2013
Ukwabelana neTshomi
Februwari 2013


ulutsha

Ukwabelana neTshomi

Ngenye imini ngoku ndandifundela iklasi yam yezifundo zolutsha, Ndaba nemvakalelo entle neyahlukileyo. Ngoku Ndanndifunda isifundo sangemini elandelayo, Ndabona ubuso betshomi yasesikolweni sam kwaye ndaba nomvakalelo onamandla wokuba Mandabelane ngobungqina bam kunye naye.

Ngaphandle kokucaca kwale mvakalelo, Ndandisoyika. Ndandikhathazekile ukuba itshomi yam izakulandula, kuba wayengabonakali ingathi yintlobo yentombazana onganomdla wokungena eCaweni.

 Ndacinga emva ngentetho kaDade Mary N. Cook wesimongameli sokuqala sajikele soMbutho waMantombazana apho wasiqhitsa ukuba masisebenze nzima sibengamakroti.1 Ndandifuna ukuba njena, kengoko Ndabhalela le ntombazana ileta kwaye ndingqina ngenyaniso yeCawa kwaye neyothando lwam lweNcwadi kaMormoni. Ngengomso Ndanyengeza ikopi yeNcwadi kaMormoni, kunye neleta yam, ebhegini yakhe.

 Wandothusa ke mna, ngokuba itshomi yam yayamkela kakhulu ivangeli. Ukuqala ngala mini, wayedla ngokundixelela ngakufundileyo ngaloo mini kwizifundo zakhe zeNcwadi kaMormoni. Kwathi esidaleni emva kweeveki ezimbalwa, Ndamazisa kubafundisi beminyaka emibini epheleleyo. Phantse kwaba ngoko nangoko, wabekwa izandla ukuba aqiniswe nguMoya oyiNgcwele ukuba oku wayekufunda kwakuyinyaniso. Abafundisi beminyaka emibini epheleleyo kunye nam sakhala xa esixelela ngeemvakalelo zakhe. Itshomi yakhawuleza ukubhaptizwa, kwate abazali bakhe babe mangele ukubona uguquko olwenzekileyo kuye.

 Ndiyavuya kakhulu ukuba Ndakwazi ukoyisa uloyiko lwam kwaye ngazisa ivangeli ebomini bakhe.

Isikhumbuzo

  1. Bona N. Cook, “Never, Never, Never Give Up!” Liahona, Meyi 2010, 117–19.