Uncedo lweZifundo
GJS, UMarko 8


GJS, UMarko 8:37–38. Thelekisa noMarko 8:35

Nabani ozimisele ukufa ngenxa kaYesu uya kuzuza usindiso.

37 Kuba nabani na oya kusindisa ubomi bakhe, uya kulahlekana nabo; okanye nabani na oya kusindisa ubomi bakhe, uya kububeka phantsi ngokuzithandela ngenxa yam; kwaye ukuba akathandi ukububeka phantsi ngenxa yam, uya kulahlekana nabo.

38 Kodwa nabani na oya kuzithandela ukulahlekana nobomi bakhe ngenxa yam, nevangeli, onjalo uya kubusindisa.

GJS, UMarko 8:42–43. Thelekisa noMarko 8:38

Abantu abaneentloni nguKrestu abanasabelo eluvukweni lokuqala, kodwa abo bazithandelayo ukufela uKrestu baya kuza kunye Naye ebuqaqawulini Lwakhe.

42 Kwaye abasayi kuba nesabelo koloo vuko xa esiza.

43 Kuba inene ndithi kuni, Okokuba uya kuza; kwaye lowo ububeka phantsi ubomi bakhe ngenxa yam nevangeli, uya kuza kunye naye, kwaye uya kunxityiswa ngobuqaqawuli bakhe elifini, ekunene koNyana womntu.