Uncedo lweZifundo
GJS, Ⅱ KwabaseTesalonika 2


GJS, Ⅱ KwabaseTesalonika 2:2–3, 7–9. Thelekisa nabaseⅡ Tesalonika 2:2–9

USathana uya kubangela ukuwa okanye ukreqo phambi kokuba iNkosi ibuye.

2 Ukuze ningabi nakushukunyiswa kwingqiqo, okanye nikhathazwe ngencwadi, ngaphandle nibe niyifumene ivela kuthi; kungekuko ngomoya, nangelizwi, njengokuba umhla kaKrestu ukufuphi.

3 Makungabikho mntu unikhohlisayo nangayiphi na indlela; kuba kuqala kuya kufika ukulahleka, nokokuba umntu wesono atyhilwe, unyana wesihogo;

7 Kuba imfihlo yobugwenxa isele isebenza, kwaye yena ungulowo ngoku usebenzayo, noKrestu umvumele ekubeni asebenze, kude kube ixesha lizalisekile lokuba eya kususwa endleleni yenu.

8 Kwaye ngoko lowo mnye ukhohlakeleyo uyatyhilwa, iNkosi iya kumtshabalalisa ngomoya womlomo wayo, kwaye iya kutshabalalisa ngokuqaqamba kokufika kwayo.

9 Ewe, iNkosi, nkqu uYesu, ukufika kwakhe kungekhoyo kude kube semva kokufika kolahleko, ngokusebenza kukaSathana ngamandla onke, nemiqondiso nemimangaliso yobuxoki,