaptizwa. Oku kunokuba lula njengokubonisa umfanekiso ekupheleni kolwandlalo lwale veki nokufunda ngomnqophiso kunye nabo ku Mozaya 18:9–10. Cinga ngokumema umntwana osele ebhaptiziwe ukuba afundise abantwana abancinane oku. Abantwana bakho banokukuvuyela ukuva ngobhaptizo lwakho. Ukugcina iminqophiso yakho noThixo kubusikelele njani ubomi bakho?

  • Abantwana ababhaptiziweyo banokusebenzisa rhoqo izikhumbuzi malunga neminqophiso abayenzayo kwaye bayihlaziye rhoqo ngeveki ngomthendeleko. Mhlawumbi abantwana bakho banokuthelekisa umnqophiso wobhaptizo ochazwa ku Mozaya 18:8–10 nemithandazo yomthendeleko (bona IMfundiso neMinqophiso 20:77, 79). Singenza njani ukuba umthendeleko ube lixesha elikhethekileyo, elinentlonipho, kanye njengokuba lwalunjalo ubhaptizo lwethu?

Umfanekiso
intombazana encinane ibhaptizwa

Senza umnqophiso noThixo xa sibhaptizwa.

Mozaya 18:17–28

Xa ndibhaptizwa, ndiba lilungu leBandla likaYesu Krestu.

  • Ngaba abantwana bakho bayayazi ukuba kuthetha ukuthini ukuba lilungu leBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela? Cinga ngokubanceda bafumane imifanekiso emele izinto ezenziwa ngamalungu eBandla ku Mozaya 18:17–28. Ngokomzekelo, imifanekiso Umiselo kuBubingeleli noBhatalo lweSishumi (INcwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani. 106113) zinokumela imiqolo 18 no 27–28. Baxelele ukuba kutheni unombulelo ngokuba lilungu leBandla likaYesu Krestu.

  • Ukunceda abantwana bazive “bethungelene elumanyanweni naseluthandweni” (Mozaya 18:21) kubanceda bahlale beqhagamshelwe eBandleni ubomi babo bonke. Cinga ngoku mema abantwana bakho ukuba bafunde Mozaya 18:17–28. Yintoni eyenziwa ngamalungu eBandla likaKrestu ngomhla ka-Alma ukuze athandane kwaye akhonzane? Singakwenza njani oku kwiwadi yethu, kwisebe, okanye kuluntu lwethu?  

Mozaya 24:8–17

UThixo unokuwenza lula umthwalo wam.

  • Isifundo sento elula sinokwenza ukufunda kukhumbuleke ngakumbi. Cinga ngokuzalisa ingxowa ngezinto ezinzima (ukumela imithwalo) kwaye umeme umntwana ukuba abambe ingxowa. Njengokuba ufunda Mozaya 24:8–17 nabantwana bakho, bacele ukuba bakhuphe into ethile engxoweni ngalo lonke ixesha besiva ngento eyenziwa nguAlma nabantu bakhe ukufuna uncedo lukaThixo ngemithwalo yabo. Emva koko ungathetha nabo malunga nendlela uBawo oseZulwini anokwenza ngayo imithwalo yethu ibe khaphukhaphu xa sifuna uncedo lwaKhe.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
abantu bebhaptizwa

The Waters of Mormon [Amanzi kaMormoni], nguJorge Cocco