2013
ukuzimela nokuzithemba
Septemba 2013


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Septemba 2013

Ukuzimela nokuzithemba

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho. Ukufumana olunye ulwazi, iya ku reliefsociety.lds.org

Umfanekiso
Istempu soMbutho wooMama

Ukholo, Usapho, Uncedo

Ukukwazi ukuzimela ngamandla, nembophelelo, nomzamo wokusinika impilo yomoya, neyethutyana yeziqu zethu namasapho wethu.1

Njengokuba sifunda kwaye sisebenzisa iimfundiso zokukwazi ukuzimela emakhayeni wethu nakwii ndawo esihlala kuzo ukukhathalela amahlwempu nabasweleyo kwaye nokunceda abanye ukuba bakwazi ukuzimela ukuze banyamazele amaxesha obunzima.

Sinethuba nomsebenzi wokusebenzisa amandla wethu wokukhetha ukuba sikwazi ukuzenzela ngokomoya nangokwenyama. Sisathetha ngokukwazi ukuzimela ngokomoya nokuxhomekeka kwethu kuBawo wethu waseZulwini, uMdala Robert D. Hales weQumrhu LabaLishumi Elinesibini wafundisa: “Siye siguquke kwaye sikwazi ukuzisebenzela ngokomoya xa siphila ngomthandazo sigcina iminqophiso yethu—ngokutya ngokufanelekileyo umthendeleko, sifaneleke imvume yetempile, kwaye sincame ukuze sikhonze abanye.”2

Umdala Hales wasicebisa ukuba sikwazi ukuzimela nokuzenzela izinto zobomi bexeshana, “njengokufumana imfundo yangaphezulu kwesekondary school okanye ingqeqesho yomsebenzi, ukufunda ukusebenza, kwaye nokuphila phakathi kweenzame zakho okwaziyo ukuziphumeza. Ngokuphepha amatyala kwaye nokugcina imali ngoku, silungiselelwa inkonzo yeCawa epheleleyo kwiminyaka ezayo. Injongo yokukwazi ukuzixhasa kobu bomi bexeshana nobomoya kufuneka sikwazi ukuzibeka endaweni ephezulu ukuze sikwazi ukuphakamisa abasweleyo.”3

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Matewu 25:1–13; 1 Timoti 5:8; Alma 34:27–28; Imfundiso neMinqophiso 44:6; 58:26–29; 88:118

Kuphuma Embalini Yethu

Emva kokuba Abangcwele Bentsuku Zokugqibela beqokelelene kwinduli yaseSalt lake, eyayisentlango eyodwa, uMongameli Brigham Young wayefuna ukuba baphumelele kwaye bamise amakhaya azokuhlala ekhona ixesha elide. Oku kwakuthetha ukuba Abangcwele kwakufuneka bafunde imisebenzi eyayizakubavumela ukuba bakwazi ukuzenzela. Ngalo mzamo, uMongameli Young wayenethemba elikhulu emandleni, nakwiitalente, nasenkolweni, nakumnqweno wabafazi, kwaye wabakhuthaza kwiimisebenzi yexeshana. Ngoku imisebenzi ethile yoMbutho wooMama noodade yahlukile namhlanje, iimfundiso zisafana:

  1. Funda ukuthanda umsebenzi kwaye uphephe ukonqena.

  2. Fumana umoya wokukwazi ukuzincama.

  3. Yamkela umthwalo wokomelela komoya, kwempilo, nemfudiso, nomsebenzi, nezemali, ukutya, kwaye nezinye iimfuno zobomi eziyimfuneko.

  4. Thandazela ukholo nobugokra ukukwazi ukumelana nobunzima.

  5. Yomeleza abanye abaswele uncedo.4

Izikhumbuzo

  1. Bona Handbook 2: Administering the Church (2010), 9.4.2.

  2. Robert D. Hales, “Coming to Ourselves: The Sacrament, the Temple, and Sacrifice in Service,” Liahona and Ensign, May 2012, 34.

  3. Robert D. Hales, “Coming to Ourselves,” 36.

  4. Bona Iintombi ezikubukumkani Bam:Imvelaphi kanye nomsebenzi wentlangano yenkululeko (2011), 105.

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Ndibanceda njani oodade bam Endibajongileyo ukuba bafumane izisombululo zeemfuno zabo zomoya?

  2. Ingaba Ndiyakhula na kumandla wam okuzinceda ngokulungiselela umthendeleko, nangokuncama ukuze sikhonze?