2014
Umsebenzi Ongcwele kaYesu Krestu: uMfundisi
eyeSilimela 2014


UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, eyeSilimela 2014

Umsebenzi Ongcwele kaYesu Krestu: uMfundisi

Funda ngokuthandaza kulo myalezo kwaye ucele ukwazi oko ongabelana ngako. Ukuqonda kabanzi ngobomi nomsebenzi woMsindisi kulandisa kanjani ukholo lwakho Kuye kwaye luzakubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokufundisa ngokubandwendwela? Ukufumana ulwazi oluthe vetshe, iya ku reliefsociety.lds.org.

Ukholo, Usapho, Uncedo

Njengokuba sinceda abanye abantu, siba ngabalandeli benene bakaYesu Krestu, othe waba ngumzekelo kuthi. UMongameli Thomas S. Monson wathi, “Singqongwe ngabo badingayo. … Thina sizizandla zeNkosi apha kulo mhlaba, ngomyalelo wokusebenzela kunye nowokuphakamisa abantwana Bakhe.”1

ULinda K. Burton, uMongameli jikelele weQumrhu looMama, wafundisa: “Ngokuzama, sonke singabanjengo Msindisi njengokuba sisebenzela abantwana bakaThixo. Ukuncedakala ukuba si [fundisane] komnye nomnye, Ndingathanda ukubandakanya amagama amane ekumele siwakhumbule: ‘Okokuqala qwalasela, ze emva koko usebenze.’ … Xa sisenza njalo, sigcina iminqophiso, kwaye nomsebenzi wethu, njengokaMongameli Monson, uyakuba bubungqina bobufundi bethu.”2

Singathandaza rhoqo ekuseni ukuze sibone amathuba wokusebenzela abanye. “UBawo oseMazulwini uyakukukhokela, kwaye neengelosi ziyakukunceda,” watsho uDavid L. Beck, uMongameli jikelele wabafana abancinane. “Uyakuphiwa amandla wokusikelela ubomi kwaye uhlangule nemiphefumlo.”3

Okuphuma kwiZibhalo eziNgcwele

Matewu 20:25–28;1 Nifayi 11:27–28; 3 Nifayi 28:18

Okuphuma Embalini Yethu

Kwinkomfa yajikele kweyeDwarha ngo1856, uMongameli Brigham Young (1801–77) wamemeza ukuba loo mavulandlela ayerhuqa izileyiti besawela iingxondorha kwaye wonke umntu kwakumele ancede ngokuqokelela izixhobo zokubanceda ngoko nangoko. Lucy Meserve Smith wabhala ukuba abomama “bakhulula oonondrokhwe babo [iziketi enzikulu ezinxitywa ngaphantsi kweempahla], amagusha, kunye nento yonke engaphezulu ababenako ukuyihambisa, kanye apho eTrankeni, kwaye bazifaka [zona] kwiinqwelo-mahashe.

Njengokuba amavulandlela ayefika kwisiXeko iSalt Lake, uLucy wabhala, “Andizange ndikhe njengangoko ndithabathe lonwabo … nakweyiphi imisebenzi endakha ndayenza ebomini bam, imvakalelo enjalo yemvisiswano yempumelelo. Ndandiya evenkileni qha ndibazise ngeemfuno zam, ukuba yayi yayililaphu, lalilinganiselwa qha ngaphandle kwentlawulo.”4

UMongameli George Albert Smith (1870–1951) wathi ngokunceda abanye: “Ulonwabo lwethu lwangonaphakade luyakulinganiswa nendlela esizinikela ngayo ekuncedeni abanye.”5

Cingisisa Ngoku

  1. Ingaba umthandazo ungasikhokelela kanjani ukuba sibe luncedo ezandleni zeNkosi?

  2. Ingaba ukunceda abanye kungasinceda kanjani ukuba sigcine iminqophiso yethu?

Izikhumbuzo

  1. Thomas S. Monson, “Yintoni Endiyenzele Omnye Umntu Namhlanje?” Liyahona, eyeNkanga. 2009, 86.

  2. Linda K. Burton, “First Observe, Then Serve,” Liahona, Nov. 2012, 78, 80

  3. David L. Beck, “Your Sacred Duty to Minister,” Liahona, Canzibe 2013, 56.

  4. Lucy Meserve Smith, in Daughters in My Kingdom: The History and Work of Relief Society (2011), 36–37.

  5. George Albert Smith, in Daughters in My Kingdom, 77.