2014
Ukukhawulezisa Umsebenzi
eyeSilimela 2014


UMyalezo wobuMongameli Bokuqala, eyeSilimela 2014

Ukukhawulezisa Umsebenzi

Umfanekiso
UMongameli Thomas S. Monson.

Ingaba uyayiqonda into yokuba iBandla elibuyisiweyo liye labane minyaka engama 98 phambili kokuba libeneengingqi ezi 100? Kodwa ngaphantsi kweminyaka engama 30 emva koko, iBandla liye lalungisa ezinye iingingqi ezingama 100 amabini. Kwaye emva kweminyaka esibhozo emva koko iBandla liye labaneengingqi ezingama 300. Namhlanje sineengingqi ezingaphezulu kwama 300 ukuqina.

Kutheni oku kukhula kwenzeka ngesantya esikhawulezileyo ngale ndlela? Ingaba kungenxa yokuba saziwa ngcono? Ingaba kungenxa yokuba sinezindlu zokunqula ezithandekayo?

Ezi zinto zibalulekile, kodwa isizathu sokuba iBandla likhule namhlanje kukuba iNkosi yatsho ukuba kuya kubanjalo. Kwincwadi yeeMfundiso neMinqophiso, Wathi, “Yabonani, Ndiyakuwukhawulezisa umsebenzi wam ngexesha lawo.”1

Thina, njenga bantwana bomoya bakaBawo wethu oseZulwini, sathunyelwa kweli hlabathi kwelixesha ukuba sithathe inxaxheba ekukhawuleziseni lo msebenzi umkhulu.

INkosi ayizange, ngokolwazi lwam, itsho ukuba umsebenzi Wayo uquka ubomi bakulo mhlaba qha. Gxebe, umsebenzi Wakhe ubandakanya unaphakade. Ndiyakholwa ukuba Yena ukhawulezisa umsebenzi Wakhe kwilizwe lomoya. Ndiyakholwa kwakhona ukuba iNkosi, isebenzisa abakhonzi Bakhe apho, ilungiselela imimoya emininzi ukuba ifumane ivangeli. Umsebenzi wethu kukuba sifunise ngabo basishiyayo kwaye siye etempileni siyokwenza imimiselo engcwele eyakuphathela abo abalishiyayo eli hlabathi amathuba afanayo nala sinawo.

Bonke abaNgcwele beMihla yokuGqibela abakwilizwe lomoya baxakekile, watsho uMongameli Brigham Young (1801–77). “Yintoni abayenzayo apho? Bayashumayela, bashumayela ngalo lonke ixesha, kwaye basilungiselela indlela yokuba siwukhawulezise umsebenzi wethu wokwakha iitempile apha nakwezinye iindawo.”2

Ngoku, umsebenzi ngembali yosapho ayikho lula. Kwabo baphuma kwilizwe laseSkandinaviya, ndiyavelana nani. Ngokomzekelo, kwimbali yam yaseSwedish, igama likatat’ omkhulu wam yayingu Nels Monson; igama likatata wakhe yayingengo Monson kwaphela kodwa ingu Mons Okeson. Igama likatata kaMons yayingu Oke Pederson, kwaye igama likatata wakhe yayingu Peter Monson{} libuyela emva kuMonson futhi.

INkosi ilindele ukuba mna nawe senze umsebenzi wembali yosapho lwethu kakuhle. Ndiyacinga into yokuqala ekufuneka siyenze ukuba sizokwenza umsebenzi wethu kakuhle kukuba sibeno Moya kaBawo wethu waseZulwini kunye nathi. Xa siphila ngendlela elungileyo kangangokuba sisazi ukuba kufanele siphile ngayo, Uyakusivulela indlela yokuzalisekiswa kweentsikelelo esizifuna ngenene nangenyaniso.

Sizakuzenza iimpazamo, kodwa akukho namnye kuthi oyakuba yingcaphephe kumsebenzi wembali yosapho ngaphandle kokuba abengu mafikizolo. Kunjalonje, kufuneka siziphosele kulo msebenzi, kwaye kufuneka sizilungiselele iminqantsa enyukayo. Lo ayingomsebenzi olula, kodwa iNkosi iwubeke kuwe, kwaye iwubeke nakum.

Njengokuba ulandelela umsebenzi wembali yosapho, uyakuzifumana ubalekela kwiminqantsa, kwaye uyakutsho uthi, “Akunanto ingakumbi endinokuyenza.” Xa ufika kwelo nqanaba, yiya phantsi emadolweni wakho kwaye ucele iNkosi ukuba ikuvulele indlela, kwaye iyakukuvulela indlela. Ndiyangqina ukuba le yinyaniso.

UBawo oseMazulwini uyabathanda abantwana Bakhe abakwi lizwe lomoya njenge ndlela athanda ngayo mna nawe. Malunga nomsebenzi wokusindisa abantu bethu abasishiyayo, uMprofethi uJoseph Smith wathi, “Ngoku njengokuba iinjongo ezinkulu zikaThixo zikhawulezela kwimfezeko yazo, kwaye nezinto ezathethwayo kuBaprofeti ziyazalisekiswa, njengokuba ubukumkani bukaThixo busekiwe emhlabeni, kwaye nendlela yakudala yokusekwa kwezinto yabuyiswa, iNkosi isibonisile lo msebenzi neli lungelo.”3

Malunga nezinyanya zethu ezatshabayo ngaphandle kolwazi lwevangeli,uMongameli Joseph F. Smith (1838–1918) wathi, “Kwimizamo yethu senzela abo basishiyayo amatyathanga wembandezelo zabo ziyakuwa kubo, kwaye nobumnyama obubangqongileyo buyakunyamalala, ukuze ukukhanya kubakhanyisele kwaye bayakuva ngomsebenzi elizweni lomoya osebawenzelwe ngabantwana babo apha, kwaye bayakuvuyisana nawe ekwenzeni le misebenzi.”4

Kunezigidi ngezigidi zabantwana bomoya bakaBawo wethu oseMazulwini abangazange beva ngegama likaKrestu phambili kokuba bafe baye kwilizwe lomoya. Kodwa ngoku bayifundisiwe ivangeli kwaye balindele imini xa mna nawe siyakwenza uhlolo olufanelekileyo ekuvuleni indlela ukuze siye endlini yeNkosi kwaye sibenzele umsebenzi abangenakwazi ukuzenzela bona.

Bazalwane nabodade bam, ndiyangqina ukuba iNkosi iyakusisikelela njengokuba samkela kwaye siphendule lo mcelingeni.

Ukufundisa Ngalo Myalezo

Cinga ngebali olithandayo kakhulu eliphuma kwimbali yosapho lwakho kwaye wabelane ngalo nabo ubandwendwelayo. Mhlawumbi ungafuna ukusebenzisa imibuzo efumaneka kwicandelo labantwana kuMyalezo woBumongameli BokuQala (iphepha 6) kwaye ukhuthaze abo ubandwendwelayo ukuba babelane ngamabali wabo. Cinga ukufunda Iimfundiso nemiNqophiso 128: 15 kwaye uxoxe ngokubaluleka kokwenzela izinyanya zethu imimiselo yasetempileni.

Izikhumbuzo

  • Iimfundiso neMinqophiso 88:73.

  • Iimfundiso zaBongameli beCawa: Brigham Young (1997), 280.

  • Iimfundiso zaBongameli beCawa: Joseph Smith (2007), 409.

  • Iimfundiso zaBongameli beCawa: Joseph F. Smith (1998), 247.