Yizani, Nindilandele 2024
EyoMnga 2–8: “Ukubagcina eNdleleni Elungileyo.” Moronayi 1–6


“EyoMnga 2–8: ‘Ukubagcina eNdleleni Elungileyo.’ Moronayi 1–6,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyoMnga 2–8. Moronayi 1–6,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UAlma ebhaptiza abantu kuManzi kaMormoni

Minerva Teichert (1888–1976), Alma Baptizes in the Waters of Mormon [Alma eBhaptiza kumanzi kaMormoni]1949–1951, i-oli kwimasonayithi, 91cm x 122 cm. Iyunivesithi yaseBrigham Young iMuziyam yoBugcisa, 1969.

EyoMnga 2–8: “Ukubagcina eNdleleni Elungileyo”

Moronayi 1–6

Emva kokuba egqibile ukubhala imbali kayise yamaNifayithi nokushwankathela imbali yamaYeredayithi, uMoronayi wacinga ekuqaleni ukuba umsebenzi wakhe wokugcina imbali wawenziwe (bona Moronayi 1:1). Kokuphi okunye okwakuzakuthethwa ngezizwe ezimbini ezatshatyalaliswa ngokupheleleyo? Kodwa uMoronayi wayewabonile amaxesha ethu (bona Mormoni 8:35), kwaye waphenjelelwa ukuba “abhale ezinye ezimbalwa izinto, ukuze mhlawumbi zingaba nexabiso … ngamhla uthile ozayo” (Moronayi 1:4). Wayesazi ukuba ukreqo oluxhaphakileyo lwalusiza, luzisa ukubhideka malunga nemimiselo yobubingeleli nenkolo ngokubanzi. Oku kusenokuba sisizathu sokuba anike iinkcukacha ezicacisayo malunga nomthendeleko, ubhaptizo, nokunika isipho soMoya oyiNgcwele, neentsikelelo zokuhlanganisana namanye amakholwa ukuba “[ba]gcinwe endleleni elungileyo, … bexhomekeke kuphela kwizenzo ezilungileyo zikaKrestu, owaye eyimbangi nomgqibelelisi wokholo [lwethu]” (Moronayi 6:4). Ukuqonda okuxabisekileyo okunje kusinika isizathu sokuba sibe nombulelo ukuba iNkosi yabugcina ubomi bukaMoronayi ukuza abe “nokubhala ezinye izinto ezimbalwa” (Moronayi 1:4).

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

Moronayi 1

Ndinokulandela uYesu Krestu phezu kwayo nje inkcaso.

Njengoko ufunda u Moronayi 1 yintoni ekuphembelelayo ngokuthembeka kukaMoronayi eNkosini nakubizo lwakhe? Zeziphi ezinye iindlela umntu “anokumkhanyela ngazo uKrestu”? (Moronayi 1:2–3). Cingisisa ukuba ungathembeka njani kuYesu Krestu, nokuya ujamelene nezilingo nenkcaso.

Moronayi 2–6

Imimiselo yobubingeleli kufuneka yenziwe njengoko iNkosi iyalela.

UMoronayi wayebalekela ubomi bakhe xa weyebhala ezi zahluko. Kutheni eza kuzikathaza ngokubhala malunga neenkcukacha zolawulo nje ngendlela yokwenza imimiselo? Cingisisa oku njengoko ufunda u Mozaya 2–6. Kutheni ucinga ukuba ezi nkcukacha zibalulekile nje eNkosini? Nantsi eminye imibuzo engakukhokela kwisifundo sakho:

IsiQinisekiso (Moronayi 2; 6:4).Ikufundisa ntoni imiyalelo yoMsindisi ku Moronayi 2:2 malunga nommiselo woqinisekiso? Ungacacisa njani ukuba kuthetha ukuthini “ukuphenjelelwa uze uhlanjululwe ngamandla kaMoya oyiNgcwele”? (Moronayi 6:4).

Ummiselo wobubingeleli (Moronayi 3).Yintoni oyifumanayo kwesi sahluko enokunceda umntu alungiselele ukumiselwa kububingeleli? Yintoni oyifumanayo enokunceda umntu alungiselele ukwenza ummiselo?

Umthendeleko (Moronayi 4–5; 6:6).Yintoni onokuyenza ukuze wenze umthendeleko ube yeyona nto ibalulekileyo ngokomoya evekini yakho?

Ubhaptizo (Moronayi 6:1–3Yintoni oyenzayo ukuze uqhubeke ufikelela kwiimfaneleko zokubhaptizwa?

Umfanekiso
Intombazana encinane ifumana intsikelelo

UYesu wafundisa indlela imimiselo efanelwe kukwenziwa ngayo.

Ngokusekelwe koko ukufundileyo, uza kuzitshintsha njani iindlela ocinga ngazo, ukuthatha inxaxheba, okanye ukulungiselela abanye le mimiselo?

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 84:20

Dlala indima. Enye indlela entle yokukhumbula oko ukufundayo kukucacisela abanye. Ngokomzekelo, zama ukudlalisa imiyilo efana nale: Umhlobo akaqinisekanga ukuba ukulungele ukubhaptizwa. Ungasebenzisa njani u Moronayi 6 ukumnceda?

Moronayi 4–5

Ukuthatha umthendeleko kundincedisa ndisondele kuYesu Krestu.

Mhlawumbi ukhe wayiva imithandazo yomthedeleko izihlandlo ezininzi, kodwa kungaphi ucinga ngononophelo malunga nentsingiselo yamagama? Mhlawumbi ungazama ukubhala phantsi le mithandazo mibini yomthendeleko ngokuyikhumbula. Emva koko thelekisa oko ukubhalileyo no Moronayi 4:3 no 5:2. Ukhe waqaphela nantoni na malunga nale mithandazo ongazange uyiphawule ngaphambili?

Moronayi 6:4–9

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
Abafundi bakaYesu Krestu bayikhathalele imiphefumlo yomnye nomnye.

Ukhetho lokulandela uYesu Krestu lolomntu ngamnye, kodwa umanyano lwamakholwa lungasinceda ukusigcina “endleleni elungileyo” (Moronayi 6:4–5). Yintoni eyenziwa ngamalungu eBandla ngexesha likaMoronayi ukomelezana omnye nomnye? Njengokuba ufunda u Moronayi 6:4–9 cingisisa ngeentsikelelo eziza “ngokubalelwa phakathi kwabantu bebandla likaKrestu” (Moronayi 6:4).

Unokucinga kwakhona ngabantu abaya kwiwadi okanye isebe lakho. Ngaba kukho bani na onokuba nemfuno ekhethekileyo yothando lwakho—mhlawumbi umntu omtsha okanye osandula ukubuya? Unganceda njani ukwenza amava abo ebandleni afane nalawo achazwa nguMoranayi?

Njengoko ucingisisa ukuba kuthetha ukuthini “ukondliwa ngelizwi elilungileyo likaThixo” (Moronayi 6:4), kusenokukunceda ukucinga ngesondlo esifunwa lithole okanye usana—kwaye kwenzeka ntoni xa singahoywanga. Khangela u Moronayi 6:4–9 ukufumana izimvo malunga nokuba ungenza njani “ukondla” abanye ngokomoya. Abanye abafundi baye bakunceda njani ukukondla?

Akucacanga kumntu wonke ukuba kutheni kubalulekile ukuba “sibalwe phakathi kwabantu bebandla likeKrestu” nokuba “sihlangane kunye rhoqo” kwiintlanganiso zaBandla.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Moronayi 2–6

UMoya oyiNgcwele usisipho esingcwele.

  • UMoya oyiNgcwele okanye uMoya ukhankanywa izihlandlo ezininzi ku Moronayi 2–6. Mhlawumbi ungacela abantwana bakho ukuba bafumane yonke imiqolo ethetha Ngaye, bafunde loo miqolo, kwaye badwelise oko bakufundayo malunga noMoya oyiNgcwele. Ninako ukwabelana omnye nomnye ngamava xa wawuva impembelelo kaMoya.

Moronayi 4–5

Ndithatha umthendeleko ukubonisa ukuba ndiya kuhlala ndimkhumbula uYesu Krestu.

  • Ukufunda imithandazo yomthendeleko nabantwana bakho kunokukhokelela kwingxoxo malunga nokuba namava anentsingiselo ngakumbi ngomthendeleko. Inokubanceda ukuba bacinge ukuba umhlobo uza kwintlanganiso yomthedeleko okokuqala. Singamcacisela njani umhlobo wethu ukuba yintoni umthendeleko yaye kutheni ungcwele? Khuthaza abantwana bakho ukuba basebenzise into eku Moronayi 4 okanye 5 kwiingcaciso zabo. Abantwana abancinane basenokusebenzisa iphepha lomsebenzi yale veki.

  • Unokuziqhelanisa ngokuhlala ngentlonelo ngexesha lomthendeleko.

Moronayi 6:1–3

Ndinokulungiselela ukubhaptizwa.

  • Ngubani onokubhaptizwa? Nceda abantwana bakho bafumane iimpendulo kulo mbuzo ku Moronayi 6:1–3. Kuthetha ukuthini ukuba “nentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo”? (Moronayi 6:2). Oku kusinceda njani ukuba silungiselele ubhaptizo? Cinga ngokuxelela abantwana bakho indlela owalungiselela ngayo ukubhaptizwa.

Moronayi 6:4–6, 9

Siya ecaweni ukuze sithabathe umthendeleko kwaye sixhasane.

  • Ngaba abantwana bakho bayzi ukuba kutheni uthande ukuya ecaweni? Ukufunda u Moronayi 6:4–6, 9 kunokukunika ithuba lokuxoxa kunye ngezinye zezinto esizenzayo ecaweni. Mhlawumbi banokuzoba imifanekiso yabo besenza ezi zinto (ezifana nokuthandaza, ukufundisa, ukucula, nokuthabatha umthendeleko).

  • Emva kokufunda u Moronayi 6:4 kunye, wena nabantwana bakho ningajonga imifanekiso okanye imizekelo yokutya okunesondlo kwaye nithelekise ukondla imizimba yethu kunye “nokondliwa ngelizwi elilungileyo likaThixo.”

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UMoronayi ezimela emqolombeni

Moroni in the Cave [UMoronayi Emqolombeni], nguJorge Cocco