Ubizo lobuFundisi
ISahluko 3: Isifundo 3—iVangeli kaYesu Krestu


“ISahluko 3: isiFundo 3—IVangeli kaYesu Krestu,” Shumayela iVangeli Yam: IsiKhokelo eKwabeleni iVangeli kaYesu Krestu ] (2023)

“ISahluko 3: Isifundo 3,”Shumayela iVangeli Yam

ISahluko 3: IsiFundo 3

Ivangeli kaYesu Krestu

Umfanekiso
The Second Coming [UkuBuya kweSibini], nguHarry Anderson

Abantu BanokuZibuza

  • Ngubani uYesu Krestu? Yena angandinceda njani mna nosapho lwam?

  • Kuthetha ukuthini ukuba nokholo kuYesu Krestu? Ukuba nokholo kuYe kunga busikelela njani ubomi bam?

  • Kuthetha ukuthini ukuguquka?

  • Ndingaluva njani uxolo luka Thixo, noxelelo emva kokwenza ukhetho olungalunganga?

  • Yintoni injongo yobhaptizo?

  • Yintoni isipho soMoya oyiNgcwele?

  • Kuthetha ukuthini ukunyamezela kude kube sekupheleni?

Ivangeli kaYesu Krestu yindlela esiza ngayo kuKrestu. Ilula ngokwaneleyo kangokuba nomntwana angayiqonda. Esi sifundo sigxile kwivangeli nemfundiso kaKrestu, equka ukholo kuYesu Krestu, inguquko, ubhaptizo, isipho soMoya oyiNgcwele, nokunyamezela kude kube sekupheleni. Kananjalo ikwagxile kwindlela ivangeli ebasikelela ngayo bonke abantwana bakaThixo.

Igama ivangeli ngokoqobo lithetha “iindaba ezimnandi.” Ivangeli kaYesu Krestu iziindaba ezimnandi kuba isinika imfundiso—inyaniso yanaphakade—esiyidingayo ukuza kuYe kwaye sisindiswe (bona 1 Nifayi 15:14). Ivangeli isifundisa indlela yokuphila ubomi obulungileyo, nobunentsingiselo. Iindaba ezilungileyo zevangeli zibonelela kuthi indlela yokuba sixolelwe izono, singcwaliswe, kwaye sibuyele kubukho bukaThixo.

Iingcebiso zokuFundisa

Eli candelo linikeza isampulu yolwandlalo ukunceda wena ukulungiselela ukufundisa. Likwaquka kananjalo imizekelo yemibuzo nezimemo onokuyisebenzisa.

Njengoko ulungiselela ukufundisa, qwalasela ngomthandazo iimeko neemfuno zomoya zomntu ngamnye. Yenza isigqibo sokuba yintoni eyakuba luncedo olukhulu ukuyifundisa. Lungiselela ukuchaza amagama okanye amabinzana abantu abanokungawaqondi. Cwangcwisa ngokobungakanani bexesha oza kuba nalo, ukhumbula ukugcina izifundo mfutshane.

Khetha izibhalo oza kuzisebenzisa njengokuba ufundisa Icandelo“IMfundiso esiSiseko” lesifundo liquka izibhalo ezininzi eziluncedo.

Qwalasela ukuba yeyiphi imibuzo oza kuyibuza njengokuba ufundisa. Cwangcwisa ukudlulisa izimemo ezinokukhuthaza umntu ngamnye athathe inyathelo.

Gxininisa iintsikelelo ezithenjisiweyo zikaThixo, kwaye wabelane ngobungqina bakho boko ukufundisayo.

Umfanekiso
abafundisi bevangeli befundisa usapho

Into OnokuyiFundisa Abantu ngeMizuzu eli 15–25

Khetha ukufundisa ubemnye okanye ngaphezulu kule migaqo ilandelayo. Isiseko semfundiso yomgaqo ngamnye sibonelelwe emva kolu lwandlalo,

UMsebenzi wobuThixo kaYesu Krestu

  • UThixo wathumela uNyana waKhe oyintanda, uYesu Krestu, emhlabeni ukusikhulula kwisono nokufa.

  • Ngenxa yedini lentlawulelo kaYesu Krestu, sinako ukuhlanjululwa kwizono zethu kwaye singcwaliswe njengokuba siguquka.

  • Emveni kokuba uYesu ebethelelwe emnqamlezweni, Yena wavuka ekufeni. Ngenxa yoVuko lwaKhe ekufeni, thina sonke siya kuvuka ekufeni emveni kukuba sifile. Oku kuthetha ukuba umoya womntu ngamnye nomzimba ziyakuhlanganiswa kwakhona, kwaye ngamnye kuthi uyakuphila naphakade kumzimba ovuke ekufeni nogqibeleleyo.

UKholo kuYesu Krestu

  • UKholo ngumgaqo wokuqala wevangeli kaYesu Krestu.

  • UKholo kuYesu Krestu lubandakanya nokuba nengqiniseko yokuba Yena unguNyana kaThixo kwaye sithembele kuYe njengo Msindisi noMkhululi wethu.

  • UKholo kuYesu Krestu ngumgaqo wesenzo namandla.

  • Someleza ukholo lwethu ngokuthandaza, ukufunda izibhalo, kwaye nokuthobela imithetho.

INguquko

  • Ukholo kuYesu Krestu lusikhokelela kwinguquko. Inguquko yinkqubo yokubuyela kuThixo kwaye uphume esonweni. Njengokuba siguquka, izenzo zethu, iminqweno, kwaye neengcinga ziyatshintsha zibe nokuhambisana ngakumbi nentando kaThixo.

  • Xa siguquka ngokunyanisekileyo, uThixo uya kusixolela. UXolelo lunako ukwenzeka kuba uYesu Krestu wazihlawulela izono zethu.

  • Njengokuba siguquka, siva uxolo njengokuba ubutyala bethu nosizi ziphiliswa.

  • Inguquko yinkqubo yobomi bonke. UThixo uyasamkela ngalo lonke ixesha siguquka. Yena akasoze asincame.

UBhaptizo: umNqophiso Wethu wokuQala noThixo

  • UBhaptizo yindlela esiqala ukungena ngayo kubudlelwane bomnqophiso noThixo.

  • UBhaptizo lunezahlulo ezibini: ubhaptizo ngamanzi nobhaptizo ngoMoya. Xa sibhaptiziwe kwaye saqinisekiswa, sihlanjululwe kwizono zethu, sinikwa isiqalo esitsha ebomini.

  • Sibhaptizwa ngontywiliselo, ukulandela umzekelo kaYesu.

  • Abantwana ababhaptizwa bade babe neminyaka esibhozo. Abantwana abafa phambi kokufika kobo budala bakhululwe ngeNtlawulelo kaYesu Krestu.

  • Sithabatha inxaxheba kumthendeleko iveki nganye njenge nkumbulo yedini likaYesu nokuhlaziya iminqophiso yethu noThixo.

ISipho soMoya oyiNgcwele

  • UMoya oyiNgcwele lilungu lesithathu lentloko yobuThixo.

  • Emva kokuba sibhaptiziwe, sifumana isipho soMoya oyiNgcwele ngommiselo obizwa ngokuba luqinisekiso.

  • Xa sifumana isipho soMoya oyiNgcwele, singanabo ubuqabane baKhe kubo bonke ubomi bethu ukuba sinyanisekile.

  • UMoya oyiNgcwele uyasingcwalisa, asithuthuzele, kwaye asincede ukuba siyazi inyaniso.

Nyamezela de kube sesiPhelweni

  • Ukunyamezela kubandakanya ukuqhubeka ubonakalisa ukholo kuKrestu imini nganye. Siyaqhubekeka ukugcina iminqophiso yethu noThixo, siguquke, sifune ubuqabane boMoya oyiNgcwele, kwaye sithabathe kumthendeleko.

  • Njengoko sifuna sinyanisekile ukulandela uYesu Krestu, uThixo uthembisa ukuba siya kufumana ubomi obungunaphakade.

IVangeli kaYesu Krestu iSikelela Bonke Abantwana bakaThixo

  • Ukuphila ivangeli kukhulisa uvuyo lwethu, kuphembelela izenzo zethu, kwaye kuphucula ubudlelwane bethu.

  • Kunokwenzeka ukuba sonwabe—ngokubini njengabantu ngabanye kwaye nanjengeentsapo—xa siphila ngokweemfundiso zikaYesu Krestu.

  • Ngevangeli kaYesu Krestu, iintsapho zisikelelekile kobu bomi kwaye zinako ukumanyana naphakade kwaye ziphile kubukho bukaThixo.

Imibuzo Onokuyibuza Abantu

Le mibuzo ilandelayo yimizekelo yento onokuyibuza abantu. Le mibuzo inako ukunceda wena ube nencoko enentsingiselo kwaye uqonde neemfuno zomntu nembono.

  • Yintoni oyaziyo ngoYesu Krestu?

  • Kuthetha ukuthini kuwe ukuba nokholo kuYesu Krestu?

  • Loluphi utshintsho ofuna ukulwenza ebomini bakho?

  • Uqonda ntoni ngenguquko?

  • Uqonda ntoni ngobhaptizo? Ungenza ntoni ngoku ukulungiselela ubhaptizo?

  • UMoya oyiNgcwele unganako njani ukunceda kuhambo lwakho lokubuyela kubukho bukaThixo?

  • Yintoni umngeni wena okanye usapho lwakho elujongene nawo? Singabelana ngezinye zendlela ivangeli kaYesu Krestu enokunceda ngazo?

Izimemo OngaziDlulisa

  • Ungamcela uThixo ngomthandazo akuncede wazi ukuba oko sikufundise kona yinyani? (Bona “Ingqiqo yokuFundisa:Umthandazo” kwicandelo lokugqibela lesifundo 1.)

  • Ingaba uya kuya ecaweni kule Cawa ukuze ufunde nzulu ngoko sikufundise kona?

  • Ingaba uya kuyifunda iNcwadi kaMormoni kwaye uthandazele ukwazi ukuba ililizwi likaThixo? (Ungacebisa izahluko ezithile okanye amabinzana.)

  • Ingaba uya kuwulandela umzekelo kaYesu kwaye ubhaptizwe? (Bona “IsiMemo soBhaptizo kwa noQinisekiso,” esithi ngoko nangoko silandele isifundo 1.)

  • Singalibeka ixesha lokukundwendwela kwakhona?

Isiseko seMundiso

Eli candelo linika imfundiso nezibhalo kuwe zokuzifunda ukomeleza ulwazi lwakho nobungqina bevangeli kwaye ikuncedise ufundise.

Umfanekiso
These Twelve Jesus Sent Forth,[Aba baliShumi ElinamBini uYesu wabaThumela,] nguWalter Rane

UMsebenzi wobuThixo kaYesu Krestu

UBawo waseZulwini wathumela uNyana waKhe oyiNtanda, uYesu Krestu, emhlabeni ukwenza ukuba kwenzeke kuthi sonke ukuba sibe namava ovuyo kweli lizwe nobomi obungunaphakade kwilizwe elizayo. “Kwaye le yivangeli, iindaba zovuyo, … kuba [uYesu Krestu] weza ehlabathini, … aze athwale izono zehlabathi, aze alingcwalise ihlabathi aze alihlambulule kubo bonke ububi; ukuze ngaye bonke babe nokusindiswa” (IMfundiso neMinqophiso 76:40–42).

Njengabantu abafayo, sonke siyona, kwaye sonke siyafa. Isono nokufa ziyasithintela ekubeni sizuze ubomi obungunaphakade kunye noThixo ngaphandle kokuba sibe saba noMkhululi 2 Nifayi 9). Phambi kokuba ilizwe lidalwe, uBawo waseZulwini wakhetha uYesu Krestu ukusikhulula. Ngendlela ephakamileyo yokubonakalisa uthando, uYesu weza emhlabeni kwaye Yena wazalisekisa lo msebenzi wobuthixo. Yena wenza ukuba kwenzeke kuthi ukuba sikhululwe kwizono zethu, kwaye Yena waqinisekisa ukuba thina sonke sibe nokuvuka ekufeni emveni kokufa.

UYesu waphila ubomi obungenasono. Ekupheleni kobulungiseleli baKhe basemhlabeni, Yena wathabathela kuYe izono zethu ngokuva ubunzima eGetsemane kwaye naxa Yena wayebethelelwa emnqamlezweni (bona 1 Nifayi 11:33). Ubunzima bukaYesu babubukhulu kangokuba kwabangela ukuba “angcangcazele ngenxa yentlungu, kwaye ophe kwiintunja zonke,” (IIMfundiso neMinqophiso 19:18). Emva kokubethelelwa emnqamlezweni, uYesu wavuswa ekufeni, ezuza uloyiso phezu kokufa. Xa zikunye, ezi ziganeko ziyiNtlawulelo kaYesu Krestu.

Izono zethu zisenza singahlambuluki ngokomoya, kwaye “ayikho into engacocekanga enokuhlala noThixo” (1 Nifayi 10:21). Ukongeza, umthetho wobulungisa ufuna isiphumo ngezono zethu.

Idini lentlawulelo kaYesu Krestu libonelela indlela kuthi ukuba sibe nokuhlanjululwa kwizono kwaye singcwaliswe njengokuba siguquka. Kananjalo ibonelela indlela yokwanelisa iimfuno zobulungisa (bona Alma 42:15, 23–24). UMsindisi wathi, “Mna … ndivele iintlungu ezi zinto zabo bonke, ukuze bangabi nokuva iintlungu ukuba baya kuguquka; kodwa ukuba abayi kuguquka bamele ukuva iintlungu nkqu njengam” (IMfundiso neMinqophiso 19:16–17). Ngaphandle koMsindisi uYesu Krestu, isono besiza kuphelisa lonke ithemba lokubakho kwekamva lokuphila noBawo waseZulwini.

Ngokunikezela ngesiqu saKhe njengedini lethu, uYesu akazange aliphelise uxanduva lwethu buqu. Sidinga ukuba nokholo kuYe, siguquke, kwaye sizame ukuthobela imithetho. Njengoko siguquka, uYesu uza kubanga egameni lethu amalungelo aKhe enceba kuBawo waKhe (bona Moronayi 7:27–28). Ngenxa yokungenelela koMsindisi, uBawo waseZulwini uyasixolela, esikhulula kumthwalo netyala lezono zethu (bona Mozaya 15:7–9). Siya hlanjululwa ngokoMoya kwaye ekugqibeleni samkelwe kubukho bukaThixo.

Ubulungiseleli bobuthixo bukaYesu kananjalo babu bobokusindisa thina ekufeni. Ngenxa yokuba Yena wavuka ekufeni, sonke siza kuvuka ekufeni emva kokufa. Oku kuthetha ukuba umoya womntu ngamnye nomzimba ziyakuhlanganiswa kwakhona, kwaye ngamnye kuthi uyakuphila naphakade kumzimba ovuke ekufeni nogqibeleleyo. Ngaphandle kukaYesu Krestu, ukufa bekuza kuphelisa lonke ithemba lokuba khona noBawo waseZulwini.

Ufundo lweZibhalo

UThixo wathuma uNyana waKhe

USindiso ngoYesu Krestu

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

UKholo kuYesu Krestu

UMgaqo wokuqala wevangeli lukholo kwiNkosi uYesu Krestu. Ukholo sisiseko sayo yonke eminye imigaqo yevangeli.

Ukholo kuYesu Krestu lubandakanya nokuba nengqiniseko yokuba Yena nguNyana kaThixo ekuPhela kwamZeleyo. Oku kubandakanya nokuthembela kuYe njengoMsindisi nomKhululi—ukuba Yena kuphela uyindlela yethu yokubuyela kubukho bukaThixo (bona Izenzo 4:10–12; Mozaya 3:17; 4:6–8). Siyamenywa ukuba sisebenzise “ukholo olungagungqiyo kuye, sithembele ngokupheleleyo kuko ukulunga kwalowo unamandla okusindisa” (2 Nifayi 31:19).

UKholo kuYesu Krestu lubandakanya ukukholelwa ukuba Yena weva ubunzima ngenxa yezono zethu kwidini laKhe lentlawulelo. Ngenxa yedini laKhe, singahlanjululwa kwaye siKhululwe njengokuba siguquka. Oku kuhlanjululwa kusinceda ukuba sifumane uxolo nethemba kobu bomi. Kananjalo kuvumela thina ukuba samkele uvuyo olupheleleyo emveni kokufa.

UKholo kuYesu Krestu kubandakanya nokuthemba ukuba ngaYe, sonke siza kuvuswa ekufeni emveni kokufa. Olu kholo lunakoo ukusigcina kwaye nokusithuthuzela ngamaxesha okulahlekelwa. Intlungu yokufa inako ukugxothwa ngethemba lesithembiso soVuko ekufeni.

Ukholo kuYesu Krestu lubandakanya ukukholelwa nokuthemba ukuba Yena wathabathela kuYe iimbandezelo zethu nobuthathaka bethu (bona Isaya 53:3–5). Yena uyayazi ngamava aKhe indlela yokusixhasa ngemfesane kwimingeni yobomi (bona Alma 7:11–12; IMfundiso neMinqophiso122:8). Njengokuba sisebenzisa ukholo, Yena uyasinceda sifunzele phambili ngaphaya kobunzima.

Ngokholo lwethu kuYe, uYesu angasiphilisa, ngokomzimba nangokomoya. Yena usoloko elungele ukusinceda njengokuba sikhumbula isimemo saKhe sokuba “khangalani kum kuyo yonke ingcinga; ningathandabuzi, ningoyiki” (IMfundiso neMinqophiso 6:36).

UMgaqo weSenzo naMandla

UKholo kuYesu Krestu lukhokelela kwisenzo. Siluvakalisa ukholo lwethu ngokuthobela imithetho nokwenza okulungileyo usuku ngalunye. Siyaguquka kwizono zethu. Sinyanisekile kuYe. Sizama ukuba sibe njengaYe ngakumbi.

Njengokuba sisebenzisa ukholo, sinokuba namava amandla kaYesu kubomi bethu bemihla ngemihla. Yena uya kuyikhulisa eyethu imigudu engcono. Yena uya kusinceda sikhule kwaye sibe nokuxhathisa kwizihendo.

UKomeleza uKholo Lwethu

UMprofeti u-Alma wafundisa ukuba ukwakha ukholo kungaqala ngokulula “ingangumnqweno nje wokukholwa” (Alma 32:27). Emva koko, ukuze ukholo lwethu kuYesu Krestu lukhule, kufuneka silondle ngokufunda amazwi aKhe, ukusebenzisa iimfundiso zaKhe, nokuthobela imithetho yaKhe. U-Alma wafundisa ukuba njengokuba sinomonde, silondla ngokuzimisela ilizwi lika Thixo ezintliziyweni zethu, “liya kumila iingcambu [kwaye libe njengo] mthi ohlumela kubomi obungunaphakade”—ngalo ndlela lomeleza ukholo lwethu (Alma 32:41; bona imiqolo 26–43).

Ufundo lweZibhalo

UKholo, Amandla, noSindiso

IMfundiso yoKholo

Imizekelo yoKholo

Imisebenzi neNtobelo

UKholo kwiNguquko

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo: “Yesu Krestu,” “Hlawulela, Ntlawulelo,” “Kholo

  • #&160

  • Gospel Topics: “Jesus Christ [UYesu Krestu],” “Atonement of Jesus Christ [iNtlawulelo ka Yesu Krestu],” “Faith in Jesus Christ [UKholo kuYesu Krestu]

INguquko

Yintoni iNguquko?

Inguquko ngumgaqo wesibini wevangeli. UKholo kuYesu Krestu nothando lwethu kuYe lusikhokelela kwinguquko (bona Hilamani 14:13). Inguquko yinkqubo yokubuyela kuThixo kwaye uphume esonweni. Njengokuba siguquka, izenzo zethu, iminqweno, kwaye neengcinga ziyatshintsha zibe nokuhambisana ngakumbi nentando kaThixo. Uxolelo lwesono lwenziwe lwenzeka ngoYesu Krestu nedini lentlawulelo yaKhe.

Inguquko ingaphezulu kakhulu kunosebenzisa amandla entando ukutshintsha isimo sokuziphatha okanye ukoyisa ubuthathaka. Inguquko kukubuyela kuKrestu ngokunyanisekileyo, osinika amandla okuba namava “otshintsho olunamandlakazi” kwiintliziyo zethu(Alma 5:12–14). Njengokuba sisiva olu tshintsho lwentliziyo, sizalwa ngokutsha ngokomoya (bona Mozaya 27:24–26).

Ngenguquko, siphuhlisa imbono entsha ngoThixo, iziqu zethu, kwaye nelizwe. Siluva ngokutsha uthando luka Thixo ngathi njengabantwana baKhe—nothando loMsindisi wethu ngathi. Ithuba lokuguquka yenye yeentsikelelo ezinkulu uThixo asinike zona ngoNyana waKhe.

INkqubo yeNguquko

Xa siguquka, siya ziqaphela izono zethu kwaye sizive sizisola ngokwenene. Siyazivuma izono zethu kuThixo kwaye sicele uxolelo lwaKhe. Kananjalo siyazivuma izono ezinobuzaza kakhulu kwiinkokeli ezigunyazisiweyo zeBandla, eziya kusixhasa njengoko siguquka. Senza oko sinako ukwenza imbuyekezo, oko kukuthi sizama ukulungisa iingxaki ezinokuba zibangwe zizenzo zethu. Inguquko yokwenene iboniswa kakuhle ngezenzo zobulungisa ngethuba lexesha elithile.

Inguquko yinkqubo yamihla le kubomi bethu bonke. “Sonke sonile; sasilela eluzukweni luka Thixo” (KwabaseRoma 3:23). Simele ukuguquka rhoqo, sikhumbula ukuba “sinokuzenza izinto zonke, sikulowo usomelezayo uKrestu” thina (KwabaseFilipi 4:13). INkosi yasiqinisekisa ukuba “ngalo lonke ixesha abantu bam beguquka ndiya kubaxolela iziphoso zabo” (Mozaya 26:30).

IiNtsikelelo zeNguquko

Inguquko ngumgaqo omhle ozisa uvuyo noxolo. Izisa thina “emandleni oMkhululi, elusindisweni lwemiphefumlo [yethu] (Hilamani 5:11).

Xa siguquka ubutyala bethu nosizi ziyaphiliswa ekuhambeni kwexesha. Siye sive impembelelo eninzi kaMoya kakhulu kunakuqala. UMnqweno wethu wokulandela uThixo uyakhula womelele.

Umfanekiso
UMongameli Russell M. Nelson

“Abantu abaninzi kakhulu bayiqwalasela inguquko njenge sohlwayo—into ekufuneke iphetshwe. … Kodwa le mvakalelo yokohlwaywa yenziwa ngu Sathana. Yena uzama ukusithintela ekujongeni kuYesu Krestu, lowo ume ngengalo ezivulekileyo, enethemba kwaye ezimisele ukuphilisa, ukuxolela, ukucoca, ukomeleza, ukuhlambulula, kwaye nokungcwalisa thina” (Russell M. Nelson, “We Can Do Better and Be Better,” Ensign okanyeLiyahona, UCanzibe 2019, 67).

Ufundo lweZibhalo

INguquko

Ukukhululwa noXolelo

INceba yabo Bona baGuqukayo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo: “Guquka, Inguquko,” “Hlawula, Ntlawulelo

  • #&160

  • General Handbook, 32.1

  • Gospel Topics: “Repentance [iNguquko],” “Atonement of Jesus Christ [Intlawulelo kaYesu Krestu]

Umfanekiso
intombazana encinane ibhaptizwa

UBhaptizo: umNqophiso Wethu wokuQala noThixo

UKholo ku Yesu Krestu kwaye nokuguquka kuyasilungiselela ukuba senze imimiselo yobhaptizo noqinisekiso. UBhaptizo ngummiselo wokuqala wosindiso wevangeli kaYesu Krestu. Njengokuba siwamkela lo mmiselo uvuyisayo wethemba, senza umnqophiso wethu wokuqala noThixo.

Ummiselo sisenzo esingcwele okanye umsitho owenziwa ngegunya lobubingeleli. Eminye imimiselo, enjengo bhaptizo, ibalulekile kusindiso lwethu.

Ngemimiselo, senza iminqophiso noThixo. Le minqophiso zizithembiso ezingcwele phakathi kwethu noThixo. Yena uthembisa ukusisikelela njengokuba thina sigcina ezethu izithembiso kunye naYe. Kufuneka sizibophelele ngamandla ekugcineni izithembiso zethu noThixo.

UThixo usibonelele ngemimiselo kwaye neminqophiso ukusinceda size kuYe kwaye sifumane ubomi obungunaphakade. Njengokuba sisamkela imimiselo yobubingeleli kwaye sigcine neminqophiso ehambelana nayo, sinokuba namava “amandla obuThixo” kubomi bethu (IMfundiso neMinqophiso 84:20).

UMnqophiso woBhaptizo

UMsindisi wafundisa ukuba ubhaptizo lubalulekile kuthi ukungena kubukumkani bezulu (bona UYohane 3:5). Kananjalo kubalulekile kuthi ukuba sibe ngamalungu eBandla likaYesu Krestu. UMsindisi wethu wawubeka umzekelo ngokubhaptizwa (bona UMateyu 3:13–17).

Xa sibhaptiziwe kwaye sigcine iminqophiso, uThixo usithembisa ukuxolela izono zethu (bona Izenzo 22:16; 3 Nifayi 12:1-2 Le ntsikelelo yenziwe ukuba yenzeke ngedini lentlawulelo likaYesu Krestu, lowo “wasithandayo, wasikhulula ezonweni zethu ngelile lakhe igazi” (IsiTyhilelo 1:5). UThixo kananjalo uthembisa ukusisikelela ngobuqabane boMoya oyiNgcwele khonukuze sibe nokungcwaliswa, sikhokelwe, kwaye sithuthuzelwe.

Kwicala lethu lomnqophiso wobhaptizo, siyangqina ukuba sizimisele ukuthabathela kuthi igama likaYesu Krestu. Siyathembisa kananjalo ukusoloko simkhumbula Yena kwaye sigcine imithetho yaKhe. Sithembisa ukuthanda nokukhonza abanye “siya kulila nabo balilayo; … sibathuthuzele abo baswele ukuthuthuzelwa, kwaye sibe nokuma njengamangqina kaThixo ngamaxesha onke nakuzo zonke izinto, nakuzo zonke iindawo” (Mozaya 18:9; bona imiqolo 8–10, 13). Sivakalisa umxhino wokukhonza uYesu Krestu kude kube sekupheleni kobomi bethu (bona IMfundiso neMinqophiso 20:37; Mozaya 2:17).

Izibophelelo zeminqophiso yethu enxulumene nobhaptizo ziluxanduva olukhulu. Kananjalo zikwa nempembelelo kwaye zivuyisa. Zidala ubudlelwane obukhethekileyo phakathi kwethu noBawo waseZulwini athi Yena ngazo alolulele ngonaphakade uthando lwaKhe

Ukubhaptizwa ngokuntywiliswa

UYesu wafundisa ukuba sidinga ukubhaptizwa ngontywiliselo lokuxolelwa kwezono zethu (Bona IMfundiso neMinqophiso 20:72–73). UBhaptizo ngontywiliselo luphawu lokufa, ukungcwatywa, kwaye novuko ekufeni lukaYesu Krestu (bona KwabaseRoma 6:3–6).

UBhaptizo ngontywiliselo kananjalo lunophawu olunamandla kuthi buqu. Lumele ukufa kobomi bethu obudala, ukungcwatywa koba bomi, nokuvela kokuzalwa kwethu ngokutsha ngokomoya. Xa sibhaptizwa, siqala inkqubo yendlela yokuzalwa kwakhona kwaye sibe ngoonyana neentombi zikaKrestu ngokomoya (bona Mozaya 5:7–8; KwabaseRoma 8:14–17

Abantwana

Abantwana ababhaptizwa de bafikelele kwiminyaka yokuziphendulela, eyiminyaka esibhozo ubudala (bona IMfundiso neMinqophiso 68:27). Abantwana abafa phambi kobo budala bakhululwe ngeNtlawulelo kaYesu Krestu (bona Moronayi 8:4–24; IMfundiso neMinqophiso 137:10). Phambi kokuba abantwana babhaptizwe, bamele ukufundiswa ivangeli khonukuze babe nokulilungela eli nyathelo libalulekileyo ebomini babo lokwenza umnqophiso noThixo.

UMthendeleko

UBawo Wethu waseZulwini ufuna thina sithembeke kwiminqophiso esiyenza naYe. Ukusinceda ukwenza oku, Yena usiyalele ukuba sihlangane rhoqo sizokuthabatha kumthendeleko. UMthendeleko ngummiselo wobubingeleli awahe uYesu wawazisa kubaPostile baKhe phambi kweNtawulelo yaKhe.

Ukuthabatha kumthendeleko yinjongo engundoqo yentlanganiso yomthendeleko iveki nganye. Isonka namanzi ziyasikelelwa kwaye zidluliswe ebandleni. Isonka simele umzimba waKhe olidini loMsindisi kuthi. Amanzi amele igazi laKhe, elathi laphalala ngenxa yethu.

Sithabatha kule mifuziselo ngenkumbulo yedini loMsindisi kwaye sihlaziya iminqophiso yethu noThixo. Samkela ngokutsha isithembiso sokuba uMoya uza kuba kunye nathi.

Ufundo lweZibhalo

UMzekelo kaKrestu

UMnqophiso woBhaptizo

IiMfaneleko zokuBhaptizwa

Iintsikelelo Ezithenjisiweyo zoBhaptizo

Imfuneko yeGunya

UYesu Krestu Wasungula Umthendeleko

Imithandazo yoMthendeleko

Ukuthabatha Umthendeleko

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

Umfanekiso
UKrestu ubeka izandla phezu kowasetyhini.

ISipho soMoya oyiNgcwele

UKwamkela ISipho soMoya oyiNgcwele

UBhaptizo lunezahlulo ezibini. UYesu wafundisa ukuba sidinga ukuba “sizalwe ngamanzi kunye nanguMoya” ukungena ebukumkanini bukaThixo UYohane 3:5; ugxininiso longeziweyo). Joseph Smith wafundisa, “uBhaptizo ngamanzi sisiqingatha sobhaptizo, kwaye ayimelanga nto ngaphandle kwesinye isiqingatha—oko kukuthi ubhaptizo ngoMoya oyiNgcwele” (Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith [2007], 95).

Ukubhaptizwa ngamanzi kufuneka kulandelwe lubhaptizo ngoMoya okuze luphelele. Xa silufumana zombini ubhaptizo, siyacocwa kwizono zethu kwaye sizalwa ngokutsha ngokomoya. Emva koko siqala ubomi bomoya obutsha njengabalandeli bakaKrestu.

Samnkela ubhaptizo loMoya ngommiselo obizwa ngokuba luqinisekiso. Lo mmiselo wenziwa ngomnye okanye ngaphezulu abaphathi bobubingeleli ababeka izandla zabo phezu kweentloko zethu. Okokuqala basiqinisekisa njengelungu leBandla, kwaye okulandelayo banikeze isipho soMoya oyiNgcwele phezu kwethu. Lo ngummiselo ofanayo nalowo ukhankanywe kwiTestamente eNtsha nakwiNcwadi kaMormoni (bona Izenzo 8:14–17; 3 Nifayi 18:36–37).

UMoya oyiNgcwele lilungu lesithathu lentloko yobuThixo. Wona usebenza umanyene noBawo waseZulwini noYesu Krestu. Xa sifumana isipho soMoya oyiNgcwele, singanabo ubuqabane baWo kubo bonke ubomi bethu xa sithi sithembeke.

Indlela uMoya oyiNgcwele osisikelela ngayo Thina

Isipho soMoya oyiNgcwele sesinye sezipho ezikhulu zikaBawo waseZulwini. UMoya oyiNgcwele uyasihlambulula kwaye usingcwalise, usenze sibe ngcwele ngakumbi, sigqibelele ngakumbi, sifane noThixo (bona 3 Nifayi 27:20). Yena usinceda ukuba sitshintshe kwaye sikhule ngokomoya njengoko sifuna ukulandela imiyalelo kaThixo.

UMoya oyiNgcwele usinceda ukuba sifunde kwaye siyiqaphele inyaniso (bona Moronayi 10:5). Yena kananjalo uqinisekisa inyaniso ezintliziyweni zethu nasengqondweni. Ukongeza, uMoya oyiNgcwele usinceda sifundise inyaniso (bona IMfundiso neMinqophiso 42:14). Xa sifunda kwaye sifundisa inyaniso ngamandla oMoya oyiNgcwele, Yena uyayithwala uyise ezintliziyweni zethu (bona 2 Nifayi 33:1).

Xa sifuna ngentobeko ulwalathiso oluvela kuMoya oyiNgcwele, Yena uya kusikhokela (bona 2 Nifayi 32:5). Oku kubandakanya nokusiphembelela kwindlela esinokukhonza abanye ngayo.

UMoya oyiNgcwele unikeza amandla omoya okusinceda soyise ubuthathaka. Yena usinceda siluxhathise uhendo. Yena uyasilumkisa ngeengozi zomoya okanye zomzimba.

UMoya oyiNgcwele uya kusinceda kwimingeni yobomi. Yena uya kusithuthuzela ngethuba lamaxesha ezilingo nosizi, usizalise ngethemba (bona Moronayi 8:26). NgoMoya oyiNgcwele, singaluva uthando lukaThixo kuthi.

Ufundo lweZibhalo

Indalo yoMoya oyiNgcwele

Iintsikelelo nempembelelo yoMoya oyiNgcwele

Ukubaluleka kweSipho soMoya oyiNgcwele

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

Umfanekiso
UYesu ebambe abantwana

Nyamezela de kube sesiPhelweni

Xa sibhaptiziwe kwaye saqinisekiswa, singena kumnqophiso kunye noThixo. Phakathi kwezinye izinto, sithembisa ukugcina imithetho yaKhe kwaye sikhonze Yena kwintsalela yomi bethu (bona Mozaya 18:8–10, 13; IMfundiso neMinqophiso 20:37).

Emveni kokuba singenile kwindlela yevangeli ngobhaptizo noqinisekiso, senza yonke imizamo yokuhlala kuyo. Xa sithe saphambuka endleleni nokuba kuncinci kangakanani na, sisebenzisa ukholo kuKrestu ukuguquka. Intsikelelo yenguquko isivumela ukuba sibuyele kwindlela yevangeli kwaye sizigcine iintsikelelo zeminqophiso yethu noThixo. Njengoko siguquka ngokunyanisekileyo, uThixo usoloko ekulungele ukuxolela kwaye asamkele kwakhona.

Ukunyamezela kude kube sekupheleni kuthetha ukuhlala uthembekile kuThixo kude kuye esiphelweni sobomi bethu—ngamaxesha amnandi namaxesha anzima, ngawokuchuma kunye nawobunzima. Sivumela uKrestu ngentobeko ukuba asibumbe kwaye asenze sibe nokufana naYe. Sijonga kuKrestu ngokholo, ithemba, kwaye sithembele nokuba kwenzeka ntoni ebomini bethu.

Ukunyamezela kude kube sekupheleni akuthethi kuphela nje ukubambelela side sife. Endaweni yoko, kuthetha ukujolisa ubomi bethu, iingcinga, nezenzo kuYesu Krestu. Ibandakanya ukuqhubeka sisebenzisa ukholo kuKrestu mihla le. Kananjalo siyaqhubeka siguquka, sigcina iminqophiso yethu noThixo, kwaye sifuna ubuqabane boMoya oyiNgcwele.

Ukunyamezela kude kube sekupheleni kubandakanya uku “funzela phambili ninenzondelelo kuKrestu, ninethemba eliqaqambe ngokugqibeleleyo, nothando lukaThixo nolwabantu bonke.” UBawo wethu waseZulwini usithembisa ukuba njengokuba sinyamezela kude kube sesiphelweni, “siya kufumana ubomi obungunaphakade.” (2Nifayi 31:20).

Ufundo lweZibhalo

Nyamezela de kube sesiPhelweni

Iintsikelelo Zabo Banyamezela de kube Sesiphelweni

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • Gospel Topics [IziHloko zeVangeli ] “Adversity [ubuNzima ]

  • IsiKhokelo kwiZibhalo: “ukuNyamezela,” “ubuNzima

Umfanekiso
usapho luncumile

IVangeli kaYesu Krestu iSikelela Bonke Abantwana bakaThixo

Ivangeli kaYesu Krestu yeyabo bonke abantwana bakaThixo Izibhalo zisifundisa ukuba “bonke bayafana kuThixo” nokuba imvelaphi yethu okanye imeko ithini na. Yena umema “bonke ukuba beze kuye baze baxhamle kuko ukulunga kwakhe; kwaye akaleli namnye oza kuye” (2 Nifayi 26:33).

Ivangeli isisikelela kubo bonke ubomi bethu basemhlabeni nakuwo wonke unaphakade. Thina kungenzeka ukuba sonwabe—ngokumbini njengabantu ngabanye kwaye nanjengeentsapho—xa siphila ngokweemfundiso zikaYesu Krestu (bona Mozaya 2:41; “USapho: ISibhengezo kwiHlabathi,” ChurchofJesusChrist.org). Ukuphila ivangeli kukhulisa uvuyo lwethu, kuphembelela izenzo zethu, kwaye kuphucula ubudlelwane bethu.

Ukuphila ivangeli kaYesu Krestu kunokusikhusela ekwenzeni ukhetho olunokusenzakalisa ngokwasemzimbeni okanye emoyeni. Isinceda sifumane amandla nentuthuzelo kumaxesha ezilingo nosizi. Isinika indlela eya kuvuyo lobomi obungunaphakade.

Omnye wemiyalezo emikhulu yevangeli ebuyiselweyo ngowokuba sonke siyinxalenye yosapho lukaThixo. Singoonyana neentombi zaKhe azithandayo. Kungakhathaliseki ngemeko yosapho lwethu emhlabeni, ngamnye kuthi ulilungu losapho lukaThixo.

Enye inxalenye enkulu yomyalezo kukuba iintsapho zinokumanyana ngonaphakade. USapho lumiselwe nguThixo. ICebo likaBawo waseZulwini lolonwabo linivumela ubudlelwane beentsapho buqhubekeke nangaphaya kwengcwaba. IMimiselo engcwele yasetempileni neminqophiso yenza kubelula kwiintsapho ukuba zibe kunye naphakade.

Ngokukhanya kwevangeli, iintsapho zinokusombulula ukungaqondi, iimbambano, nemingeni. Iintsapho ezidlakazwe kukungavisisani zinokuphiliswa ngenguquko, uxolelo, nokholo emandleni eNtlawulelo kaYesu Krestu.

Ivangeli kaYesu Krestu isinceda ukuba sikhulise ubudlelwane beentsapho ezomeleleyo. Ikhaya yeyona ndawo ilungileyo ukufundisa kwaye nokufunda imigaqo yevangeli. Ikhaya elisekwe phezu kwemigaqo yevangeli liyakuba yindawo yokuzifihla neyokhuselo. Liya kuba yindawo apho uMoya weNkosi unokuhlala kulo.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokhelo kwiZibhalo, “iVangeli

  • USapho: ISibhengezo kwiHlabathi

  • General Handbook, izahluko 2 kunye 16

  • Gospel Topics [IziHloko zeVangeli]: “Gospel [Ivangeli ],” “Family [uSapho]

OluFutshane ukuya koluPhakathi Ulwandlalo lweSifundo

Ulwandlalo olulandelayo yisampuli yoko unokufundisa umntu ukuba unesixa sexesha elifutshane. Xa usebenzisa olu lwandlalo, khetha umgaqo omnye okanye ngaphezulu wokufundisa. Isiseko semfundiso yomgaqo ngamnye sibonelelwe kwangaphambili kwisifundo.

Njengoko ufundisa, buza imibuzo kwaye umamele. Dlulisa izimemo eziya kunceda abantu bafunde indlela yokusondela kufuphi kuThixo. Esinye isimemo esibalulekileyo sesokuba umntu adibane nani kwakhona. Ubude besifundo buya kuxhomekeka kwimibuzo oyibuzayo nokumamela wena okwenzayo.

Umfanekiso
Abafundisi bevangeli bafundisa abasetyhini

Oko Unokufundisa Abantu ngeMizuzu emi 3-10

  • UThixo wathumela uNyana waKhe oyintanda, uYesu Krestu, emhlabeni ukusikhulula kwisono nokufa.

  • UKholo kuYesu Krestu ngumgaqo wesenzo namandla. UKholo lusinceda sibe namava amandla omelezayo oMsindisi ebomini bethu.

  • Ukholo kuYesu Krestu lusikhokelela kwinguquko. Inguquko yinkqubo yokubuyela kuThixo kwaye uphume esonweni. Njengokuba siguquka, izenzo zethu, iminqweno, kwaye neengcinga ziyatshintsha zibe nokuhambisana ngakumbi nentando kaThixo.

  • Xa siguquka, uThixo uyasixolela. UXolelo lunako ukwenzeka kuba uYesu Krestu wazihlawulela izono zethu.

  • UBhaptizo lunezahlulo ezibini: ubhaptizo ngamanzi nobhaptizo ngoMoya. Xa sibhaptiziwe kwaye saqinisekiswa, sihlanjululwe kwizono zethu, sinikwa isiqalo esitsha ebomini.

  • Emva kokuba sibhaptiziwe ngamanzi, sifumana isipho soMoya oyiNgcwele kummiselo obizwa ngokuba luqinisekiso.

  • Njengokuba silandela ngentembeko indlela yevangeli ukuya esiphelweni sobomi bethu, uThixo usithembisa ukuba siya kuba nobomi obungunaphakade.