Yizani, Nindilandele 2024
EyeThupha 5– 11: “Icebo Elikhulu loVuyo.” Alma 39–42


Alma 5–11: ‘Icebo Elikhulu loVuyo.’ Alma 39–42,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeThupha 5–11. Alma 39–42,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UYesu eshiya ingcwaba

He Is Risen [Yena uVukile], nguDel Parson

EyeThupha 5–11: “Icebo Elikhulu loVuyo”

Alma 39–42

Xa umntu esimthandayo enze impazamo enkulu, kunokuba nzima ukwazi indlela yokusabela. Inxalenye yento eyenza u Alma 39–42 axabiseke kakhulu kukuba utyhila indlela uAlma—umfundi kaKrestu owakhe wanezakhe izono ezibuhlungu ukuba aguquke—wayiphatha njani imeko enjalo. Unyana ka-Alma uKoreyantan wayenze isono sesondo, kwaye uAlma, njengoko wayefundile ukwenza ebufundisini bakhe, wathembela kumandla emfundiso eyinyani ukuba anike unyana wakhe umbono wanaphakade kwaye akhuthaze inguquko (bona Alma 4:19; 31:5). Kwezi zahluko, sibona ukukhalipha kuka-Alma ekugwebeni isono kunye nobubele bakhe nothando lukaKoreyantan. Kwaye ekugqibeleni, siyayiva intembeko ka-Alma yokuba uMsindisi “[u]ya kuza ukuba athabathele kuye izono zehlabathi; ewe, uyeza ukuze avakalise iindaba zovuyo zosindiso kubantu bakhe.” (Alma 39:15). Inyaniso yokuba uKoreyantan waguquka waza ekugqibeleni wabuyela emsebenzini wobufundisi (bona Alma 49:30) ingasinika ithemba loxolelo nenkululeko xa sikhathazwa zizono zethu okanye zomntu esimthandayo ( bona Alma 42:29).

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

Alma 39

Umfanekiso
seminary icon
Ndinokusinxwema isono socantsi.

Icebiso likaAlma kunyana wakhe uKoreyantan ku Alma 39 inika ithuba elihle lokufunda ngeziphumo ezitshabalalisayo zesono socantsi, ukuquka izinto zoburheletyo. Mhlawumbi ngokubaluleke kakhulu, isenokukunceda uqonde umnikelo woMsindisi woxolelo nonyango kubantu abaguqukayo Le mibuzo kunye nemisebenzi inganceda:

  • Zeziphi iimpazamo ezakhokelela ekubeni uKoreyantan ophule umthetho wokuzigcina nyulu? (bona Alma 39: 2–4, 8–9). Zabayintoni iziphumo zemisebenzi yakhe? (bona imiqolo 5–13). Bobuphi ubungqina esinabo obuthi uKoreyantan waguquka? (bona Alma 42:31; 49:30; 48:18). Yintoni oyifundayo ngoMsindisi kula mava?

  •   Kanti bhala eyakho inkcazo yokuba buyintoni na uburheletyo, kungani buyingozi, kwaye uyakwenza ntoni na wakujamelana nabo. (Bona kananjalo Mateyu 5:27–28 kunye IMfundiso neMinqophiso 63:16.)

  • Unokumchazela njani umhlobo wakho isizathu sokuba ukhethe ukuziba uburheletyo uze uphile ngomthetho wobunyulu?  

Alma 40–41

Yintoni eza kwenzeka kum emveni kokuba ndifile?

UKoreyantan wayenemibuzo malunga nokuba kwenzeka ntoni emva kokufa. Iinkxalabo zakhe zakhokelela u-Alma ekubeni afundise imigaqo efumaneka ku Alma 40–41. Njengoko ufunda, yenza uluhlu lweenyaniso ozifumanayo izinto ezifana nehlabathi lemimoya, uvuko ekufeni, nomgwebo. Cinga ngokufunda ezi zahluko ngokwembono yalowo, njengoKoreyantan, kufuneka aguquke—emva kwako konke yinyani leyo kuthi sonke.

Alma 40

Ndingafuna iimpendulo kwimibuzo yam ngokholo kuYesu Krestu.

Ngamanye amaxesha sinokucinga ukuba abaprofeti bayayazi impendulo kuwo wonke umbuzo wevangeli. Kodwa qaphela imibuzo engaphendulwanga u-Alma awayenayo kwi sahluko 40. Wenza ntoni ukuze afumane iimpendulo? Wenza ntoni xa engenazo iimpendulo? Umzekelo ka-Alma unokukunceda njani?

Umfanekiso
umfazi ethandaza

Umthandazo yenye yendlela esinokufumana ngayo iimpendulo kwimibuzo yevangeli

Alma 42

INtlawulelo kaYesu Krestu yenza inkululeko yenzeke.

UKoreyantan wayekholelwa ukuba isohlwayo sezono sasingafanelekanga (bona Alma 42:1). Ngokuka Alma 42, uAlma wayilungisa njani inkxalabo yakhe? Usenokucwangcisa izicatshulwa zesi sahluko zibe ngamaqela amabini: “UThixo Ulilungisa” kwaye “UThixo unenceba.” Intlawulelo yoMsindisi yenza njani ukuba zombini ubulungisa nenceba zbekho?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadiLiyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Alma 39:1,10–11

Umzekelo wam omhle unokukhokelela abanye kuKrestu.

  • Ingcebiso ka-Alma eya kuKoreyantan inokunceda abantwana bakho baqonde ukubaluleka kokuba ngumzekelo omhle. Cinga ngokufunda kunye Alma 39:1. Umntakwabo Koreyantan uShiblani wayengumzekelo omhle njani? Abantwana bakho banokufumana iimpendulo ezongezelelweyo kulo mbuzo ku Alma 38:2–4.

  • Nisenokudlala umdlalo apho wena nabantwana bakho nitshintshisane ngokulandelana okanye nilinganisa omnye nomnye. Sebenzisa lo mdlalo ukubonisa indlela izenzo zethu ezinokunceda ngayo abanye benze ukhetho olufanelekileyo. Nceda abantwana bakho bacinge ngeendlela abanokuba ngumzekelo olungileyo ngazo.

  • Ngethotshi okanye umfanekiso welanga, unokuthelekisa ukukhanya namandla omzekelo omhle. Wena nabantwana bakho ningajonga imifanekiso kaYesu esenza izinto ezilungileyo kwaye ethetha ngomzekelo awasimisela wona.

Alma 39:9–13

Ngenxa kaYesu Krestu, ndinokuguquka xa ndisenza iimpazamo.

  • Ngaphandle kokungena kwinkcukacha malunga nobume bezono zakhe, cacisa ukuba uKoreyantan wenza ukhetho olungalunganga. Singathini ukumnceda? Cinga ngokufundela abantwana bakho u Alma 39:9 kwaye ubancede baqonde ukuba inguquko kunye nokushiya kuthetha ukuthini na. Ngqina ukuba inguquko inokwenzeka ngoYesu Krestu kunye neNtlawulelo yaKhe.

  • Nasi isifundo sezinto sokubonisa uvuyo lwenguquko: Nika umntwana into enzima ukuba ayibambe ngelixa ubalisa ibali lomntu owenza into engalunganga kwaye waziva kakubi. Xelela abantwana bakho ukuba loo nto ifana neemvakalelo ezimbi esinokuba nazo xa senza impazamo. Thatha into enzima emntwaneni njengoko ungqina ukuba uBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu banokususa iimvakalelo ezinzima, nezimbi kwaye basincede sibengcono xa siguquka.

Alma 40:6–7, 11–14, 21–23

Emva kokuba sifile, imimoya yethu iya kwilizwe leMimoya kude kube luVuko ekufeni noMgwebo.

  • Kuyinto eqhelekileyo ukuzibuza ukuba kwenzeka ntoni kuthi emva kokuba sifile. Yintoni onokuyenza ukunceda abantwana bakho bafumane iimpendulo eziphenjelelweyo? Ungabhala ukufa, ilizwe lemimoya (iparadesi kunye nentolongo yomoya), uvuko ekufeni, kunye nomgwebo kumaphepha ahlukeneyo. Nceda abantwana bakho baqonde ukuba la magama athetha ukuthini. Njengoko nifunda kunye Alma 40:6–7, 11–14, 21–23, abantwana bakho banokubeka amagama ngolandelelwano avela ngalo kule miqolo.

  • Abantwana abadala banokuzuza ngokufumana iimpendulo kwimibuzo ngokuphanda Alma 40:6–7, 11–14, 21–23. Cinga ngokubuza abantwana bakho imibuzo enokuphendulwa kule miqolo, njengokuthi “Uya kuba njani umzimba wam xa ndivuswa ekufeni?” Bameme ukuba bakhangele iimpendulo kwi miqolo efanelekileyo.

    Umfanekiso
    UMariya noYesu

    Mary and the Resurrected Lord [uMariya neNkosi Evuke Ekufeni], ngu Harry Anderson

  • Ngaba abantwana bakho banamntu bamaziyo owafayo? Mhlawumbi unokuthetha ngokufutshane ngaloo mntu. Nika ubungqina bakho ukuba ngenye imini yena—kunye nabo bonke abanye—baya kuvuswa ekufeni ngenxa kaYesu Krestu. Ukuba kuyimfuneko, sebenzisa iphepha lomsebenzi wale veki ukuchaza ukuba kuthetha ukuthini ukuvuswa kwabafileyo.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UAlma noKoreyantan

This My Son [Lo nguNyana Wam], nguElspeth Caitlin Young