2013
Ndakwazi Ukwahlukana neNtlungu Yam
Septemba 2013


ulutsha

Ndakwazi ukwahlukana neNtlungu Yam

Umbhali ngowaseThayiwani.

Ngokuya uMntakwabo weetshomi zam uChen nonkosikazi wakhe babebhaptizwa ewadini yethu, Ndandiphethwe luyolo olungaphaya. Emva konyaka bebhaptiziwe, batywinwa etempileni, kwaye unyana wabo owayeswelekile phambili kokuba bangene eCaweni watyinwa kubo. Kwakumnandi ukubona abakwaChen bekhula evangelini.

Ze uMzalwane Chen wabulawa engozini yemoto ngonyaka olandelayo. Emva kwengozi, ukubhubha kwakhe kwabonakala ngathi kwakusoloko kusezingcingeni zam kwaye kaninzi kundiphuphisa kakubi. Ndandivuka ndinezinyembezi amaxesha amaninzi, “Kwakutheni? Kutheni iNkosi ivumela intlekele enjena ukuba yenzeke? Kutheni into enjena kufuneka yenzekile kolusapho luhle?” Ngenye imini, Ndandisokola ukuyiphendula le mibuzo, Ndathatha incwadi yezifundo zecawa ze ndafunda la mazwi ayephuma kuMongameli Spencer W. Kimball (1895–1985):

“Ukuba sasijongisisa ubomi obufutshane basemhlabeni benyama njengobukho nobomi bethu bonke, intlungu, unxunguphalo, kwaye nobomi obufutshane bebuza kuba sisilingo. Kodwa ukuba sijonga ubomi njengento yanaphakade elulekileyo iyokufikelela kubomi bangaphambili kobubomi kwaye nakwi xesha elizayo lwasemva kokufa, ke zonke izinto ezenzekayo zingabonakala ngenye indlela. …

“Ingaba asibekwanga kwizihendo ezivavanya ukomelela kwethu, ingulo ukuze sifunde umonde, ukufa ukuze sibenobomi obude bangonaphakade sizukiswe?”1

Ngala mzuzu, Ndazigqibela ukuba ndiyekane nentlungu yam kwaye ndijonge kwikamva elizayo elithenjisiweyo. Elihlweni lam lengqondo ndabona uMzalwane Cohen emanyaniswa nosapho lwakhe kwakhona. Loo mbono wandiphathela uxolo. Ndiyayazi ukuba uBawo waseZulwini uyakusiphathela ubulumko nobugokra bokujongana nezilingo.

Isikhumbuzo

  1. Iimfundiso zooMongameli beCawa: Spencer W. Kimball (2006), 82.