Uncedo lweZifundo
GJS, Kwabase Roma 3


GJS, KwabaseRoma 3:5–8. Thelekisa nabaseRoma 3:5–8

UPawulos ufundisa ukuba umntu akanako ukwenza ububi ukuze azise ukulunga.

5 Kodwa ukuba sihlala ebubuni ebethu size sincome ubulungisa bukaThixo, yini na sithi, uThixo akalunganga ungothatha impindezelo? (Ndithetha njengomntu owoyika uThixo,)

6 UThixo uyala; kuba ke uThixo uya kuligweba njani ihlabathi?

7 Kuba ukuba inyaniso kaThixo ithe yaphuphumala ngakumbi ngobuxoki bam, (njengoko ibizwa njalo ngamaYuda,) ukuya eluzukweni lwakhe; kungani na ke njalo ndisagwetywa njengomoni? ndibe andamkelwa? Ngenxa yokuba sixelwe ngokungcikivayo;

8 Kwaye abanye bangqina okokuba sithi, (okugweba kwakhe kulungileyo,) Masenze ububi ukuze ukulunga kube nokuza, Kodwa ke oku yimposiso.