2014
Ndanceda Kwakhona
Septemba 2014


Ulutsha

Ndanceda Kwakhona

Umbhali uhlala eRio Grande do Norte, eBrazil.

Ngenye imini, emva kokugqiba inkqubo yenkonzo, ndandihamba ndadlula kwindlu yonqulo kwaye ndabona oodade ababini ababecoca isakhiwo. Amazwi wam aziphumela nje: “Bodade, ingaba niyaludinga uncedo na?” Omnye wabo wandincumela wathi ndifike ngqo ngexesha ngoba yayingabo kuphela ababecoca kwaye babediniwe kakhulu. Wathi wayethandazele ukuba iNkosi ithumele umntu azo kubanceda. Ndandonwabe kakhulu ukuba yimpendulo yomthandazo wakhe. Ndandigqiba ukunceda mntu wumbi Kwaye ndandidiniwe nam, kodwa ndalandela intliziyo yam kwaye ndanikezela ngokunceda ngakumbi.

Kungumyalelo ukusebenza ngovuyo (bona Limfundiso ne Minqophiso 24:7). Xa sinomnqweno wokunceda abanye ngawo onke amaxesha, singanceda ukuba imimangaliso yenzeke kubomi babanye abantu. Obethu ubomi buba nentsingiselo egqithileyo xa sinceda. INkosi ngenene iyasithanda, Yona inceda bonke abantwana baYo, kwaye Yona iyakusinika amandla wokunceda.