Yizani, Nindilandele 2024
EyoMnga 16–22: “Yizani kuKrestu, Nize Nigqibelele kuYe.” Moronayi 10


“EyoMnga 16–22: ‘Yizani kuKrestu, nize Nigqibelele kuYe.’ Moronayi 10,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyoMnga 16–22. Moronayi 10,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UYesu Krestu ebonakala kumaNifayithi

That Ye May Know [Ukuze Nina Nazi], nguGary L. Kapp

EyoMnga 16–22: “Yizani kuKrestu, Nize Nigqibelele kuYe”

Moronayi 10

INcwadi kaMormoni ivula ngesithembiso sikaNifayi sokusibonisa ukuba “iinceba ezinemfesane zeNkosi ziphezu kwabo bonke abo ithe yabanyula, ngenxa yokholo lwabo” (1 Nifayi 1:20). Incwadi ivala ngesimemo esihambelanayo nesivela kuMoronayi: “Nize nikhumbule indlela ebinenceba ngayo iNkosi” (Moronayi 10:2–3). Yeyiphi imizekelo yenceba yeNkosi oyibonileyo kwiNcwadi kaMormoni? Usenokucinga ngendlela yenceba uThixo awathi wakhokela ngayo usapho lukaLihayi ukunqumla intlango nokuwela amanzi amakhulu, iinceba ezinemfesane Yena awazibonisayo uEnoshe xa umphefumlo wakhe walambela uxolelo, okanye inceba awathi wayibonakalisa kuAlma, utshaba olukrakra lweBandla olwaba ngomnye wabakhuseli balo abangenaloyiko. Okanye iingcinga zakho zisenokuphethukela kwinceba eyabonakaliswa nguMsindisi ovusiweyo ebantwini xa wayephilisa abagulayo babo kwaye esikelela abantwana babo abancinane. Mhlawumbi okona kubalulekileyo, konke oku kunokunikhumbuza “indlela ebenenceba ngayo iNkosi” kuwe, kuba iNcwadi kaMormoni yayibhalelwe ukumema ngamnye wethu ukuba afumane inceba kaThixo—isimemo esivakaliswe ngokulula kumazwi okuvalelisa kaMoronayi, “Yizani kuKrestu, nize nigqibelele kuYe” (Moronayi 10:32).

Iingcebiso zokufunda eBandleni naseKhaya

Moronayi 10:3–7

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
Ndingayazi inyaniso yazo zonke izinto ngamandla kaMoya oyiNgcwele.

Isithembiso esiku Moronayi 10:3–7 sitshintshe ubomi bezigidi zabantu kwihlabathi jikelele. Sibutshintshe njani obakho? Njengokuba ufunda u Moronayi 10:3–7, cingisisa ngokufunda ngocoselelo ngakumbi kunokuba ubunjalo kwixesha elidlulileyo. Unokuhlolisisa ibinzana ngalinye, uzibuze imibuzo enjengale: Kuthetha ukuthini oku? Ndingayenza njani ngcono le nto? Ngawaphi amava endikhe ndanawo ngoku?

Njengokuba uphonononga ngenyaniso yobuqu yasemoyeni, ingakunceda ukufunda ukuba abanye bayifumene njani inyaniso ngamandla kaMoya oyiNgcwele.

Zeziphi izibhalo ezibonakala ziluncedo ngokukhethekileyo kuwe? Mhlawumbi ungakhetha enye ozakwabelana ngayo nomnye umntu ofuna naye inyaniso ngoMoya.

Bhala iimvakalelo. Ukuguqukela kwivangeli kaYesu Krestu kuthetha kokubini ukwazi nokuphila ivangeli. Kunokwenzeka ukuba uya kukwenza oko ukufundayo ukuba ukubhala phantsi. Ukuba uyafundisa, mema abantu obafundisayo ukuba babhale iimvakelelo zabo zomoya.

Moronayi 10:8–25

UThixo undiphe izipho zomoya.

Zininzi iindlela umntu anokuthi “azikhanyele … izipho zikaThixo” (Moronayi 10:8). Abanye abantu bayaphika ukuba ezi zipho zikho. Abanye bazikhanyela izipho zabo ngokuzityeshela okanye ngokusilela ukuziphuhlisa. Njengokuba ufunda u Moronayi 10:8–25, khangela iinyaniso eziya kukunceda ufumane izipho zakho zomoya kwaye uzisebenzise ekusikeleleni abantwana bakaThixo. Imibuzo enjengale inokunceda: Ziyintoni izipho zokomoya? Zinikelwa kubani? Kutheni zinikelwa nje? Sizamkela njani? Ungancinga ngemizekelo yabantu abasebenzisa izipho ezidweliswe ku Moronayi 10:9–16?

Moronayi 10:30–33

Ndinokugqibelela ngobabalo lukaYesu Krestu.

Ingcebiso kaMoronayi yokuba “yiza kuKrestu” ibandakanya ngakumbi kunokufunda nokucinga ngaYe. Endaweni yoko, esi sisimemo sokuza kuKrestu ngeyona ngqiqo ipheleleyo—ukuba sibe njengoko Yena enjalo. Njengokuba ufunda u Moronayi 10:30–33, qaphela amabinzana akunceda uqonde ukuba kuthetha ukuthini ukuza kuKrestu, indlela okwenziwa ngayo, kunye neziphumo zokwenza njalo.

Jonga emva ekufundeni kwakho iNcwadi kaMormoni kulo nyaka, kwaye uphonononge ngento oyivileyo kwaye oyifundileyo ngoYesu Krestu. Ngokomzekelo, iNcwadi kaMormoni ikuncede njani ukuba uze kuYe? Ikuncede njani ukuba uthembele ngokupheleleyo kubabalo lwaKhe? Ikuncede njani ukuba “ungawakhanyeli” amandla oMsindisi? Cinga ngokwabelana ngobungqina bakho beNcwadi kaMormoni kunye nomntu odinga ukuyiva, kuquka nabo ubathandayo kunye nabahlobo abangawaziyo umyalezo wayo.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Moronayi 10:3–4

Ndingayazi ngokwam ukuba iNcwadi kaMormoni iyinyaniso.

  • Ungabanceda njani abantwana bakho bamkele isimemo sikaMoronayi sokubuza uThixo ukuba iNcwadi kaMormoni iyinyaniso na? Cinga ngokubanika iziqephu zamaphapha ezinamagama Funda, Khumbula, Cingisisa, kunye Cela abhalwe kuzo. Abantwana bakho banokufumana la magama ku Moronayi 10:3–4. Yintoni ekufuneka siyifunde, siyikhumbule, siyicingisise,kwaye siyicele ukuze sizuze okanye someleze ubungqina bethu beNcwadi kaMormoni?

  • Abantwana abancinane banokukonwabela ukuzenza uMoronayi ebhala emacwecweni kwaye ewangcwaba. Yabelanani ngobungqina benu beNcwadi kaMormoni.

Moronayi 10:8–19

UBawo oseZulwini undiphe izipho zomoya.

  • Ukufundisa abantwana bakho ngezipho zomoya, ungabhala amanani 9 ukuya ku-16 kumaphepha ahlukileyo uze usonge iphepha ngalinye njengesipho. Abantwana bakho banokutshintshana ngokutyhila izipho, befunda imiqolo esuka ku Moronayi 10:9–16 ezingqamana namanani, kwaye bachonge isipho somoya ngasinye. Ungathetha ngendlela uBawo oseZulwini afuna sisebenzise ngayo ezi zipho ukusikelela abantwana Bakhe. Unganceda kananjalo abantwana bakho ukuba baqaphele izipho uBawo oseZulwini abaphe zona.

Moronayi 10:32–33

UYesu Krestu ufuna ukuba ndize kuYe.

  • Ingaba abantwana bakho bayayazi ukuba kuthetha ukuthini “ukuza kuKrestu”? Mhlawumbi ungafunda u Moroni 10:32 kwaye ubameme ukuphinda ibinzana nawe. Basenokuvala amehlo abo ngeli thuba ubeka umfanekiso kaYesu kwindawo ethile egumbini. Kanti bavumele bavule amehlo abo, bafumane umfanekiso, bawujikeleze, kwaye bathethe ngeendlela esinokuza ngazo kuKrestu. Mhlawumbi kunganceda ukubhala phantsi umbuzo Kuthetha ukuthini ukuza kuKrestu? Bancede baphande ku Moroni 10:32–33 ukuze bafumane iimpendulo (bona kananjalo Izivumo Zokholo 1:3–4). Sebenzani kunye ukudwelisa oko uKrestu afuna sikwenze kunye noko athembisa ukusenzela kona.

  • Mhlawumbi abantwana bakho bangakonwabela ukwenza nokuhombisa iibheji ezimilise okwentliziyo ezithi “Ndithanda uThixo ngawo onke amandlakazi am, ngengqondo, nokomelela” (bona Moronayi 10:32). Njengokuba besenza, thetha nabo ngendlela esibonisa ngayo ukuba uThixo siyamthanda.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UMoronayi engcwaba amacwecwe egolide

Phambi kokungcwaba uxwebhu, uMoronayi wasimema ukuba “sikhumbule indlela ebinenceba ngayo iNkosi” (Moronayi 10:3)