2014
Ingaba ndingakonwabela ukwenza amagama?
eyeSilimela 2014


Ulutsha

Ingaba ndingakonwabela ukwenza amagama?

Umbhali uhlala eVeracruz, Mexico.

Ndiye ndathatha inxaxheba kwizicwangciso zengingqi yethu yokwenza amagama angama 50,000. Ekuqaleni yayinzima. Kumatyeli amaninzi ixwebhu endandilicaphulile lalinemibhalo endinika ubunzima, kwaye ngamanye amaxesha ndandifuna ukulibuyisela ndicaphule elinye elahlukileyo. Kodwa ndabona ukuba wonke umntu wayecinga olohlobo, lo maxwebhu ayenokushiywa kude kube sekugqibeleni. Ndandifane ndibenemifanekiso engqondweni ngemingcelele yemigca emininzi yabantu abalindileyo kwilizwe lomoya, kwaye ndagqiba kwelokuba ndiqhubeke ukuzama ukufunda loo magama kwaye ndiwagcwalise ngaphandle kokwenza impazamo.

Ndiye ndafunda ukuba nothando kubantu. Ndaqonda ukuba eneneni bayaludinga uncedo, kwaye nathi sidinga uncedo kubo. Ndiye ndaliqonda kakuhle icebo eligqibeleleyo likaBawo oseMazulwini ukuba libandakanya wonke umntu. Xa silandela impembelelo nemiyalelo yeenkokheli zaKhe ezikhethiweyo, siyakungqina ngenceba Yakhe nangothando olungunaphakade.

Ukwenza iziqulato kuye kwaba ngamava athandekayo kum. Ndiye ndafunda ukuxabisa kwaye ndithande izinto ezininzi ngembali yosapho. Kwaye ndiye ndavuzwa ngezipho zexabiso elikhulu zeNkosi yethu ngokuba ndithobele into elula enjengo kuthatha inxaxheba ekuncediseni kwiziqulatho.