2014
Impendulo yoMthandazo Wakhe
Matshi 2014


ulutsha

Impendulo yoMthandazo Wakhe

Umbhali uhlala eRhawutini, eMzantsi Afrika.

Ngobunye ubusuku umhlobo wenye inkolo wandindwendwela. Ndidla ngokuzifundela ndodwa izibhalo ezingcwele zam, kwaye ndandizikhuphele ngaphandle ukuze ndizozifunda ngobo busuku. Kwakhukho impembelelo eyayisithi mandimbize ukuze azokufunda kunye nam izibhalo ezingcwele, kodwa ndandisoyika ndaqhubeka ndazifundela. Ndandisazi ukuba andiyihoyanga impembelelo yoMoya oyiNgcwele. Emva kwemizuzu embalwa ndabuza ngononophelo, “Ungathanda ukufunda kunye nam izibhalo ezingcwele?” Ngaphandle kokuthandabuza umhlobo wam waphendula, “Ewe.”

Emva koko safunda kwiNcwadi kaMormoni Wandibuza eminye imibuzo, kwaye ndandiwuva uMoya oyiNgcwele endikhokela kwiimpendulo zam. Ndangqina ngobungqina bam benyaniso yeNcwadi kaMormoni. Emva kokuba ndenze njalo, wandixelela, “Bendikhala kwaye ndisoyika imini yonke.” Ngoku ubundicela ukuba ndingazifunda na izibhalo ezingcwele kunye nawe bendisand’ukuthandaza kuThixo ndicela uncedo. Ndiziva ndingcono noko ngoku. Enkosi.”

iNkosi yandisebenzisa njengesixhobo sokuphendula umthandazo kwaye nokunceda omnye wabantwana Bakhe owayeswele uncedo. Ndiyayazi ukuba iimpembelelo ziyimiyalelo evela kuBawo onobulumko, nozuko. Xa sibeka ecaleni uloyiko lwethu, siyamvumela Yena ukuba abonakalise amandla Wakhe ngokwentobeko yethu.