Ubizo lobuFundisi
Isahluko 3: ISimemo sokuBaptizwa nokuQinisekiswa


“Isahluko 3: ISimemo sokuBaptizwa nokuQinisekiswa,” Shumayela iVangeli Yam: ISikhokelo Ekwabeleni iVangeli kaYesu Krestu (2023)

“Isimemo sokuBaptizwa nokuQinisekiswa,” Shumayela iVangeli Yam

Isahluko 3

Isimemo sokuBaptizwa nokuQinisekiswa

Umfanekiso
Come into the Fold of God [Yiza eMhlambini kaThixo], nguWalter Rane

Isiseko seMundiso

Sonke singabantwana bakaBawo waseZulwini. Size emhlabeni ukuba sibe nethuba lokufunda, sikhule, kwaye sibe njengaYe ngakumbi ukuze sibuyele kubukho baKhe (bona Moses 1:39). Asinokwazi ukuba njengaYe okanye sibuyele kuYe ngaphandle koncedo lobuthixo. UBawo wethu waseZulwini wathumela uNyana waKhe, ukuba asihlawulele kwaye aqhawule amatyathanga okufa (bona 3 Nifayi 27:13–22).

Sizuza ukufikelela kumandla kaKrestu akhululayo ngokusebenzisa ukholo kuYe kuguquko, sibhaptizwe, ngokwamkela isipho soMoya oyiNgcwele ngokuqinisekiswa, kwaye sinyamezele kude kube sekupheleni. Ukugcina umnqophiso wobhaptizo linyathelo lokuqala ekuzibopheleleni kuThixo ukuze uMoya oyiNgcwele ahlambulule, omeleze, kwaye atshintshe indalo yethu ibengcono. Ukufumana le mpembelelo ingcwalisayo kubizwa ngokuba kukuzalwa ngokutsha ngokomoya. (Bona 2 Nifayi 31:7, 13–14, 20–21; Mozaya 5:1–7; 18; 27:24; 3 Neifayi 27:20; Yohane 3:5.)

Ukuzalwa ngokutsha ngokomoya kuqala xa sibhaptizwa ngamanzi nangoMoya. Ubhaptizo ngummiselo ovuyisayo kwaye nonethemba. Xa sibhaptizwa ngentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo, siqalisa ubomi ngokutsha ngamandla kaThixo asomelezayo. Emva kokuba sibhaptiziwe kwaye saqinisekiswa, singaqhubeka ukomelezwa ngokuthatha umthendeleko ngokufanelekileyo. (Bona 2 Nifayi 31:13; Mozaya 18:7–16; Moronayi 6:2; IMfundiso neMinqophiso 20:37.)

Ukudlulisa Isimemo

Njengokuba uziva ukhokelwa nguMoya, mema abantu ukuba babhaptizwe kwaye baqinisekiswe. Oku kungenzeka ngexesha lesifundo.

Fundisa imfundiso yobhaptizo kwaye uncede abantu baqonde imfundiso kaKrestu (bona isifundo 3). Fundisa ngokubaluleka kwaye novuyo lomnqophiso wobhaptizo, ngokufumana uxolelo lwezono, kwaye nokwamkela isipho soMoya oyiNgcwele ngokuqinisekiswa.

Lungiselela abantu isimemo sobhaptizo ngokuqinisekisa ukuba bayakuqonda oko ukufundisileyo nomnqophiso abaya kuwenza. Umnqophiso wobhaptizo umi ngolu hlobo lulandelayo:

  • Zimisele ukuthabathela kuthi igama likaYesu Krestu.

  • Gcina imiyalelo kaThixo

  • Khonza uThixo nabanye

  • Nyamezela kude kube sekupheleni (Bona isifundo 4.)

Ungabelana ngoku kulandelayo:

“Xa sibhaptizwa, thina ‘singqina phambi [koThixo] ukuba [thina] singene kumnqophiso kunye naye, wokuba [thina] siya kumsebenzela kwaye siyigcine imiyalelo yakhe.’ Njengoko sisenza lo mnqophiso, uthembisa ukuba Yena uya ‘kuwuthulula uMoya wakhe ngobuninzi phezu [kwethu]’ (Mozaya 18:10).”

Isimemo sakho sokubaptizwa kufuneka sibe sesithile kwaye singqale. Unokuthi:

“Ingaba uyakulandela umzekelo kaYesu Krestu ngokubhaptizwa ngumntu omiselwe ukwenza lo mmiselo? Siza kukunceda ulungiselele ukubhaptizwa. Sikholelwa ukuba ungalungela [umhla]. Ingaba uyakuzilungiselela na ukuba ubhaptizwe ngalomhla?”

Njengaso nasiphi na isimemo osidluliselayo, thembisa ngeentsikelelo ezinkulu abantu abazakuzifumana xa besamkela isimemo sokubhaptizwa kwaye bagcine iminqophiso enxulumeneyo. Yabelana ngobungqina bakho bezi ntsikelelo.

Fundisa ukuba ubhaptizo noqinisekiso asiyondawo yokugqibela. Kunoko, ziyingongoma esecaleni kwendlela yokuguquka ezisa ithemba, uvuyo, namandla kaThixo ngokuzele ngakumbi ebomini bomntu (bona Mozaya 27:25–26). Emva kokuba abantu bebhaptiziwe kwaye baqinisekiswa, banokujonga phambili ekungcwalisweni nguMoya njengoko beqhubela phambili kwindlela yomnqophiso.

Ukuba kuyenzeka, mema abo ubafundisayo ukuba babekhona kwinkonzo yobhaptizo nakwintlanganiso yomthendeleko ngexesha apho umntu eqinisekiswa.

Izimvo zesiMemo sokuBaptizwa

Cinga ngokufunda ingxelo yezibhalo kaYesu ebhaptizwa (bona Mateyu 3:13–17). Ungabonisa kananjalo Bible video ebonisa ubhaptizo loMsindisi okanye Book of Mormon video yabafundi boMsindisi bebhaptiza.

Usenokufunda kananjalo ingxelo kaNifayi yobhaptizo lukaYesu (bona 2 Nifayi 31:4–12). Ukufunda iingxelo zobhaptizwa lukaYesu Krestu kunokubomeleza abo bafundiswayo.

Ufundo lweZibhalo

Funda izibhalo ezilandelayo:

Bhala isishwankathelo sento oyifundileyo.