2013
Ilizwi elenzelwe Umfundisi Weminyaka Emibini Epheleleyo Othandabuzayo
Februwari 2013


UMyalezo wesiMongameli sokuQala, Februwari 2013

Ilizwi elenzelwe Umfundisi Weminyaka Emibini Epheleleyo Othandabuzayo

Umfanekiso
NguMongameli Dieter F. Uchtdorf

Abalandeli bakaYesu Krestu basoloko bengaphantsi kwembophelelo yokuhamba bevakalisa ivangeli Lakhe ehlabathini (bona Marko 16:15–16). Ngexesha elinye, ngamanye amaxesha kunzima ukuvula imilomo yethu ze sithethe ngokholo lwethu kwabo esingqongwe ngabo. Nangona amanye amalungu eCawa enesiphiwo sendalo sokuthetha nabanye ngezinto ezingcwele, abanye bayathandabuza kancinci okanye bazive bengakhululekanga, benentloni, okanye besoyika ukwenza njalo.

Ukuphumeza oko, Mna ndingacebisa izinto ezine nabanina onokuzenza ukulandela izenzo zoMsindisi zokushumayela ivangeli “kuyo yonke edaliweyo” (Imfundiso neMinqophiso 58:64).

Yiba kukuKhanya

Isigaba - ntetho sam endithanda qho ukusitsho sangqinwa ngoNgcwele uSt. Francis wase Assis sifundeka njena, “Shumayelani ivangeli ngawo onke amaxesha kwaye ukuba kuyimfuneko, sebenzisani amagama.”1 Okuqulathwe kwesi sigaba-ntetho kukuqonda ukuba amaxesha amaninzi ezona ntshumayelo zinamandla azithethwa.

Xa sinyanisekile kwaye sisoloko siphila ngokwamabanga ethu abantu baye baqaphele. Xa sikhazimla luyolo nolonwabo, baye baqaphele kakhulu.

Wonke umntu ufuna ukonwaba Xa thina malungu eCawa sibengezela kukukhanya kwevangeli, abantu bayakubona ukonwaba kwethu futhi balunukise uthando lukaThixo lugcwala luphuphumala ebomini bethu. Bafuna ukwazi njani kutheni. Bafuna ukwazi imfihlo yethu.

Oko kubakhokela ukuba babuze imibuzo enjena “Kutheni wonwabe kangaka?” okanye “Kutheni lento usoloko unomoya omhle?” Iimpendulo zale mibuzo, kakade, zikhokelela ngokugqibeleleyo kwincoko emalunga nevangeli elibuyisiweyo lika Yesu Khrestu.

Yiba lincoko

Ukuqala incoko ngezingcwele—ingakumbi neetshomi zethu kwaye nesibathandayo —kungabonakala kusothusa kwaye ngathi kunzima. Akude caba noko kunzima olohlobo Ukuncokola ngamava omoya okanye ukuthetha ngeenkqubo zeCawa okanye iziganeko kwincoko ekhaphu-khaphu kungalula kwaye kubemnandi ukuba sisebenzisa ubugokra obuncinane kwaye nokubhadla kwethu.

Unkosikazi wam, uHarriet, ungumzekelo omhle kakhulu apha kulento. Ngoku sasihlala eJamani, wayedla ngokufumana indlela yokuzifaka encokweni edibene neCawa xa encokola neetshomi zakhe kunye neetshomi asandula ukudibana nazo. Umzekelo, xa omnye ebuza ngempela veki yakhe, wayedla ngokuthi, “Ngale Cawa sibenamava ancomekayo ecaweni yethu! Umfana oneminyaka eyi16 qha obesisithethi uye wathetha kakuhle kakhulu phambi kwabantu abayi200 benkonzo ngokuphila ubomi obucocekileyo.” Okanye, “Ndifunde ngomama oneminyaka eyi90 ubudala othunge iingubo eziyi500 kwaye wanikela ngazo kwinkqubo yethu yecawa yokunceda abasweleyo ukuba zihanjiswe ebantwini abasweleyo kulo lonke ihlabathi.”

Amaxesha amaninzi, abantu xa besiva oku babefuna ukwazi lukhulu. Babebuza imibuzo Kwaye oko kwavula amathuba okuthetha ngevangeli ngendlela elula, ethembekileyo, engadikiyo.

Ukufika nokuxhomekeka kwiIntanethi nakumaphephandaba eengingqi zentlalo, kwenza lula namhlanje ukuthetha ngezi zinto encokweni eqhelekileyo namhlanje kunangaphambili. Eyona nto esiyifunayo sisibindi qha sobugokra senze njalo.

Gcwala Lufefe

Ngelishwa, kulula ukungavumelani. Kwenzeka amaxesha amaninzi ukuba siphikisane, sijongele phantsi, kwaye siqalekise. Xa sibanomsindo, sikrwada, okanye sihlungisa abantu, into yokugqibela abayifunayo kukuba bafunde ngathi. Akwenzeki ukuba sazi ukuba bagaphi abantu abayishiyileyo iCawa okanye abangazange bangene na ukungena kuyo ngokuba umntu utsho into eyeyamvisa ubuhlungu okanye yabathuka bona.

Kukho ukungaphucuki okuninzi elizweni namhlanje. Ngenxa Yokufihlakala kweIntanethi, kulula kunakuqala ukuthetha izinto eziyityhefu okanye ukurhabaxisa izinto ecingweni leIntanethi. Kengoku akufunekanga ‘ba thina, abanokholo abangabalandeli bakaKrestu olulamileyo, sibe namabanga obubele? Izibhalo ezingcwele zifundisa, “Yekelani ukuba ukuthetha kwenu kuhlale kumnandi kukho ufefe, kuvakaliswe mnandi nftyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye.” (AbaseKholose 4:6).

Ndiyayithanda ingcinga yokuba amagama wethu mawacace gca njengesibhakabhaka esinelanga kwaye agcwale lufefe. Uyakwazi ukuba nomfanekiso ngqondweni wokuba amasapho, iiwadi, izizwe, kwaye kanye nelizwe linganjani ukuba singathathela kuthi lomgaqo ulula?

Gcwala luKholo

Ngamanye amaxesha sithathela kuthi ukunconywa okanye ukutyholwa xa kuxhomekeke kwabanye ukwamkela ivangeli. Kubalulekile ukukhumbula ukuba iNkosi ayisilindelanga ukuba senze lonke uguqulo.

Inguqulo ayizwi ngamazwi wethu kodwa ngokwemisebenzi yezulu yoMoya oyiNgcwele. Ngamanye amaxesha into efunekayo yindlea yokubeka ubungqina bethu okanye ukuthetha ngamava ukuthambisa intliziyo okanye ukuvulelwa umnyango okunokukhokelela abanye ukuba babenamava eenyaniso ezichukumisayo.

UMongameli Brigham Young (1801–77) wathi uyayazi ukuba ivangeli liyinyaniso xa “wabona umfo ongesosithethi, ongenatalente zokuthetha phambi kwezihlwele, owayekwazi nje ukuthi, ‘Ndiyayazi, ngamandla oMoya Oyingcwele, ukuba Incwadi kaMormoni yinyaniso, ukuba uJoseph Smith nguMprofeti weNkosi.’” UMongameli Young wathi ngoku wayesiva obo bungqina buthobekileyo, “UMoya oyiNgcwele ophuma kuloo mntu wakhanyisa ukuqonda kwam, kwaye ukukhanya, uzuko, kunye nokuphila ungafi [zazi] phambi kwam.”2

Bazalwane nooDada, yibani nokholo. Inkosi ingandisa amazwi owathethayo kwaye awenze abe namandla. UThixo akakuceli ukuba uguqule kodwa ukuba nivule imilomo yenu. Umsebenzi wokuguqula ayingowakho—oko kuxhomekeke emntwini ovayo nakuMoya oyiNgcwele.

Lonke iLungu nguMfundisi

Bahlobo bam endibathandayo, namhlanje zininzi iindlela kunakuqala zokuvula imilomo yethu kwaye sabelane kunye nabanye indaba ezimyoli zevangeli likaYesu Krestu. Kukho indlela yokuba wonke umntu—ewe kanye-kanye nomfundisi othandabuzayo—athabathe inxaxheba kulo msebenzi umkhulu. Umntu ngamnye kuthi angafumana indlela yokusebenzisa iitalente zethu ezithile kunye nezinto esinomdla kuzo sixhasa umsebenzi omkhulu wokugcwalisa ihlabathi ngokukhanya nenyaniso. Njengokuba sisenza njalo, siyakufumana uyolo oluza kwabo abanyanisekileyo kwaye banobukroti “bokuma njengamangqina kaThixo ngawo onke amaxesha” (Mozaya 18:9).

Izikhumbuzo

  1. St. Francis of Assisi, in William Fay and Linda Evans Shepherd, Share Jesus without Fear (1999), 22.

  2. Teachings of Presidents of the Church (Imfundiso zabaProfeti beCawa): Brigham Young (1997), 231.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Enye indlela esebenzayo yokufundisa “kukukhuthaza abo ubafundisayo bazibekele … injongo amabazifeze ezingabanceda ukuba baphile umgaqo obafundise wona” (Teaching, No Greater Call [1999], 159). Cingisisa nzulu ukumema abo ubafundisayo ngomthandazo bazibekele injongo yokuba bazakwabelana ngevangeli nomntu okanye nabantu kule nyanga. Abazali bangaxoxa ngeendlela abantwana abangakwazi ukuncedisa ngayo. Unganceda amalungu osapho ukuba acinge ngokunika iingcinga zabo okanye balinganise iindlela zokuthetha ngevangeli kwiincoko zabo eziqhelekileyo kwaye bacinge ngeenkubo zeCawa ezizayo abanokumema khona itshomi.