2018
Soloko Ukhumbula Yena
eyoMdumba 2018


Umyalezo woBongameli bokuQala, eyoMdumba 2018

Soloko Ukhumbula Yena

Ungakwazi ukuba nomboniso kunye nam womprofeti uMoroni ebhala amazwi okugqibela eNcwadi ka Mormoni kumacwecwe egolide? Waye eyedwa. Wasibona isizwe sakhe, abantu bakhe, kunye nosapho lwakhe lusiwa. Ilizwe lali “ngumjikelo omnye oqhubekayo” wemfazwe Mormoni 8:8. Kodwa wayenethemba, ngokuba wawubona umhla wethu! Kwaye kuyo yonke into awayenokuba uyibhalile, uye wasimema ukuba sikhumbule (bona Moroni 10:3 ).

Umongameli Spencer W. Kimball (1895–1985) wayethanda ukufundisa ukuba elona gama libalulekileyo kwisichazi-magama ingaba ngukhumbula. Ngokuba senze iminqophiso noThixo, uye wathi, “ Eyona mfuno inkulu kuthi kukuba siyikhumbule” yona.

Ungalifumana eligama khumbula kuzo zoke izibhalo ezingcwele. Ngexa uNifayi ebongoza abantakwabo, soloko ebamemela ukuba bakhumbule amazwi eNkosi kwaye bakhumbule ukuba uThixo wabanceda njani oobawo babo (bona 1-Nefayi 15:11, 25; 17:40).

Kwisivaleliso sakhe esikhulu, uKumkani Benjamin usebenzise igama khumbula amaxesha asixhenxe. Wayethemba ukuba abantu bakhe baya kukhumbula “ubukhulu bukaThixo … kwanobu lungisa nokunyamezela” ngokuya kubo (Mozaya 4:11; bona 2:41; 4:28, 30; 5:11–12).

Xa Umsindisi wayemisela umthendeleko, Uye wamema abafundisi Bakhe batye amaqhekeza “kwisikhumbuzo” sedini laKhe. (Luka 22:19). Kwimithandazo yomthendeleko yonke mna nawe siva, eli gama soloko likhokela eligama khumbula (bona D&C 20:77, 79).

Umyalezo wam sisimemo, kwaye ngumbongozo, ukuba khumbula. Nazi iingcebiso ezintathu zokuba yintoni onokuyi khumbula qho ngeveki nganye xa usitya amaqhekeza angcwele omthendeleko. Ndiyathemba ayokuba luncedo-khulu kuwe, njengoko abe lulo kum.

Khumbula uYesu Krestu

Okokuqala, khumbula Umsindisi. Khumbula ukuba Waye ngubani ngoxa esemhlabeni, Wathetha njani nabanye, kwaye Wabubonisa njani ubulungisa kwizenzo zaKhe. Khumbula ukuba wachitha ixesha nobani kwaye yintoni athe Wayifundisa. UMsindisi “wayehamba esenza okulungileyo” (Izenzo 10:38). Wandwendwela abagulayo. Wayezinikele ekwenzeni intando kaYise waKhe.

Ngaphezulu kuko konke, singakhumbula ixabiso elikhulu Awalihlawulayo, ngenxa yothando Analo kuthi, ukususa ibala lezono zethu. Xa simkhumbula Yena, iminqweno yokuMlandela izokukhula. Sizokufuna ukuba nobubele chatha kancinci, sixolele chatha, kwaye sizimisele ekufuneni intando kaThixo kwaye siyenze.

Khumbula Into Ekudingeka Uyenze Ngcono.

Kunzima ukucinga ngoMsindisi-ukucoceka kwaKhe kunye nogqibelelo lwaKhe-singakhange sicinge ngendlela esineziphoso kwaye nesingagqibelelanga ngayo xa sithelekisa. Senza iminqophiso yokuthobela imithetho Yakhe, kodwa siye sisilele rhoqo kwelizinga liphezulu. Kodwa uMsindisi wayesazi oku kuzo kwenzeka, kungoko Ethe Wasinika ummiselo womthendeleko.

Umthendeleko uneengcambu zawo kwizenzo zeTestamente Endala zokunikela ngedini, ebiquka nokuvuma isono (bona Levitikus 5:5). Asisawenzi amadini ezilwanyana, kodwa singazinikela izono zethu. Izibhalo zikubiza oko ukunikela kwe “intliziyo eyaphulikileyo nomoya otyumkileyo”(3 Nifayi 9:20). Yiza emthendelekweni neguqukayo intliziyo (Bona D&C 59:12; Moronayi 6:2). Xa usenza njalo, uzokufumana uxolelo lwezono kwaye awusayi kulahlekana nendlela ekhokela ekubuyeleni kuThixo.

Khumbula Inkqubela Phambili Oyenzayo

Xa uhlola ubomi bakho ngexesha lommiselo womthendeleko, ndiyathemba ingcinga zakho zingqunga hayi kuphela izinto ozenze kakubi kodwa nazo izinto ozenze kakuhle - imizuzwana othe waziva ukuba Ubawo Osemazulwini kunye Nomsindisi bakholisekile nguwe. Ungathatha nomzuzwana ngexesha lomthendeleko wokucela uThixo akuncede uzibone ezi zinto. Ukuba uyakwenza, Ndiyakuthembisa uzokuva into ethile. Uzokuva ithemba.

Ngexa ndathi ndakwenza oku, umoya wandiqinisekisa njengoko ndise kude kwisizalisekiso, ndingcono namhlanje kwisimo sayizolo. Kwaye oku kundinika intembelo yokuthi, ngenxa yoMsindisi, ngeba ngcono kangakumbi ngomso.

Soloko lithuba elida, kwaye lithetha imigudu emininzi. Uyayazi kwamava akho ukuba kunzima ukucinga ngokuqapheleyo into enye ixesha lonke. Kodwa nokuba usigcina kakuhle njani isithembiso sakho soku soloko umkhumbula Yena, Yena usoloko ekukhumbula.

UMsindisi uyayazi imicelingeni yakho. Uyayazi kunjani ukuba neenkathalo zobomi ezicinezele kuwe. Uyayazi uzidinga ngokukhawuleza okungakanani iintsikelelo eziza zisuka ekubeni usoloko umkhumbula Yena kwaye umthobela Yena - “ ukuze[usoloko u]benawo uMoya wakhe ukunye na[we]” (D&C 20:77; isigxininisi sifakelwe).

Ngoko, uthi akwamkele kwitafile yomthendeleko kwiveki nganye, ephinda ekunika ithuba lokungqinisisa phambi Kwakhe ukuba wosoloko ukhumbula Yena.

Izikhumbuzo

  1. Spencer W. Kimball, “Circles of Exaltation” (address to Church Educational System religious educators, Eyesilimela 28, 1968), 5.