2014
Ubufundisi beZulu bukaYesu Krestu: Ukukhanya kweHlabathi
Matshi 2014


UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, KWEYEKWINDLA 2014

Ubufundisi beZulu bukaYesu Krestu: Ukukhanya kweHlabathi

Funda uthandaza ngalezinto kwaye ufune ukwazi ukuba unikele ngantoni. Kuzalukhulisa njani ukholo lwakho ukuqonda kabanzi umsebenzi woMsindisi kuye kwaye kubusise abo ubajongileyo ngokufundisa ngokuNdwendwela? Ukufumana olunye ulwazi, iya ku www.reliefsociety.lds.org.

Ukholo, Usapho, Uncedo

Njengokuba siye siqonda ukuba uYesu Krestu kukukhanya kweHlabathi, siyalwandisa ukholo lwethu kuye kwaye sibe kukukhanya kwabanye. UKrestu wangqina ngenye yeendima Yakhe njengo” kukhanya okukhanyisa wonke umntu [nebhinqa] eliza ehlabathini” (Imfundiso neMinqophiso 93:2) wacela ukuba si phakamisele phezulu (Kwakhe] ukukhanya ukuze kukhazimle ehlabathini” (3 Nifayi 18:24).

Abaprofeti bethu nabo bangqine ngokuKhanya kukaKrestu. UMongameli Henry B. Eyring, Isekela lokuQala kubuMongameli BokuQala, wathi: “Ixesha ngalinye okhetha ukuzama ukuphila kakhulu njengoMsindisi, ubungqina bakho buyakomelezwa. Uya ekuhambeni kwexesha uzazele ukuba Yena UkukuKhanya kweHlabathi. … Uyakukhanya kwabanye ukuKhanya kukaKrestu ebomini bakho.”1

UMdala uQuentin L. Cook weQumrhu LabaLishumi Elinesibini wathi ngokuba sibe kukukhanya kwehlabathi: “Kufuneka sikhusele iintsapho zethu kwaye sibephambili kunye nabanye bonke abantu bokulunga ekwenzeni konke esinako ukugcina ukukhanya, ithemba, kwaye nokulungileyo kwiingingqi esiphila phakathi kwazo.”2

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Yohane 8:12; Imfundiso neMinqophiso 50:24; 115:5

Kuphuma Embalini Yethu

Amabhinqa weeNtsuku Zokugqibela namhlanje bayaqhubekeka ukuphakamisela phezulu ukukhanya kwabo.

Kwibanga le80 lendawo enyukayo eHong Kong, China, udade oyedwa osisidalwa —nguye yedwa esatsheni lakhe olilungu labaNgcwele beeNtsuku ZokuGqibela—wakha ikhaya elabalikhusi apho yena nabandwendweli banokuva khona impembelelo kaMoya. Wagcina izibhalo ezingcwele zakhe, iincwadi zakhe zoMbutho wooMama, neculo lakhe kufutshane apho. Wakhenkethela eTempileni eyokwenza imimiselo yezinyanya zakhe.3

eBrazil umama olilungisa wakhulisela abantwana bakhe ekukhanyeni kwevangeli. Amaculo asesikolweni secawa agcwalisa ikhaya lakhe lezitena, kwaye imifanekiso esuka kwi Liahona yeetempile, abaprofeti bakaThixo, kwaye noMsindisi yayigquma amadonga. Yena nomyeni wakhe bazinikela ngako konke ukutywinelwa etempileni ukuze abantwana babo bazalelwe emnqophisweni. Umthandazo wakhe ngomonde yayikukuba iNkosi iyakukumnceda ukukhulisela abantwana bakhe ekukhanyeni, enyanisweni, nasemandleni evangeli.4

Izikhumbuzo

  1. Henry B. Eyring, “A Living Testimony,” Ensign or Liahona, Meyi 2011, 128.

  2. Quentin L. Cook, “Let There Be Light!” Ensign or Liahona, Nov. 2010, 30.

  3. Bona incwadi ethiwa Daughters in My Kingdom: The History and Work of Relief Society (2011), 105.

  4. See Daughters in My Kingdom, 164.