2014
Inkonzo kunye noBomi BanaPhakade
Matshi 2014


UMYALEZO WOBUMONGAMELI BOKUQALA, KWEYEKWINDLA 2014

Inkonzo noBomi banaPhakade

Umfanekiso
NguMongameli uHenry B. Eyring

uMsindisi ngumzekelo wethu womntu owayenga njongi isiqu sakhe kuphela. Ubomi bakhe obungcwele wabunikela bonke ekuncedeni uBawo wasemaZulwini kunye nabo bonke abantwana bakaBawo wakhe. Injongo emanyeneyo kaBawo noNyana kukusinika sonke isiphiwo sobomi banaphakade kunye nentsikelelo yobomi banaphakade (bona Mozisi 1:39).

Ukufaneleka kubomi banaphakade, kufuneka siguquke NgeNtlawulo kaYesu Krestu—sizalwe kwakhona kwaye sihlanjululwe esonweni. Abantwana abancinane abangaphantsi kweminyaka esibhozo, kodwa, abanasono kwaye bakhululwa ngeNtlawulo (bona Mozaya 3:16, 21; Moronayi 8:10–12).

Kuthi sonke abafikelela kwiminyaka yokuzithethelela, kukho icebo elingumangaliso elisivumelayo thina ukuba sihlanjululwe esonweni kwaye silungiselele ubomi banaphakade. Loo malungiselelo aqala ngokubhaptizwa ngegunya lobubingeleli kwaye nangokwamkela uMoya oyiNgcwele. Emva koko kufuneka sikhumbule uMsindisi kwaye sigcine imithetho Asinike yona.

UKumkani uBenjamin waxelela abantu bakhe kwiNcwadi kaMormoni ngoyolo oluza ngokuva uxolelo esonweni ngeNtlawulo kaYesu Krestu. Ze emva koko wabafundisa ukuba ukugcina ususo lwezono zabo, kufuneka bafundise abantwana babo ukukhonzana kwaye kufuneka babe nobubele obuninzi kangangoko bazokuphumeza iintswelo zomoya nezenyama zabo ababangqongileyo. (Bona Mozaya 4:11–16.)

Wabafundisa nokuba, “Bonani, ndiyanixelela ezi zinto ukuze nifunde ubulumko; ukuze nifunde ukuba xa nincedisa abanye abantu nincedisa uThixo wenu” (Mozaya 2:17).

UYesu wahamba efundisa ivangeli Lakhe kwaye esenza ubulungisa (bona Izenzo 10:38). Waphilisa abagulayo. Wavusa abafileyo. Ngamandla Wakhe watyisa amawaka xa babelambile kwaye bengenako ukutya (bona Matewu 14:14–21; Yohane 6:2–13). Emva koVuko Lwakhe wanika Abapostile Bakhe abaliqela ukutya njengokuba babevela kuLwandle lwaseGalili (bona uYohane 21:12–13). Kwelase Melika, waphilisa abagulayo kwaye wasikelela abantwana ngamnye (bona 3 Nifayi 17:7–9, 21).

UYakobi uMpostile wasifundisa ukuba umnqweno wokukhonza uphuma kumbulelo wethu ngento iNkosi esenzele yona:

“Kodwa nabanina ojongisisa umthetho ogqibeleleyo wenkululeko, kwaye aqhubekeke ngawo, kwaye engenguye ummameli omamelayo qha, kodwa umenzi womsebenzi, lo mntu uzakusikelelwa kwizenzo zakhe. …

“Inkolelo enyulu nengangcoliswanga phambi kukaThixo uBawo yile, Ukundwendwela abangenatata nabahlolokazi kwiinkxwaleko zabo, kwaye nokuzigcina engenachaphaza ehlabathini” (Yakobi 1:25, 27).

Enye yeziqinisekiso zokuba uyahlanjululwa ngumnqweno wokukhonza abanye usenzela uMsindisi. Ukufundisa emakhayeni nondwendwelo makhaya kuye konke kube luyolo kuyeke ukuba ngumsebenzi. Uzifumana unikela ngaphezulu kwabanye mhlawumbi esikolweni sakwingingqi okanye uncedise ukukhathalela amahlwempu kwingingqi ohlala kuyo. Nangona unganemali encinane yokunika abo abanokuncinane, uyakunqwenela ukuba akwaba ubunokuninzi ukuze ukwazi ukunikela ngaphezulu (bona Mozaya 4:24). Uzifumanisa unemincili yomnqweno wokunceda abantwana bakho kwaye ubabonise ukuba kuncedwa njani na abanye.

Xa indalo yakho itshintsha,uzakuziva ufuna ukunikezela uncedo ungakhanyanga kwabanye abantu. Ndazi abalandeli boMsindisi abanikele izipho ezinkulu zemali nenkonzo ngokuzimisela okwaziwa nguThixo nabantwana babo qha. UThixo uyiqaphele inkonzo yabo ngokubasikelela kobu ubomi, kwaye Uyakubasikelela kubomi obunaphakade obuzayo (bona Mateyu 6:1–4; 3 Nifayi 13:1–4).

Njengokuba niwugcinile umthetho wokunceda abanye abantu (bona Mateyu22:39), uyivile inguquko kwiimvakalelo zenu zempakamo. uMsindisi walungisa Abapostile Bakhe ngoku babesilwa ngokuba ngubani oyakubamkhulu phakathi kwabo. Wathi:

“Ningabizwa ngokuba nizinkosi: ngokuba mnye oyiNkosi yenu, ewe uKrestu.

“Kodwa lowo ongoyena umkhulu phakathi kwenu uyakuba sisicaka senu” (Mateyu 23:10–11).

uMsindisi usifundisa ukuba thina singafunda njani ukunceda abanye. Wanceda abantu ngokugqibeleleyo, kwaye kufuneka sifunde ukunceda njengokuba Wafunda—umgca emgceni (bona Imfundiso neMinqophiso 93:12–13). Ngokunceda abanye athi esiyinikelayo, singakwazi ukuba njeNgaye. Siyakuthandaza ngawo onke amandla esinawo eentliziyo zethu sithande iintshaba zethu njengokuba Ezithanda zona (bona Mateyu 5:43–44; Moronayi 7:48). Ze emva koko side sifanelekele ubomi banaphakade kunye Naye noBawo wethu waseZulwini.

Ndiyathembisa ukuba singakhonza ngokugqibeleleyo xa silandela iimfundiso zoMsindisi nomzekelo wakhe.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Umdala uM. Russell Ballard weQumrhu LaBapostile Abalishumi Elinesibini usikhuthazile thina ukuba sithandazele amathuba okuncedana: “Kumthandazo wakho wakusasa kwimini entsha nganye, cela uBawo wethu wasemazulwini akukhokele uqaphele amathuba wonceda omnye wabantwana abaxabisekileyo bakhe. Ze emva koko imini yonke umane … ukhangela umntu ozakumnceda” (“Be Anxiously Engaged,” Ensign or Liahona, Nov. 2012, 31). Cingisisa ngokumema abo ubafundisayo bazibekele injongo amabayifeze yokuthandazela qho ngentsasa nganye amathuba okukhonza ze bawakhangele imini yonke