Uncedo lweZifundo
GJS, KumaGalati 3


GJS, KumaGalati 3:19–20. Thelekisa namaGalati 3:19–20

UMoses ngumlamleli womnqophiso wokuqala okanye umthetho. UYesu Krestu ngumlamleli womnqophiso omtsha.

19 Ngako oko ke, umthetho walekelwa ngenxa yezigqitho, kude kufike imbewu leyo yayibekwe ngedinga emthethweni owawunikwe uMoses, owayemiselwe ngesandla seengelosi abe ngumthetheleli walo mnqophiso wokuqala, (umthetho.)

20 Ngoku ke lo mthetheleli wayengenguye umthetheleli womnqophiso omtsha; kodwa kukho umthetheleli omnye womnqophiso omtsha, onguKrestu, njengoko kubhaliwe emthethweni ngokwamadinga enziwa kuAbraham nembewu yakhe. Ngoku uKrestu umthetheleli wobomi; kuba eli lidinga uThixo awalenza kuAbraham.