2018
Izinto Ezintathu Omawuzikhumbule
eyoMdumba 2018


Ulutsha

Izinto Ezintathu Omawuzikhumbule

Igama khumbula livela amaxesha amaninzi kwi Ncwadi kaMormoni. UNifayi wakhuthaza abantakwabo bakhumbule ukuba uThixo uye wasindisa oobawomkhulu babo. Ukumkani Benjamin wacela abantu bakhe bakhumbule ubukhulu bukaThixo. Kwaye uMorinayi wayalela abafundi bakhe bakhumbule indlela iNkosi ithe yanenceba.

Khumbula uMsindisi ubalulekile—kwaye sikwa nqophisa ukuMkhumbula amaxesha onke sisitya umthendeleko. Umongameli Eyring usimemela ukuba sikhumbule ezi zinto zintathu ngexesha lomthendeleko:

  1. Khumbula uYesu Krestu: Funda izibhalo ezingcwele ngendlela uMsindisi wasebenza kwaye wabonisa uthando kwabanye. Uluva njani uthando Lwakhe? Ungasebenza kwaye ubonise njani uthando njengoko athe wenza uMsindisi?

  2. Khumbula oko udinga ukwenza ngcono: Cingisisa ngeveki edluleyo ngentliziyo eguqukayo. Khetha into enye onokuyitshintsha, kwaye ubhale phantsi ukuba uzokuyenza njani lo mpucuko. Beka imbono yakho apho unokuyibona khona rhoqo.

  3. Khumbula inkqubela phambili oyenzayo: Cela uThixo akuncede ubonise inkqubela phambili elungileyo oyenzayo. Shicilela indlela oziva ngayo.

Asigqibelelanga, kodwa uMsindisi uyakwazi oku. Kungoko Yena esicela ukuba Simkhumbule. Ukumkhumbula kusinika ithemba kwaye kusinceda sifune ukuphucuka. Kunjalo nangamaxesha xa sihluleka ukumkhumbula Yena, uMongameli Eyring uthi, “Usoloko ekukhumbula wena.”