2014
Ingaba Sizilungiselele Na?
Septemba 2014


Umyalezo woBongameli BokuQala, eyoMsintsi 2014

Ingaba Sizilungiselele Na?

Kwingingqi apho ndakhe ndahlala khona kwaye ndakhonza khona, iCawe yayiqhuba inkqubo yokufuya iinkuku, inabasebenzi abangamavolontiya abaphuma kumasebe wecawe asekuhlaleni. Ixesha elininzi yayiqhutywa ngokuphumelela inkqubo leyo, inika oovimba abalawulwa ziinkokheli ngamawaka wamaqanda amatsha namakhulu-khulu wemilinganiselo yenyama yenkuku elungiselelwe ukuphekwa. Kumatyeli ambalwa, ukuba ngabafuyi besixeko abangamavolontiya kwakungathethi kuphela ukuba namadyungudyungu ezandleni kodwa kwakuthetha nokudideka kwentliziyo nengqondo.

Umzekelo, ndiyakusoloko ndikhumbula ixesha esasihlanganise abafana boBubingeleli buka Aron ukwenzela ukunika inkqubo ucoco oluvame ukwenziwa ngentwasahlobo. Elethu elalichwayitile yaye linamandla iqela elalihlangene kwinkqubo kwaye ngendlela ekhawulezayo lancothula, lahlanganisa, kwaye latshisa ixabiso elikhulu lokhula neentsalela zokungcola. Ngokukhanya kokukhazimla kwemililo, satya iisoseji ezishushu ezihlohlwe emaqebengwaneni, kwaye savuyisana ngomsebenzi owenziwa kakuhle.

Kodwa kwabakhona ingxaki enye enobungozi. Ingxolo kunye naloo mililo yaliphazamisa ngokugqithisileyo iqela elicekeceke lezikhukukazi ezingama-5000 ezazibeka amaqanda lwade uninzi lwazo ngesiquphe lwaba nokuphuma iintsiba kwaye zayeka nokubeka amaqanda. Emva koko sashiya oluncinci ukhula ukwenzela ukuba sikwazi ukuvelisa amaninzi ngakumbi amaqanda.

Akukho lungu lecawe elakhe lanceda lanika abo bakwisidingo elithi lilibale okanye lizisole ngeso senzo. Ukusebenza ngokuzimisela, ubulumko bokusebenzisa imali, uvuk’ zenzele, nokwabelana nabanye akukho kutsha kuthi.

Kufuneka sikhumbule ukuba eyona igqwesileyo indlela kavimba kukuba usapho ngalinye ecaweni lube nogcino lokutya, iimpahla, kunye, xa kusenzeka, nezinye izinto zokumelana neenzingo zobomi. Uvimba weNkosi uquka ixesha, izakhono, ubuchule, uvelwano, izinto ezingcwalisiweyo, kunye nemali yamalungu weCawe anyanisekileyo. Ezi zixhobo zifumaneka kubhishophu ekuncedeni abo bakwisidingo.

Sibongoza bonke abaNgcwele beMihla yokuGqibela ukuba balumke ekucebeni kwabo, ukuba babe nobunono ekuphileni kwabo, kwaye banqande ukuba namatyala agqithisileyo nangeyomfuneko. Abantu abaninzi nangaphezulu bangazifeza iingxaki zemali ukuba bangaba novimba wokutya neempahla ezigciniweyo nokuba bangabi namatyala. Namhla sifumanisa ukuba uninzi lulandela lengcebiso ngokugqwethekileyo: banovimba wamatyala kwaye abanakutya.

Ndiphinda oko kwakubhengezwe buBongameli Bokuqala kwiminyaka embalwa egqithileyo:

“Abangcwele beMihla yokuGqibela bacetyisiwe iminyaka emininzi ukulungiselela ixesha lobunzima ngokuthi bazigcinele imali encinci ecaleni. Ukwenza oku kongeza ngokungenakulinganiselwa kukhuseleko kunye nentlalo-ntle. Usapho ngalunye lunoxanduva lokuzondla kwizidingo zalo kangangoko kunokwenzeka.

“Sinikhuthaza nokuba nihlalaphi na ehlabathini ukuba nilungiselele amaxesha obunzima ngokuqwalasela kwimeko yenu yezimali. Sinibongoza ukuba nibebuthintela ngomlinganiselo kwinkcintho-mali yenu; ziqeqesheni kwiintengo zenu ukuze ninqande amatyala. Bhatalani nigqibe ityala ngokukhawuleza kangoko nikwazi, kwaye zikhululeni koku kuthinjwa. Gcinani imali encinane rhoqo ukwakha uvimba wemali.”1

Ingaba sizilungiselele na kwizinto ezingalindelekanga ebomini bethu? Ingaba ubuchule bethu buyalolwa na? Ingaba siphila sigcina ngobunono na? Ingaba sinaye uvimba wezinto esizigcinileyo zilungile na? Ingaba siyayithobela imiyalelo kaThixo na? Ingaba siyazigcina kusini na iimfundiso zabaprofethi? Ingaba sikulungele ukupha abangamahlwempu nabadingayo izinto zethu na? Ingaba sikwisivumelwano kusini na neNkosi?

Siphila kumaxesha atshintsha ngesaquphe. Rhoqo ikamva alaziwa; ngoko ke, kuyimfuneko kuthi ukulungiselela amaxesha weentandabuzo. Xa ixesha lesigqibo lifika, ixesha lamalungiselelo sube ligqithile.

Izikhumbuzo

  1. UBongameli BokuQala, All Is Safely Gathered In: Family Finances (pamphlet, 2007).

Ukufundisa Ngalo Myalezo

Cinga ngezidingo zabo ubandwendwelayo, cinga ngeendlela ongabanceda ngazo babe nokuxhomekeka kwiziqu zabo ngakumbi kwingqesho, kwezezimali, ekugcineni ukutya, okanye ukulungisela amaxesha kaxakeka. Cinga ngobuchule onokuthi wabelane nabo ngabo, njengokufana nesitiya okanye ulawulo mali, olunokubanika amandla wokulandela ingcebiso kaMongameli uMonson.