2013
Abangcwele bawo onke amaxesha onyaka
Septemba 2013


Umyalezo wesiMongameli SokuQala, Septemba 2013

Abangcwele bawo onke Amaxesha Onyaka

Umfanekiso
NguMongameli Dieter F. Uchtdorf

Ndineenkumbulo zokukhula kwam ndisengumntwana zendawo yelizwe elinokukhonza njengekhadi leposi lamaxesha onyaka atshintshayo. Inyanga nganye etshintshayo yayinozuko kwaye ingummangaliso omhle. Ngemini yobusika egqibeleleyo, ikhephu elimhlophe leqhwa lalibayingubo egquma iintaba neendlela zesixeko. Ikwindla laliza neemvula ezihlambululayo nokuqushuka kobomi obunxityiswe luhlaza. Izibhaka-bhaka ezonqenisayo zasehlotyeni zazikhonza njengomzobo oluhlaza okwesibhakabhaka wokuvutha kwelanga elithe gqa. Kwakunye nentwasahlobo entle kakhulu eyayiguqula indalo ibe yimibala emthunzi egqamileyo e-orenji, tyheli, nabomvu. Njengomntwana ndandithanda lonke ixesha lonyaka, kwaye nanamhlanje, Ndisayithanda imo nokukhetheka kwawo ngamnye.

Sinamaxesha ento yonke nasebomini bethu. Amanye afudumele amnandi. Amanye awakho njalo. Ezinye iintsuku ebomini bethu zintle njengemifanekiso yekhalenda. Kodwa kuphinde kwakhona kubekho iimini neemeko ezidala intliziyo ebuhlungu kwaye ezinokuzisa ebomini bethu iimvakalelo zonxunguphalo, zenzondo, nobukrakra.

Ndiqinisekile ukuba ngamanye amaxesha sonke sicinge ukuba kungamnandi ukuthatha indawo yokuhlala kumhlaba ogcwele nje zintsuku zamaxesha onyaka agqibeleleyo njengemifanekiso emihle kwaye siphephe amaxesha amabi aye abekhona.

Kodwa oku akunokwenzeka. Kwaye akunqweneleki.

Xa Ndijonga ebomini bam, kucacile ukuba amaxesha amaninzi okukhula amakhulu aze kum ngoku bendidlula kumaxesha onyaka enqwithela.

UBawo wethu waseZulwini anobulumko wayesazi ukuba ukukhula kwabantwana bakhe babengabantu ababekhethelwe ukuba ngabo, kuyakuba yimfuneko ukuba babenamava amaxesha obunzima kuhambo lwabo lwasemhlabeni wenyama. Umprofeti weNcwadi kaMormoni uLehayi wathi ngaphandle kwenkohlakalo, “ukulunga kwakungenakwenzeka kwenzeke” (2 Nifayi 2:11). Ewe ngenene, bubukrakra bobomi obusivumelayo ukuba sibone, sithelekise, kwaye sixabise ubumnandi babo (bona Imfundiso neMinqophiso 29:39; Mozisi 6:55).

Umongameli Bigham Young wayibeka ngoluhlobo: “Bonke abakrelekrele abathwaliswe isitshaba sezitshaba zobuqhaqhawuli, ubomi banaphakade, noonaphakade kunye noThixo kufuneka bamelane nayo yonke imeko ebekelwe abantu abakrelekrele ukuba badlule ngaphantsi kwayo, ukufumana uzuko lwabo nobuqhaqhawuli. Yonke le ntlekele enokwenzeka ebantwini benyama iyakusokolelwa … ukubalungiselela ukuba bonwabele ubukho beNkosi. … Sonke isilingo namava oyewadlula ngaphantsi kwaso siyimfuneko kwintsindiso yakho.”1

Umbuzo awuyikuba ukuba sizakukwazi ukumelana namaxesha onyaka obunzima kodwa ukuba siyakumelana njani na neenqwithela. Ithuba lethu elikhulu ngalamaxesha atshintshayo obomi kukuba sibambelele kwilizwi elinokholo likaThixo, ngenxa yengcebiso Yakhe edalelwe ukuba simelane neenqwithela zobomi kwaye isikhokelele ukuba sidlule kuzo. UBawo wethu waseZulwini usinike ilizwi Lakhe ngabaprofeti Bakhe—ulwazi oluxabisekileyo oludalelwe ukuba lusikhokelele kubunzima bamaxesha onyaka anoyolo olungathethekiyo nokukhanya okukhazimlayo bobomi banaphakade. Yinxenye yamava obomi bakho ukwakha ukomelela, ubugokra, kwaye nokunyaniseka ukubambelela enyanisweni nasebulungiseni ngaphandle kokubethakala esiye siluve.

Abo abangene emanzini okuphehlelelwa kwaye bamkela isiphiwo soMoya oyiNgcwele babeke iinyawo zabo endleleni yobufundisi kwaye bamelwe kukulandela kancinane nangokholo ezinyaweni zoMsindisi.

UMsindisi wabafundisa ukuba ilanga liyanyuka “kwabangalunganga nakwabalungileyo, kwaye imvula [iyawa] kwabalungileyo nabangalunganga” (Matewu 5:45). Ngamanye amaxesha asikwazi ukuqonda ukuba kutheni izinto ezinzima, nezimbi, zisenzeka ebomini. Kodwa njengabalandeli bakaKrestu, siyathemba ukuba ukuba “sikhangela ngenkuthalo, sithandaze okoko, kwaye sikholelwe, … zonke izinto ziyakusisebenzela kakuhle ukuba silungelwe, ukuba [si] hamba kakuhle singagobi” (Imfundiso neMinqophiso 90:24; ingcaciso yongeziwe).

Njengamalungu eCawa Yakhe, njengaBangcwele, sikhonza ngoyolo kwaye nangomdla kuyo yonke imo yezulu nakuwo onke amaxesha onyaka. Kwaye njengokuba sisenza njalo, iintliziyo zethu ziye zigcwale lukholo olungcwele, ithemba eliphilisayo, kwaye nothando lwenene lwezulu.

Kakade, kuyakufuneka sidlule kuwo onke amaxesha onyaka—amnandi nawabuhlungu. Kodwa nokuba leliphi na ixesha lonyaka, njengabalandeli bakaYesu Krestu, siyakuphumlisa ithemba lethu Kuye njengokuba sihamba ekukhanyeni Kwakhe.

Ngamafutshane, singaBangcwele bakaThixo, sizimisele ukufunda Ngaye, ukumthanda Yena, kwaye nokuthanda abantu bethu esiphila nabo. Singabahambi abasendleleni esikelelweyo yobufundisi, kwaye siyakuhamba sibambelele kwinjongo yethu yezulu.

Ke ngoko, masibe ngabaNgcwele ekwindla, ehlotyeni, entwasahlobo, nasebusika. Masibe ngabaNgcwele bawo onke amaxesha oonyaka.

Isikhumbuzo

  1. Teachings of Presidents of the Church (Imfundiso zabaProfeti beCawa): Brigham Young (1997), 231.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Isimongameli sokuQala sisifundise, “Ezinye zeNtshumayelo ezishumayelwa ngokucula amaculo” (Amaculo, ix). Njengokuba uxoxa ngalomyalezo, cingisisa ngokucula nabo obafundisayo enye yalamaculo okanye elinye elingokunyamezela izilingo: “How Firm a Foundtion” (no. 85); “The Lord Is My Shepherd” (no. 108); or “Let Us All Press On” (no. 243). Ukuba uva uphenjelelwa, yabelana ngexesha lonyaka elinzima ebomini bakho apho liye lajika lathi kanti yintsikelelo.