Yizani, Nindilandele 2024
EyeThupha 12–18: “Yimani Nithi Nkqi eluKholweni lukaKrestu.” Alma 43–52


“EyeThupha 12–18: ‘Yimani Nithi Nkqi eluKholweni lukaKrestu.’ Alma 43–52,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeThupha 12–18. Alma 43–52,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UMoronayi nebhanile yenkululeko

For the Blessings of Liberty [OkweeNtsikelelo zeNkululeko], nguScott M. Snow

EyeThupha 12–18: “Yimani Nithi Nkqi eluKholweni lukaKrestu”

Alma 43–52

Xa sifunda la mazwi ekuqaleni kuka Alma isahluko 43—“Kwaye ngoku ndibuyela kwingxelo yeemfazwe phakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi”—kungokwemvelo ukuzibuza ukuba kwakutheni uMormoni waquka la mabali emfazwe xa wayenesithuba esilinganiselweyo emacwecweni (bona AMazwi kaMormoni 1:5). Kuyinyani ukuba sinesabelo sethu seemfazwe kwimihla yokugqibela, kodwa kukho ixabiso kumazwi akhe ngaphaya kwenkcazelo yeqhinga nentlekele yemfazwe. Amazwi akhe kananjalo asilungiselela imfazwe apho “sonke sibaliwe” (Hymns, no. 250), imfazwe esiyilwa usuku ngalunye ngokuchasene nemikhosi yobubi. Le mfazwe yeyokwenene, yaye isiphelo sichaphazela ubomi bethu obungunaphakade. NjengamaNifayithi, siphenjelelwa yinjongo engcwele—“uThixo wethu, inkolo yethu, nenkululeko, noxolo lwethu, abafazi bethu, nabantwana bethu”—oko uMoronayi wayibiza ngokuba “yinjongo yamaKrestu” (Alma 46:12, 16).

Izimvo zokufunda eKhaya naseBandleni

Alma 43–52

UYesu Krestu angandinceda ngamadabi am okomoya.

Njengoko ufunda u Alma 43–52, qaphela ukuba yintoni eyenziwa ngamaNifayithi eyawenza aphumelela (okanye angaphumeleli). Emva koko cingisisa ngendlela onokukusebenzisa ngayo oko ukufundayo ukuze uphumelele amadabi akho omoya. Bhala iingcinga zakho ngezantsi:

Kananjalo, bona ukuba ungafunda ntoni na kwiinzame zeentshaba zamaNifayithi. Cingisisa ngendlela uSathana anokuhlasela ngayo ngeendlela ezifanayo:

  • Alma 43:8: uZerahemna wazama ukwenza abantu bakhe babenomsindo ukuze abe namandla phezu kwabo. (USathane usenokundihenda ukuba ndenze ngomsindo.)

  • Alma 43:29:

  • Alma 46:10:

  • Alma 47:10–19:

Umfanekiso
AmaNifayithi esilwa amaLeymenayithi.

NguMinerva Teichert (1888–1976), Defense of a Nephite City [Ukukhuselwa kweSixeko]1949–1951, ioli kwimasonayithi, 91 cm × 122 cm. IMuyiziyam yoBugcisa yeYunivesithi yeBrigham Young, 1969.

Alma 46:11–28; 48:7–17

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
“Yimani Nithi Nkqi elukholweni lukaKrestu.”

Ngaba ufuna ukunciphisa amandla omchasi ebomini bakho? Enye indlela kukulandela isiyalo esiku Alma 48:17 sokuba sibe “njengoMoronayi.” Cingisisa ngokwenza uluhlu lwamagama achaza uMoronayi njengokuba ufunda u Alma 46:11–28; 48:7–17. Ufunda ntoni kuMoronayi malunga “[ngokuma] nkqi elukholweni lukaKrestu”? (Alma 46:27).

Usenokufunda ngendlela uMoronayi awaphembelela ngayo abanye “kwinjongo yamaKrestu” (bona Alma 46:11–22). Ungayichaza njani loo njongo? Yintoni onokuyenza ukuze uthathe inxaxheba kuyo? Unokubakhuthaza njani abanye ukuba bathathe inxaxheba?

Inye into eyenziwa nguMoronayi ukukhuthaza abanye yayikukudala ibhanile yenkululeko, eyagxininisa imigaqo yokuvuselela amaNifayithi. (bona umqolo 12). Yeyiphi imigaqo egxininiswa ziinkokeli zethu zeBandla kumhla wethu? Ungayikhangela kwimiyalezo yamva nje yekomfa kajikelele. Ungashwankathela oko bakufundisayo kwiingxelo ezilula ukwenza eyakho ibhanile yenkululeko—into yokukukhumbuza ukuba unyaniseke kuMsindisi nevangeli yaKhe.

Alma 47

USathana uyahenda kwaye akhohlise kancinci kancinci.

USathana uyazi ukuba akunakwenzeka ukuba wenze izono ezikhulu okanye ukholelwe ubuxoki obucacileyo. Ngoko ke, usebenzisa ubuxoki obuchuliweyo nezilingo ezincinane—ezininzi acinga ukuba uya kuzamkela—ukukukhokelela kude kukhuseleko lobomi bobulungisa.

Khangela iphatheni ku Alma 47, kwaye ucingisise ukuba uSathana uzama njani ukukukhohlisa wena. Qwalasela ezi mbono ezivela kuMdala uRobert D. Hales:

“Umngcatshi uAmalikhaya wabongoza uLihontayi ukuba ‘ehle’ aze ahlangane naye entlanjeni. Kodwa xa uLihontayi wawushiya umhlaba ophakamileyo, wagalelelwa ityhefu ‘ngamanqanaba’ wade wafa, kwaye umkhosi wakhe wawela ezandleni zika-Amalikhaya (bona Alma 47). Ngeengaxabano nezityholo, abanye abantu basihenda ukuba sishiye umhlaba ophakamileyo. Umhlaba ophakamileyo kulapho kukho khona ukukhanya. … Ngumhlaba okhuselekileyo” (“Christian Courage: The Price of Discipleship,” Liahona, EyeNkanga 2008, 74).

Bona kananjalo Nehemiya 6:3; 2 Nifayi 26:22; 28:21–22.

Alma 50–51

Umanyano luzisa ukhuseleko.

Ngaphandle kwezikrweqe neenqaba zamaNifayithi, amaLeymenayithi ngokukhawuleza athimba uninzi lwezixeko zawo (bona Alma 51:26–27). Kwenzeka njani oko? Khangela iimpendulo njengoko ufunda ezi zahluko (bona ngakumbi Alma 51:1–12). Cingisisa ukuba zeziphi izilumkiso enokuthi le ngxelo ibe nazo kuwe nakusapho lwakho.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Alma 43:17–21; 48:7–8; 49:1–5; 50:1–6

Ndingafumana ukhuseleko lomoya kwivangeli kaYesu Krestu.

  •    Njengokuba ufunda ngesikrweqe samaNifayithi ku Alma 43:19, unokuthelekisa isikrweqe esikhusela imizimba yethu nezinto uThixo asinike zona ukuze sikhusele umoya wethu. Mhlawumbi wena nabantwana bakho ninokuzoba umfanekiso womntwana nize nongezelele intwana yesikrweqe kumfanekiso wayo yonke into abantwana benu abanokuyichaza esikhusela ngokomoya.

  • Le miqolo ichaza iinqaba ezakhiwa ngamaNifayithi: Alma 48:7–9; 49:1–9; 50:1–6. Emva kokufunda le miqolo kunye, abantwana bakho banokukonwabela ukwakha inqaba ngezinto ezifana nezitulo neengubo.

Alma 46:11–16; 48:11–13, 16–17

Ndingama ndithi “nkqi elukholweni lukaKrestu” njengoMphathi uMoronayi.

  • Abantwana bakho banokujonga imifanekiso ekolu lwandlalo ukubalisa ibali lebhanile yenkululeko (bona Alma 46:11–16). Yintoni uMoronayi awayefuna abantu bayikhumbule (bona umqolo 12)? Yintoni uBawo oseZulwini afuna siyikhumbule? Mhlawumbi abantwana bakho banokuzenzela ezabo “iibhanile zenkululeko” ngamabinzana okanye imifanekiso eya kubanceda bakhumbule ezi zinto.

  • Ukufundisa abantwana bakho malunga nokuma “nkqi elukholweni lukaKrestu” njengoMoronayi (bona u Alma 48:13), ungabanceda bafumane kwaye bachukumise into ethe nkqi. Kuthetha ukuthini ukuba ukholo lume “nkqi”? Fundani kunye Alma 48:11–12 ukuze nifumanise ukuba yintoni eyenza uMoronayi wathi nkqi elukholweni lwakhe kuKrestu. Yintoni esinokuyenza ukuba sibe “nkqi elukholweni lukaKrestu”?

Alma 47:4–19

USathana uyasilinga kwaye uyasikhohlisa kancinci kancinci.

Fundani kunye imiqolo ezikhethiweyo ku Alma 47:4–19. Ngekwenzeke ntoni ukuba uAmalikhaya wayemxelele uLihontayi into awayeceba ukuyenza kwasekuqaleni? Le miqolo isifundisa ntoni ngendlela uSathana azama ukusilahlekisa ngayo?

Nceda abantwana bakho bakhe ukuzithemba. Abanye abantwana banokuziva bengakwazi ukufunda ivangeli bebodwa. Enye indlela yokwakha ukuzithemba kwabo kukubancoma xa bethatha inxaxheba ekufundeni. Ungalisebenzisa phi eli cebiso kwizinto ezenziwa kolu lwandlalo?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UMoronayi ebambe ibhanile yenkululeko

Title of Liberty [iBhanile yeNkululeko], nguLarry Conrad Winborg.

© 2018 nguLarry Conrad Winborg