Yizani, Nindilandele 2024
EyoMnga 23–29: “Uya Kuza eHlabathini ukuza kuKhulula Abantu baKhe” IKrisimesi


“EyoMnga 23–29: ‘Uya Kuza eHlabathini ukuza kuKhulula Abantu baKhe.’ IKrisimesi,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyoMnga 23–29. IKrisimesi,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UYosefu, uMariya, kunye nosana uYesu esitalini

Behold The Lamb of God [Qaphela iMvana kaThixo], nguWalter Rane

EyoMnga 23–29: “Uya Kuza eHlabathini ukuza kuKhulula Abantu baKhe”

IKrisimesi

Ukusuka kuNifayi ukuya kuMoronayi, wonke umprofeti weNcwadi kaMormoni wayezinikele kwinjongo engcwele eshwankathelweyo kwiphepha lesihloko: “ukuqinisekisa [kwabantu bonke] ukuba uYesu unguye uKrestu.” Omnye umprofeti wambona Yena njengomoya wangaphambili, kwaye omnye wabona ubufundisi baKhe basemhlabeni embonweni. Omnye wema eludongeni ukuze avakalise imiqondiso yokuzalwa kwaKhe nokufa kwaKhe, waza omnye waguqa phambi komzimba waKhe ovusiweyo, echukumisa amanxeba ezandleni zaKhe, ezinyaweni, nasecaleni. Bonke babeyazi le nyaniso ibalulekileyo: “Ayikho enye indlela naluhlobo anokuthi ngalo umntu asindiswe, kuphela kungalo igazi lentlawulelo likaYesu Krestu … uyeza ukuze akhulule ihlabathi” (Hilamani 5:9).

Ke ngeli xesha leKrisimesi, njengoko amakholwa kwihlabathi jikelele ebhiyozela ukulunga nothando lukaThixo ngokuthumela uNyana waKhe, phonononga ngendlela iNcwadi kaMormoni elomeleze ngayo ukholo lwakho kuKrestu. Xa ucinga ngokuzalwa kwaKhe, cingisisa ukuba kutheni ezile kwaye ukuza kwakhe kubutshintshe njani ubomi bakho. Emva koko ungafumana uvuyo lokwenene lweKrismesi—isipho uYesu Krestu akunika sona.

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni.

UYesu Krestu wazalelwa ukuba abe nguMsindisi wam.

Kungokwesithethe ukufunda ibali lokuzalwa koMsindisi kwiTestamente eNtsha ngexesha leKrisimesi, kodwa kananjalo unokufumana iziprofeto ezihambayo zesi siganeko singcwele kwiNcwadi kaMormoni. Ngokomzekelo, iziprofeto zokuzalwa koMsindisi nobufundisi zifumaneka ku 1 Nifayi 11:13–36; Mozaya 3:5–10; no Hilamani 14:1–13. Zeziphi iimvakalelo ezifika kuwe ngoYesu Krestu njengokuba ufunda ezi zicatshulwa kwaye ucingisisa ngophawu lwemiqondiso yokuzalwa kwaKhe? Ubungqina baba baprofeti bubomeleza njani ubungqina bakho bukaKrestu nomsebenzi waKhe?

Nanga amanye amacebiso okukunceda ugxile kuYesu Krestu ngexesha leKrisimesi:

  •     Cinga ngokwabelana ngale miyalezo nomculo ukusasaza ulonwabo lweKrisimesi.

  •  

  • Cinga ngokucwangcisa izinto wena okanye usapho lwakho eninokuthi nizenze kwiintsuku eziphambi kweKrisimesi ukuze nive uMoya kaKrestu, njengokukhonza umntu okanye ukucula amaculo eKrisimesi kunye. Bona LighttheWorld.org ngezimvo.

Bona kananjalo Mateyu 1:18–252Luka 23 Nifayi 1:4–22

UYesu Krestu unguMhlanguli wehlabathi.

Esona sizathu siphambili sokubhiyozela ukuzalwa kukaYesu Krestu kungenxa yedini lakhe lentlawulelo. Ngenxa yelo dini, Yena unako ukusisindisa esonweni nasekufeni, asithuthuzele kwiimbandezelo, kwaye asincede “sigqibelele kuYe” (Moronayi 10:32). Yintoni oyifundileyo kwiNcwadi kaMormoni kulo nyaka ngamandla oMsindisi okuhlangula? Ngaba kukho naziphi na iingxelo okanye iimfundiso ezibalaseleyo kuwe? Cinga ukuba ezi zicatshulwa zilandelayo zikufundisa ntoni malunga nomsebenzi wokuhlangula woMsindisi: 2 Nifayi 2:6; Alma 7:7–13; 11:40; no Hilamani 5:9; 14:16–17. Yintoni oziva uphenjelelwe ukuba uyenze ukumbonisa Yena umbulelo wakho?

Umfanekiso
umfanekiso weseminari
INcwadi kaMormoni ingqina ngoYesu Krestu.

“Enye iTestamente kaYesu Krestu” ingaphezulu nje kwesihlokwana seNcwadi kaMormoni; yingxelo yenjongo yayo yobuthixo. Phonononga ngento oyifundayo kwezi zibhalo zilandelayo malunga nomsebenzi weNcwadi kaMormoni wokungqina ngoKrestu: 1 Nifayi 6:4; 19:18; no 2 Nifayi 25:23, 26; 33:4, 10.

Cinga ngokubhala kwijenali ukuba ukufunda iNcwadi kaMormoni kulo nyaka kukusondeze kufuphi kanjani kuKrestu. Ezi ngcebiso zilandelayo zingakunceda:

  • “Into endiyifundileyo okanye endiyivileyo ngoMsindisi kulo nyaka ibiyi …”

  • “Ukufunda ngoMsindisi kwiNcwadi kaMormoni kutshintshe indlela endi …”

  • “Umntu endimthandayo [okanye ibali] kwiNcwadi kaMormoni indifundise ukuba uMsindisi …”

Mhlawumbi kukho umntu onokusikelelwa kukwazi ukuba uziva njani ngeNcwadi kaMormoni. Ungabelana njani ngamava akho nobungqina? Unokuziva uphenjelelwe ukuba unike ikopi njengesipho seKrisimesi. Usetyenziso lweNcwadi kaMormoni lwenza ukwabelana kube lula.

   

 

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Ngenxa yokuba le Cawa yiCawe yesihlanu enyangeni, ootitshala basePrayimari bayakhuthazwa ukuba basebenzise imisebenzi yokufunda “kwiSihlomelo B: Ukulungiselela Abantwana uBomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo.”

UYesu Krestu sisipho sikaBawo waseZulwini kum.

  • Ukunceda abantwana bakho bagxile kwisipho uBawo waseZulwini asinike sona ngokuthumela uNyana waKhe, ungasonga umfanekiso kaYesu Krestu njengesipho seKrisimesi. Wena nabantwana bakho ningathetha ngezipho zeKrisimesi enizithandayo enizifumeneyo okanye eninethemba ukuzifumana. Emveni koko bangawutyhila umfanekiso kaKrestu baze baxoxe ngendlela Yena abe sisipho esixabisekileyo kuthi.    

UYesu Krestu wazalelwa ukuba abe nguMsindisi wam.

  • Abantwana bakho banokukonwabela ukwabelana nawe ngoko bakwaziyo ngokuzalwa kukaYesu.   Ungaphinda ujonge imifanekiso ebonisa ubomi boMsindisi nedini lentlawulelo. Kwakutheni ukuze uBawo waseZulwini athumele uYesu Krestu?

    Umfanekiso
    ingelosi
  • Abantwana bakho kananjalo banokukonwabela ukuzoba eyabo imifanekiso yokuzalwa kukaYesu nobulungiseleli bakhe. Mhlawumbi banokuzoba oku kuchazwe ku 1 Nifayi 11:13–23; Mozaya 3:5–10; Hilamani 14:1–13; no 3 Nifayi 1:4–22. Emveni koko banokwabelana nawe ngoko imifanekiso yabo ikufundisayo ngoYesu Krestu.

  • Ukugxininisa ukuba iBhayibhile neNcwadi kaMormoni zombini zifundisa ngokuzalwa kukaYesu, ungadwelisa iziganeko ezichazwe ku Luka 2:4–14; Mateyu 2:1–2; no 3 Nifayi 1:15, 19–21. Emveni koko abantwana bakho banokuphengulula ezi zibhalo ukuze babone ukuba zeziphi iziganeko ezenzeka eBhetelehem, eMelika, okanye kuzo zombini. Kutheni sinombulelo ngokuba neNcwadi kaMormoni njengengqina lesibini lokuzalwa kukaYesu?

Abantwana bayawathanda amabali. Amabali yenye yeendlela ezilungileyo zokunceda abantwana bafunde kwaye bakhumbule iinyaniso. Njengokuba usabelana ngebali lokuzalwa kukaYesu, cinga kananjalo ngokwabelana ngamabali obomi bakho athe akunceda ukomeleza ukholo lwakho kuMsindisi.

INcwadi kaMormoni ingqina ngoYesu Krestu.

  • Njengoko wena nabantwana bakho niqukumbela ukufunda kwenu iNcwadi kaMormoni kulo nyaka, ingalixesha elilungileyo lokwabelana omnye nomnye ngamabali eniwathandayo okanye izicatshulwa ezivela kule ncwadi ingcwele. Ukujonga eminye yemifanekiso ku Yizani, Nindilandele okanye Amabali eNcwadi kaMormoni kunganceda abantwana bakho bakhumbule into abebeyifunda kulo nyaka. Bancede babone ukuba la mabali asifundisa ntoni ngoYesu Krestu.

  • Usenokunika kananjalo abantwana bakho umfanekiso kaYesu, okanye ubavumele bazobe owabo. Bameme ukuba baphakamise imifanekiso yabo rhoqo xa besiva igama likaKrestu njengokuba ufunda 2 Nifayi 25:23, 26. Ngqina ukuba iNcwadi kaMormoni yabhalelwa ukusinceda “[si]kholelwe kuKrestu,” (2 Nifayi 25:23).

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
ingelosi ibonisa uNifayi iNtombi Enyulu uMariya embonweni

Nephi’s Vision of the Virgin Mary [Umbono kaNifayi weNtombi Enyulu uMariya], nguJudith A. Mehr