Izibhalo
ISibhengezo esiseMthethweni 2


ISibhengezo esiseMthethweni 2

INcwadi kaMormoni ifundisa ukuba “bonke bayafana kuThixo,” kubandakanywa “omnyama nomhlophe, umthinjwa nokhululekileyo indoda nomfazi” (2 Nifayi 26:33). Kuyo yonke imbali yeBandla, abantu bazo zonke izizwe neentlanga kumazwe amaninzi bathe babhaptizwa baze bathi bahlala njengamalungu athembekileyo eBandla. Ngexesha lobomi bukaJoseph Smith, amalungu eBandla ambalwa amnyama angamadoda amiselwa kububingeleli. Ekuqaleni kwimbali yalo, iinkokeli zeBandla zakuyeka ukunikeza ububingeleli emadodeni amnyama angumnombo waseAfrika. Iirekhodi zeBandla aziniki zingqiqo zicacileyo kwimvelaphi yesi senzo. Iinkokeli zeBandla zakholelwa ukuba isityhilelo esivela kuThixo sasifuneka ekuguquleni esi senzo kwaye zafuna ngomthandazo isikhokelo. Isityhilelo safika kuMongameli weBandla uSpencer W. Kimball saza sangqinwa kwezinye iinkokeli zeBandla eTempileni iSalt Lake ngoJuni 1, 1978. Isityhilelo sasusa zonke izithintelo ezinxulumene kubuzwe ezakhe zasetyenziswa kububingeleli.

Kulowo Sinokumchaphazela:

NgoSeptemba 30, 1978, kwiNkomfa Jikelele yeSiqingatha sonyaka ye-148 yeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, okulandelayo kwaziswa nguMongameli N. Eldon Tanner, uMcebisi woKuqala kuBumongameli boKuqala beBandla:

Ebutsheni bukaJuni walo nyaka, uBumongameli boKuqala bazise okokuba isityhilelo sathi safunyanwa nguMongameli Spencer W. Kimball esinabisela ububingeleli neentsikelelo zetempile kuwo onke amalungu angamadoda afanelekileyo eBandla. UMongameli Kimball ucele ukuba ndazise inkomfa okokuba wathi wafumana esi sityhilelo, eseza kuye emva kokucamanga okunabileyo nomthandazo emagumbini anyulu etempile engcwele, usizise ebacebisini bakhe, abasamkeleyo baza basivuma. Ngoko sinikelwe kwiKhoram yaBapostile abaLishumi elineSibini, abasivumele ngomxhelo omnye, kwaye kamva saziswa kubo bonke abanye abaseMagunyeni Jikelele, abasivumelayo ngomxhelo omnye ngokufanayo.

UMongameli Kimball ucele okokuba ngoku ndifunde le leta:

Juni 8, 1978

Kuwo onke amagosa anobubingeleli jikelele nasekuhlaleni eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela kulo lonke ihlabathi:

Bazalwana abathandekayo:

Njengoko singqine ukwanda komsebenzi weNkosi phezu komhlaba, sibe nombulelo okokuba abantu bezizwe ezininzi bethe basabela kumyalezo wevangeli ebuyiselweyo, baza bathi bazimanya neBandla ngamanani anda ngokwanda. Oku, ngokulandelelanayo, kusiphembelele ngomnqweno wokunabisela kulo lonke ilungu leBandla onke amalungelo akhethekileyo neentsikelelo ivangeli enazo.

Siqonda okwezithembiso ezenziwa ngabaprofeti noomongameli beBandla abasandulelayo okokuba ngexesha elithile, kwicebo likaThixo lanaphakade, bonke ababazalwana bethu abafanelekileyo banokufumana ububingeleli, kwaye singqina ukuthembeka kwabo kubo ububingeleli bebalelwe, sicenge ithuba elide nangokunyanisekileyo ngenxa yaba, abangabazalwana bethu abathembekileyo, sichitha iiyure ezininzi eGumbini eliPhezulu leTempile sibongoza iNkosi ngesikhokelo esinyulu.

Iyivile imithandazo yethu, kwaye ngesityhilelo iqinisekisile okokuba umhla owathenjiswa kudala ufikile xa yonke indoda efanelekileyo, ethembekileyo eBandleni inokufumana ububingeleli obungcwele, bunamandla okusebenzisa igunya labo elinyulu, kwaye ixhamle nabathandekayo bayo yonke intsikelelo equkuqela ivela kubo, kubandakanya neentsikelelo zetempile. Ngokunjalo, onke amalungu afanelekileyo angamadoda eBandla anokumiselwa ebubingelelini ngaphandle kokujonga uhlanga okanye ibala. Iinkokeli zoBubingeleli ziyalelwe ekulandeleni inkqubo yodliwano-ndlebe enenyameko yabo bonke abavavanywa bokumiselwa nokuba kobuka-Aron okanye kobukaMelkitsedeke uBubingeleli ukuqinisekisa ukuba bayamelana nemigangatho emiselweyo yokufaneleka.

Sibhengeza ngenzolo okokuba iNkosi ngoku yenze kwazeka intando yayo ngentsikelelo yabo bonke abantwana bayo kuwo wonke umhlaba abaya kuphulaphula elizwini lezicaka zayo ezigunyazisiweyo, baze bazilungiselele ukufumana zonke iintsikelelo zevangeli.

Abenu ngenene,

Spencer W. Kimball

N. Eldon Tanner

Marion G. Romney

UBumongameli boKuqala

Samkela uSpencer W. Kimball njengomprofeti, imboni, nomtyhili, nomongameli weBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, kuyaphakanyiswa ukuba thina njengentlanganiso yabanamagunya okuwisa umthetho samkele esi sityhilelo njengelizwi nentando yeNkosi. Bonke abaxhasayo ncedani nibonakalise ngokuphakamisa izandla zenu zokunene. Abo baphikisayo ngomqondiso okwafanayo.

Ivoti exhasa isiphakamiso sangaphambili ibingamxhelo-mnye ekuvumeni.

Salt Lake City, Utah, Septemba 30, 1978.