2014
Umsebenzi Okhethekile kaYesu Krestu: Umthuthuzeli
Septemba 2014


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, eyoMsintsi 2014

Umsebenzi Okhethekile kaYesu Krestu: Umthuthuzeli

Funda ngokuthandaza kulo myalezo kwaye ucele ukwazi oko ongabelana ngako. Ukuqonda kabanzi ngobomi nomsebenzi woMsindisi kulandisa kanjani ukholo lwakho Kuye kwaye luzakubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokufundisa ngokubandwendwela? Ukufumana inkcukacha ethe vetshe, yiya ku www.reliefsociety.lds.org

UYesu Krestu wathembisa, “andizi kunishiya ningena mthuthuzeli: ndiza kuza kuni” (Yohane 14:18). Uza kusinika “ubuhle ngothuthu, i-oli yovuyo ngokulila” (Izaya 61:3). Ngoba uKrestu wasokola kwiDini ngathi sonke, Yena akasoze asilibale. “UMsindisi wethu wathabathela kuYe … iintlungu neentsokolo zethu neenzingo zethu ukwenzela ukuba Yena akwazi oko sikuvayo nendlela yokusithuthuzela,” watsho uLinda S. Reeves ongumcebisi wesibini kubongameli jikelele beQumrhu LamaNina ecawe.1

Ukwazi ukuba uKrestu uyakusithuthuzela kungazisa uxolo kuthi kwaye kusiphembelele ukuba silandele umzekelo wakhe ngokunceda kwabanye. UMongameli Thomas S. Monson wathi: “Ulwazi lwethu lwevangeli nothando lukaBawo oseZulwini noMsindisi wethu luya kusithuthuzela kwaye lusixhase kwaye lusiphathele uvuyo ezintliziyweni zethu njengoko sihamba ngokuthe tye kwaye sigcina imiyalelo. Akukho nto kweli hlabathi enokusoyisa.”2

Okuphuma kwiZibhalo eziNgcwele

Yohane 14:18,23; Alma 7:11–13; Iimfundiso neMinqophiso 101:14–16

Okuphuma Embalini Yethu

U-Elaine L. Jack, umongameli jikelele weQumrhu LamaNina we-12, wathi: “Kwimfundiso ndwendwelo makhaya sitsho sifikelele kwabanye. Izandla soloko zithetha oko amazwi angenako ukuthetha.Ukuwola ngobubele kuthetha imiqulu. Ukuhleka kunye kuyasimanya. Ithutyana lokwabelana livuselela imiphefumlo yethu. Asina kusoloko sisusa imbandezelo yomnye osengxakini, kodwa singamomeleza ukwenzela ukuba akwazi ukuyinyamezela kakuhle.”3

Oodade bethu bokuqala beQumrhu LamaNina “bafumana amandla omoya ethandweni lomnye nomnye kwaye nasekuvelaneni kwabo. … Njengokuba babesokola kwizilingo zokugula nokufa, bathandazelana ngokholo kwaye bathuthuzelana. ‘Uthando lukaThixo lwalumpompoza ukusuka kwintliziyo ukuya kwenye,’ wabhala uHelen Mar Whitney, ‘wade okhohlakeleyo wabonakala engenamandla kwiinzame zakhe zokungenelela phakathi kwethu neNkosi, kwaye amatolo akhe enkohlakalo, ngamanye amaxesha, engena buhlungu.’”4

Izikhumbuzo

  1. Linda S. Reeves, “The Lord Has Not Forgotten You,” Ensign Liyahona, eyeNkanga. 2012, 120.

  2. Thomas S. Monson, “Be of Good Cheer,” Ensign okanye Liyahona, uCanzibe 2009, 92.

  3. Elaine L. Jack, kwi Daughters in My Kingdom: The History and Work of Relief Society (2011), 119.

  4. Daughters in My Kingdom, 34.

Cingisisa Ngoku

Ukuqonda ukuba iNkosi iyakukhumbula kukuzisela kanjani intuthuzelo?