Yizani, Nindilandele 2024
EyeThupha 19–25: “Balondolozwa ngaloo Mandla aKhe Amangalisayo.” Alma 53–63


“Eyethupha 19–25: ‘Balondolozwa ngaloo Mandla aKhe Amangalisayo.’ Alma 53–63” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeThupha 19–25. Alma 53–63,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
amagorha amagatyana angamawaka amabini

Two Thousand Young Warriors [Amagorha Amagatyana Angamawaka Amabini], nguArnold Friberg

EyeThupha 19–25: “Balondolozwa ngaloo Mandla aKhe Amangalisayo”

Alma 53–63

Xa kuthelekiswa nemikhosi yamaLeymenayithi, “umkhosi omncinane” kaHilamani (Alma 56:33) wabafana wawungamelanga ukuba ume ithuba. Ngaphandle nje kokuba babembalwa ngenani, amajoni kaHilamani “bebonke … bebeselula kakhulu,” kwaye “abazange bakhe balwe,” (Alma 56:46–47). Ngeendlela ezithile, imeko yabo isenokubonakala iqhelekile kwabo kuthi maxa wambi abavakalelwa kukuba bambalwa yaye bonganyelwe lidabi lethu lemihla yokugqibela ngokuchasene noSathana nemikhosi yobubi ehlabathini.

Kodwa umkhosi kaHilamani wawuneenzuzo ezithile ezilungileyo ngaphezu kwamaLeymenayithi ezazingenanto yakwenza namanani okanye isakhono sasemkhosini. Bakhetha uHilamani, umprofeti, ukuba abakhokele (bona Alma 53:19); “babefundiswe ngoonina babo, okokuba ukuba abathandabuzi, uThixo angabahlangula.” (Alma 56:47); kwaye babe “[no] kholo olugqithileyo kuloo nto ebabeyifundisiwe.” Nje ngesiphumo, babekhuselwe “ngamandla kaThixo amangalisayo,” (Alma 57:26). Ngoko xa sijamelene namadabi obomi, sinokuba nenkalipho. Umkhosi kaHilamani usifundisa ukuba “ku[kho] uThixo olilungisa, kwaye nabani na [nga]thandabuziyo,[anga] londolozwa ngaloo mandla akhe amangalisayo.” (Alma 57:26).

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

Alma 53:10–22; 56:43–49, 55–56; 57:20–27; 58:39–40

Umfanekiso
seminary icon
Ukuba nokholo kuThixo kundinceda ndoyise uloyiko.

Ukuba kwakungenga nxa yakholo lwabo, amajoni aselula kaHilamani ngewayenesizathu esilungileyo sokuziva esoyika. Kodwa ngenxa yokholo lwabo, ayenesizathu esingakumbi sokuba nenkalipho. Njengokuba ufunda ngabo ku Alma 53–58, khangela izinto ezikuncedayo ukuba ujongane noloyiko lwakho ngokholo kuKrestu. Cinga ngokugxila kule miqolo: Alma 53:10–22; 56:43–49, 55–56; 57:20–27; no 58:39–40. Olu cwecwe lungakunceda ubhale oko ukufumeneyo.

Iimpawu zamajoni aselula kaHilamani:

Izizathu ezinokwenzeka ukuba ukholo lwabo kuKrestu lomelele ngolu hlobo:

Oko bakwenzayo ukukholwa kuKrestu:

Indlela awabasikelela ngayo uThixo:

Ukuze soyise amadabi ethu okomoya, sikwafuna namandla kaYesu Krestu. Ungathini na ukuwafikelela amandla aKhe?   Usenokuthelekisa iingcebiso zakhe nezinto ezenziwa ngamajoni ka Hilamani.

Emva kokufunda ezi zinto, cinga ngamadabi akho okomoya. Bhala phantsi into oziva uphenjelelwe ukuba uyenze ukusebenzisa ukholo lwakho kuYesu Krestu.

Umfanekiso
amajoni aselula kunye nonina

They Did Not Doubt [Bona Abazange Bathandabuze], nguJoseph Brickey

Alma 58:1–12, 31–3761

Abalandeli bakaYesu Krestu abakhubeki msinya.

UHilamani noPhahorani babenezizathu zokukhubeka. UHilamani wayengafumani nkxaso yemikhosi yakhe, kwaye uPhahorani watyholwa ngobuxoki nguMoronayi ngokubamba loo nkxaso (bona Alma 58:4–9, 31–32; 60). Yintoni ekuchukumisayo malunga neempendulo zabo ku Alma 58:1–12, 31–37 no Alma 61? Ucinga ukuba kwakutheni baphendule ngolu hlobo?

UMdala uDavid A. Bednar walatha kuPhahorani njengomzekelo wokululama waze wafundisa ukuba “eyona mizekelo ibalaseleyo kwaye enentsingiselo yolulamo ifumaneka kubomi boMsindisi ngokwaKhe” (“Meek and Lowly of Heart,” Liahona, uCanzibe 2018, 32). Cingisisa ukuba uMsindisi walubonakalisa njani ululamo. Bona, umzekelo, Mateyu 27:11–26; Luka 22:41–42; Yohane 13:4–17. Unokuwulandela njani umzekelo waKhe?

Alma 60:7–14

Ndinoxanduva lokuphakamisa abantu abandijikelezileyo.

UMoronayi wabhala ukuba uThixo wayeya kumbeka uPhahorani uxanduva ukuba wathi ngabom akazihoya iimfuno zemikhosi yamaNifayithi. Ufunda ntoni ku Alma 60:7–14 malunga nokukhathalela abantu abasweleyo? Yintoni onokuyenza ukuze wazi ngakumbi kwaye uhlangabezane neemfuno zabanye?

Alma 62:39–51

Ukuba ndithobekile, iimbandezelo zinokuyibuyisela intliziyo yam kuThixo.

Beka iqanda elikrwada kunye netapile emanzini abilayo ukuze zikuncede ucinge ngendlela onokukhetha ngayo ukuba “uthambe” okanye “uqiniswe” zizilingo zakho. Ngelixa iqanda lakho kunye netapile ziphekeka, funda Alma 62:39–51, kwaye qaphela indlela abantu abasabela ngayo kubufundisi bukaHilamani emva kwemfazwe yabo ende namaLeymenayithi. Unokuthelekisa oku nendlela abasabela ngayo ekushumayeleni kwakhe kwiminyaka eli-13 ngaphambili (bona Alma 45:20–24). AmaNifayithi achatshazelwa njani ngokwahlukileyo ziimbandezelo ezifanayo? Xa iqanda kunye netapile zivuthiwe, liqhekeze iqanda kwaye usike itapile. Amanzi abilayo awachaphazela njani ngokwahlukileyo? Ufunda ntoni ngendlela esinokukhetha ukusabela ngayo xa sibandezekile? Ungabuyela njani kuThixo ngamaxesha okubandezeleka kwakho?

Sebenzisa amava asekhaya. Ukuba ufundisa iklasi yeBandla, cela amalungu eklasi ukuba abelane ngoko bakufunde ekhaya. Ngokomzekelo, funda oko bakufundileyo ngembandezelo nentobeko ekubiliseni amaqanda kunye neetapile.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadiLiyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Alma 53:20–2156:47–48

Ndingathembeka kuThixo njengamajoni aselula kaHilamani.

  • Iphepha lomsebenzi wale veki linokunceda abantwana bakho bacinge ngeendlela abanokuthi bafane nomkhosi kaHilamani. Cinga ngokwabelana ngezinye zeempawu zamajoni aselula avela ku Alma 53:20–21 ukuze baqalise.

Alma 56:45–48; 57:21

Ndingathembeka kwimfundiso yabazali bam ngobulungisa.

  • Amajoni aselula kaHilamani ajonga elukholweni loomama xa babejongene nemiceli-mingeni emikhulu. Mhlawumbi unokufunda u Alma 56:46–48 kunye nabantwana bakho kwaye ubameme ukuba baphulaphule oko oomama baba bafana abancinane babafundisayo ngokholo. Ungababuza ukuba yintoni abayifundileyo kubazali babo—okanye kwabanye abantu abadala abathembekileyo—malunga noMsindisi. Kutheni kubalulekile ukuthobela “ngokufanelekileyo”? (Alma 57:21).

  • Ungenza njani wena—njengoomama bamajoni—ukuqinisekisa ukuba abantwana bakho bayazi ngokholo lwakho kuThixo? Enye indlela kukwabelana nabanye ngendlela ukholo lwakho eluchaphazela ngayo ubomi bakho. Ngokomzekelo, “Ukuhlangule” njani wena xa “ungazange uthandabuze”?

Umfanekiso
Umama efundisa unyana wakhe

Seed of Faith [Imbewu yoKholo], nguJay Ward

Alma 53:10–18

Ndingayigcina iminqophiso yam kunye noBawo oseZulwini.

  • Abantwana bakho basenokuthetha ngexesha apho umntu othile wenza isithembiso waza wasigcina. Baziva njani xa isithembiso sagcinwayo? Unokufunda u Alma 53:10–18 kwaye umeme abantwana bakho ukuba bajonge indlela uHilamani, abantu baka-Amon, kunye noonyana babantu baka-Amon benza kwaye bazigcina ngayo izithembiso zabo, okanye iminqophiso. Ungabelana ngendlela uBawo oseZulwini akusikelela ngayo njengokuba ugcina iminqophiso yakho.

Alma 61:3–14

Ndingakhetha ukungacaphuki.

Cinga ngokumema abantwana bakho ukuba bacinge ngexesha apho batyholwa ngokwenza into abangayenzanga. Baxelele ngendlela okwenzeka ngayo oku kuPhahorani (bona Alma 60–61). Ukufunda ngendlela uPhahorani awasabela ngayo, tshintshisana ngokufunda imiqolo ku Alma 61:3–14. Wenza ntoni uPhahorani xa uMoronayi wayemtyhola? (bona Alma 61: 2–3, 8–9). Sifunda ntoni ngoxolelo kumzekelo woMsindisi? (bona Luka 23:34).

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadiUmhlobo.

Umfanekiso
amagorha amagatyana angamawaka amabini

It’s True, Sir, All Present and Accounted For [Yinyani, Mhlekazi, Bonke Bakho kwaye baBaliwe]nguClark Kelley Price