Ubizo lobuFundisi
Isahluko 3: Isifundo 4—Ukuba ngabaFundi boBomi bonke baka Yesu Krestu


“Isahluko 3: Isifundo 4—Ukuba ngabaFundi boBomi bonke baka Yesu Krestu,” Shumayela iVangeli Yam: ISikhokelo eKwabeleni iVangeli kaYesu Krestu (2023)

“Isahluko 3: Isifundo 4,” Shumayela iVangeli Yam

Isahluko 3: Isifundo 4

Ukuba ngabaFundi boBomi bonke baka Yesu Krestu

Umfanekiso
The Lost Lamb [Imvana Elahlekileyo], nguDel Parson

Ukufundisa loMyalezo

Ubhaptizo ngummiselo ovuyisayo wethemba. Xa sibhaptizwa, sibonisa umnqweno wethu wokulandela uThixo nokungena kwindlela esa kubomi obungunaphakade Ukuba ngabaFundi boBomi bonke bakaYesu Krestu.

Esi sifundo silungelelaniswe ngokweminqophiso esiyenzayo xa sibhaptizwa. Iquka la macandelo alandelayo aphambili, ngalinye linamacandelwana:

  • Umnqophiso Wethu wokuZimisela ukuThabathela Phezu Kwethu iGama likaYesu Krestu

  • Umnqophiso Wethu wokuGcina iMiyalelo kaThixo

  • UMnqophiso Wethu wokuKhonza uThixo naBanye

  • UMnqophiso Wethu wokuNyamezela kude kube sekuPheleni

Nceda abantu baqonde ukuba imigaqo nemiyalelo oyifundisayo yinxalenye yomnqophiso abaya kuwenza xa bebhaptizwa. Babonise ukuba inxalenye nganye yesi sifundo iyakubanceda njani “beze kuKrestu … kwaye bathabathe inxaxheba kusindiso lwakhe” (Omnayi 1:26; bona kananjalo 1 Nifayi 15:14).

Uyakufuna ukufundisa esi sifundo kutyelelo oluninzi. Inqabile into yokuba isifundo sibengaphaya kwemizuzu eyi–30. Ngokuqhelekileyo kulunge ngakumbi ukuba notyelelo olufutshane, oluthe rhoqo olugubungela iinxalenye ezincinane zombandela.

Ceba into oza kuyifundisa, ixesha oza kuyifundisa ngayo, nexesha oza kulithatha. Qwalasela iimfuno zabantu obafundisayo, kwaye ufune inkokhelo yoMoya. Unako ukuguquguquka ukufundisa ngokuvisisana neyona nto iya kunceda abantu balungele ukubhaptizwa nokuqinisekiswa.

Amanye amacandelo kwesi sifundo aquka izimemo ezithile. Funa impembelelo ekuthatheni isigqibo ngendlela nexesha lokudlulisa izimemo. Cingela inqanaba lokuqonda lomntu ngamnye. Mncede aphile ivangeli inyathelo elinye ngexesha.

Umfanekiso
umfazi ethatha umthendeleko

Umnqophiso Wethu wokuZimisela ukuThabathela Phezu Kwethu iGama likaYesu Krestu

Xa sibhaptizwa, senza umnqophiso wokulandela uYesu Krestu “ngenjongo epheleleyo yentliziyo.” Siyangqina kananjalo ukuba “niyavuma ukuthabathela kuni igama likaKrestu,” (2 Nifayi 31:13; bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 20:37).

Ukubathela phezu kwethu igama likaYesu Krestu kuthetha ukuba Yena siyamkhumbula kwaye sizame ukuphila njengabafundi baKhe ubomi bonke. Sivumela ukukhanya kwaKhe kukhanye ngathi kwabanye. Sizibona singabaKhe kwaye simbeka Yena kuqala ebomini bethu.

Amacandelo alandelayo achaza iindlela ezimbini zokukhumbula nokulandela uYesu Krestu.

Thandaza Rhoqo

Umthandazo unokuba yincoko elula kunye noBawo waseZulwini evela entliziyweni. Emthandazweni, sithetha naYe ngokuphandle nangokunyaniseka. Sibonakalisa uthando kuYe nombulelo ngeentsikelelo zethu. Thina kananjalo sicela uncedo, ukhuselo, nolwalathiso. Njengoko sivala imithandazo yethu, sifanele sithathe ixesha lokunqumama size siphulaphule.

UYesu wafundisa, “Kufuneka ngamaxesha onke nithandaze kuBawo egameni lam;” (3 Nifayi 18:19, ugxininiso longeziweyo; bona kananjalo Moses 5:8). Ngengoko sithandaza egameni likaYesu Krestu, sikhumbula Yena noBawo waseZulwini.

UYesu wasimisela umzekelo wokuba thina siwulandele njengoko sithandaza. Singafunda okuninzi ngomthandazo ngokufunda imithandazo yoMsindisi kwizibhalo (bona Mateyu 6:9–13; Yohane 17).

Imithandazo yethu inokuquka ezi nxalenye zilandelayo:

  • Qala ngokubhekisa kuBawo waseZulwini.

  • Chaza iimvakalelo zentliziyo yethu, ezi njengombulelo ngeentsikelelo esizifumeneyo.

  • Buza imibuzo, funa ukhokelo, kwaye ucele iintsikelelo.

  • Gqibezela ngokuthi, “Egameni likaYesu Krestu, amen.”

Izibhalo ziyasibongoza ukuba sithandaze kusasa nangokuhlwa. Nangona kunjalo, sinokuthandaza ngalo naliphi na ixesha nakuyo nayiphi na imeko. Kumthandazo wethu wobuqu nowosapho, kunokuba nentsingiselo ukuguqa xa sithandaza. Kufuneka sihlale sinomthandazo ezintliziyweni zethu. (Bona Alma 34:27; 37:36–37; 3 Nifayi 17:13; 19:16.)

Imithandazo yethu ifanele ibe yecingisiswe kakuhle ngokusuka entliziyweni. Xa sithandaza, sifanele sikuphephe ukuthetha izinto ezifanayo ngeendlela ezifanayo.

Sithandaza ngokholo, ngokunyaniseka, nenjongo yokwenene yokuthatha inyathelo kwiimpendulo esizifumanayo. Xa sisenza oku, uThixo uya kusikhokela aze asincede senze izigqibo ezifanelekileyo. Siya kuziva sikufuphi kuYe. Yena uya kusinika ukuqonda nenyaniso. Yena uya kusisikelela ngentuthuzelo, uxolo namandla.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo : “Umthandazo

  • #&160

  • Gospel Topics: “Prayer [Umthandazo]

Funda iziBhalo

UNifayi wafundisa, “Zondleni ngamazwi kaKrestu; kuba qaphelani [wona] aya kunixelela zonke izinto enimele ukuzenza.” (2 Nifayi 32:3; bona kananjalo 31:20).

Ukufunda izibhalo yindlela ebalulekileyo yokukhumbula nokulandela uYesu Krestu. Kwizibhalo sifunda ngobomi baKhe, ubufundisi, neemfundiso. Thina kananjalo sifunda ngezithembiso zaKhe. Ngengoko sifunda izibhalo, siva uthando lwaKhe. Imiphefumlo yethu iyakhula, ukholo lwethu kuYe luyanda, kwaye neengqondo zethu ziyakhanyiseleka. Ubungqina bethu bobuthunywa baKhe bobuthixo buba namandla.

Sikhumbula kwaye silandela uYesu njengoko sisebenzisa amazwi akhe ebomini bethu. Kufuneka sizifunde izibhalo mihla le, ngakumbi iNcwadi kaMormoni.

Izibhalo zeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela yiBhayibhile eNgcwele, iNcwadi kaMormoni, IMfundiso neMinqophiso, nePerile yeXabiso eliKhulu. Ezi kananjalo zibizwa ngokuba “iincwadi ezamkelekileyo zezibhalo.”

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokhelo kwiZibhalo, “Zibhalo

  • Gospel Topics: “Scritpures [Zibhalo]

Umfanekiso
UYesu Krestu efundisa isihlwele

Umnqophiso Wethu wokuGcina iMiyalelo kaThixo

Qaphela: Zininzi iindlela zokufundisa imiyalelo kweli candelo. Ngokomzekelo, usenokubafundisa kumatyelelo ambalwa. Okanye unokufundisa ezinye zazo njengenxalenye yezifundo ezithathu zokuqala. Xa ufundisa imiyalelo, qiniseka ukuba ubadibanisa nomnqophiso wobhaptizo necebo losindiso.

Xa sibhaptizwa, sinqophisana noThixo ukuba siya “[kugcina] imiyalelo yaKhe” (Mozaya 18:10; Alma 7:15).

UThixo usinike thina imiyalelo ngenxa yokuba Yena uyasithanda. Yena usifunela okona kulungileyo, ngokubini ngoku nangonaphakade. Njengo Bawo wethu waseZulwini, Yena uyayazi into esiyidingayo kwimpilo-ntle yethu yasemoyeni nasenyameni. Yena kananjalo uyayazi into eya kusizisela olona lonwabo lukhulu. Umyalelo ngamnye sisipho sobuthixo, esinikwe ukukhokela izigqibo zethu, ukusikhusela, nokusinceda ukuba sikhule.

Esinye isizathu sokuba size emhlabeni kukufunda kwaye sikhule ngokusebenzisa ukuzikhethela kwethu ngobulumko (bona Abraham 3:25). Ukukhetha ukuthobela imiyalelo kaThixo—nokuguquka xa sisilela—kusinceda ukuba sihambe kolu hambo lwasemhlabeni oluhlala lucela umngeni.

Imiyalelo kaThixo ingumthombo wamandla neentsikelelo (bona IMfundiso neMinqophiso 82:8–9). Ngokugcina imiyalelo, sifunda ukuba ayiyomithetho engqongqo ethintela inkululeko yethu. Inkululeko yokwenene ifumaneka ngokuthobela imiyalelo. Intobeko ngumthombo wamandla azisa ukukhanya nolwazi ngoMoya oyiNgcwele. Isizisela ulonwabo olukhulu kwaye isinceda ukuba sifikelele kumandla ethu obuthixo njengabantwana bakaThixo.

UThixo uthembisa ukusisikelela njengoko siyigcina imiyalelo yaKhe. Ezinye iintsikelelo zithe ngqo kwimithetho ethile. Iintsikelelo zakhe zokugqibela luxolo kobu bomi nobomi obungunaphakade kwihlabathi elizayo. (Bona Mozaya 2:41; Alma 7:16; IMfundiso neMinqophiso 14:7; 59:23; 93:28; 130:20–21.)

Iintsikelelo zikaThixo zezomoya nezenyama. Ngamanye amaxesha, kufuneka sibe nomonde ekuzilindeleni, sithemba ukuba ziya kuza ngokwentando yaKhe nexesha (bona Mozaya 7:33; IMfundiso neMinqophiso 88:68). Ukuqonda iintsikelelo ezithile, kufuneka sinikele ingqalelo size sibe neliso elibukhali ngokomoya. Oku kuyinyaniso ngokukodwa kwiintsikelelo eziza ngeendlela ezilula nezibonakala ziqhelekile.

Ezinye iintsikelelo zinokubonakala kuphela ekuqondeni ngasemva. Ezinye zisenokungafiki de kube semva kobu bomi. Nokuba leliphi ixesha okanye indalo yeentsikelelo zikaThixo, sinokuqiniseka ukuba ziyakuza njengokuba sizabalazela ukuphila ivangeli kaYesu Krestu (bona IMfundiso neMinqophiso 82:10).

UThixo uthanda bonke abantwana baKhe ngokugqibeleleyo. Yena unomonde kubuthathaka bethu, kwaye Yena uyaxolela xa siguquka.

IMiyalelo Emibini Emikhulu

Xa uYesu wabuzwayo, “Owona myalelo mkhulu nguwuphi na?” “Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, kunye nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.

UYesu emva koko wathi umyalelo wesibini omkhulu ufana nowokuqala: “Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako” (Mateyu 22:36–39). “Akukho mthetho wumbi mkhulu kunale” (Marko 12:31).

Njengabantwana bakaThixo bomoya, sinamandla amakhulu othando. Kuyinxalenye yelifa lethu lokomoya. Ukuphila imiyalelo emibini emikhulu—ukuthanda uThixo kuqala nokuthanda ummelwane—luphawu olucacileyo lwabafundi bakaYesu Krestu.

Uthando lukaThixo

Zininzi iindlela esinokubonisa ngazo uthando lwethu ngoThixo. Singayigcina imiyalelo yaKhe (bona Yohane 14:15, 21). Sinokumbeka Yena kwindawo yokuqala ebomini bethu, sinikele intando yethu kweyaKhe. Singamilisela iminqweno yethu, iingcinga, neentliziyo kuYe (bona Alma 37:36). Singaphila ngombulelo ngeentsikelelo Yena asinike zona—kwaye sibe nesisa ekwabeleni ezo ntsikelelo Mozaya 2:21–24; 4:16–21). Ngomthandazo nenkonzo kwabanye, singavakalisa kwaye silwenze nzulu uthando lwethu kuYe.

Njengeminye imiyalelo, umyalelo wokuthanda uThixo ungowenzuzo yethu. Oko sikuthandayo kugqiba oko sikufunayo. Oko sikufunayo kugqiba oko sikucingayo nesikwenzayo. Kwaye into esiyicingayo nesiyenzayo igqiba ukuba singoobani—kwaye esiya kuba ngabo.

Uthanda lwaBanye

Ukuthanda abanye lulwandiso lothando lwethu ngoThixo. UMsindisi wasifundisa iindlela ezininzi zokuthanda abanye (bona ngokomzekelo, Luka 10:25–37 no Mateyu 25:31–46). Sifikelela kwaye sibamkele ezintliziyweni nasebomini bethu. Sithanda ngokukhonza—ngokuzinikela nangezinto ezincinane. Sibathanda abanye abantu ngokusebenzisa izipho esizinikwe nguThixo ukuze sibasikelele.

Ukuthanda abanye kuquka ukuba nomonde, ububele, nokunyaniseka. Kuquka ukuxolela ngesisa. Kuthetha ukuphatha bonke abantu ngembeko.

Xa simthanda umntu, thina naloo mntu sobabini siyasikelelwa. Iintliziyo zethu ziyakhula, ubomi bethu buba nentsingiselo ngakumbi, kwaye uvuyo lwethu luyakhula.

Iintsikelelo

Imiyalelo emibini emikhulu—ukuthanda uThixo nokuthanda ummelwane—zisisiseko sayo yonke imiyalelo kaThixo (bona Mateyu 22:40). Xa sithanda uThixo kuqala, kwaye kananjalo sithande nabanye, yonke into ebomini bethu iya kuhamba kwindawo yayo efanelekileyo. Olu thando luya kuchaphazela imbono yethu, usetyenziso lwexesha lethu, izilangazelelo esizisukelayo, nolungelelwano lwezinto eziza kuqala kuthi.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo; “Thando lwenene,” “Thando

  • Gospel Topics: “Charity [Thando lwenene],” “Love [Thando]

Landela umProfeti

UThixo ubiza abaprofeti babe ngabameli baKhe ehlabathini. Ngabaprofeti baKhe, Yena utyhila inyaniso kwaye unika isikhokelo nezilumkiso.

UThixo wabiza uJoseph Smith ukuba abe ngumprofeti wokuqala wemihla yokugqibela (bona isifundo 1). Abalandela uJoseph Smith ngokunjalo babizwe nguThixo ukuba bakhokele iBandla laKhe, kuquka nomprofeti olikhokelayo namhlanje. Sifanele sizuze isiqinisekiso sobizo lobuthixo lomprofeti ophilayo kwaye silandele iimfundiso zakhe.

Iimfundiso zabaprofeti nabapostile abaphilayo zinika i-ankile yenyaniso yanaphakade kwihlabathi lemigangatho etshintshayo. Njengoko silandela abaprofeti bakaThixo, ukubhideka neengxabano zehlabathi azisayi kusongamela. Siyakufumana ulonwabo olukhulu kobu bomi kwaye sifumane inkokhelo yenxalenye yolu hambo lwethu lwanaphakade.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

Gcina iMiyalelo Elishumi

UThixo watyhila iMiyalelo Elishumi kumprofeti wamandulo uMoses ukuze akhokele abantu bakhe. Le miyalelo isebenza njengokuba kunjalo kumhla wethu. Yona isifundisa ukunqula nokumhlonela uThixo. Kananjalo isifundisa nendlela esimele siphathane ngayo.

  • “Awusayi kuba nabo abanye oothixo phambi kwam” (Eksodus 20:3). Abanye “oothixo” banokuquka izinto ezininzi, ezinjengobutyebi, amandla, okanye udumo.

  • “Ningazenzeli imifanekiso eqingqiweyo” (Eksodus 20:4

  • “Ningafane nilibize nje esithubeni igama leNkosi uThixo wenu” (Eksodus 20:7).

  • “Khumbulani imini yesabatha, niyigcine ngcwele” (Eksodus 20:8).

  • “Hloniphani uyihlo nonyoko” (Eksodus 20:12).

  • “Ungabulali” (Eksodus 20:13).

  • “Ungakrexezi” (Eksodusi 20:14).

  • “Uze Ungebi” (Eksodus 20:15).

  • “Uze ungabungqini ubuxoki ngommelwane wakho” (Eksodus 20:16).

  • “Uze unganyolukeli okanye unqwenele into yommelwane wakho.” (Eksodus 20:17).

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo: “Mithetho, eliShumi

  • Gospel Topics: “Ten Commandments [Mithetho elishumi]

Umfanekiso
indoda ibambe umfazi

Phila uMthetho woBunyulu

Umthetho wobunyulu yinxalenye ebalulekileyo yecebo likaThixo losindiso nokuphakanyiswa kwethu. Iintlobano zesini phakathi kwendoda nomfazi zimiselwe nguThixo ukuze adale abantwana nasekubonakaliseni uthando emtshatweni. Oku kusondelelana namandla okudala ubomi bomntu kujongwe ukuba buhle kwaye bungcwele.

Umthetho kaThixo wobunyulu kukuzikhwebula kwiintlobano zesini ngaphandle komtshato osemthethweni phakathi kwendoda enye nomfazi omnye. Lo mthetho kananjalo uthetha ukuba nokuthembeka okupheleleyo nokunyaniseka kwiqabane lomntu emva komtshato.

Ukusinceda ukuba sigcine umthetho wobunyulu, abaprofeti basilumkisile ukuba sicoceke kwiingcinga zethu nakumazwi. Sifanele siyiphephe nayiphi na iphonografi. Ngokuvisisa nomthetho wobunyulu, sifanele sithobeke kwindlela esiziphatha ngayo nakwinkangeleko yethu.

Abo baza kubhaptizwa bafanele baphile umthetho wobunyulu.

Inguquko noXolelo

Emehlweni kaThixo, ukophula umthetho wobunyulu kubi kakhulu (bona Exsodus 20:14; Abase-Efese 5:3). Iwasebenzisa kakubi amandla angcwele Yena awanikeleyo ukudala ubomi. Kodwa Yena uyaqhubeka esithanda nokuba siwophule lo mthetho. Yena uyasimema ukuba siguquke kwaye sicoceke ngedini lentlawulelo likaYesu Krestu. Ukuphelelwa lithemba ngenxa yesono kunokutshintshwa ngoxolo olumnandi loxolelo lukaThixo (bona IMfundiso neMinqophiso 58:42–43).

Iintsikelelo

UThixo unikile umthetho wobunyulu ukuze asikelele thina nabantwana bomoya Yena abathumelayo emhlabeni. Ukuthobela lo mthetho kubalulekile kuxolo lobuqu nokuba nothando, ukuthembana nomanyano kulwalamano lwentsapho yethu.

Njengokuba siphila umthetho wobunyulu, siyakukhuselwa kumonakalo womoya oza kubudlelwane bokwabelana ngesondo ngaphandle komtshato. Thina kananjalo siya kuziphepha iingxaki ezingokweemvakalelo nezomzimba ezidla ngokuhamba nolwalamano olunjalo. Siyakukhula ekuzithembeni kwethu phambi koThixo (bona IMfundiso neMinqophiso 121:45). Siyakuvuleleka ngakumbi kwimpembelelo yoMoya oyiNgcwele. Siyakuzilungiselela ngcono ukwenza iminqophiso engcwele etempileni emanyanisa iintsapho zethu ngonaphakade.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokhelo kwiZibhalo, “Bunyulu

  • Gospel Topics: “Chastity [Bunyulu]

Gcina umthetho weSishumi

Ithamsanqa elikhulu lobulungu eCaweni lithuba lokuhlawula isishumi. Njengokuba sinikela isishumi, sinceda ukuqhubela phambili umsebenzi kaThixo kwaye sisikelele abantwana baKhe.

Umthetho wesishumi unemvelaphi kumaxesha eTestamente eNdala. Ngokomzekelo, umprofeti u-Abraham wahlawula izishumi zako konke awayenako (bona Alma 13:15; Genesis 14:18–20).

Igama elithi isishumi ngokoqobo lithetha isinye eshumini. Njengokuba sinikela ngezishumi, sinika isinye eshumini sengeniso yethu eCaweni (bona IMfundiso neMinqophiso 119:3–4; inzala iqondwa njengengeniso). Yonke into esinayo sisipho esivela kuThixo. Xa sihlawula isishumi, sibonisa umbulelo kuYe ngokubuyisela inxalenye yoko Yena asinike kona.

Ukubhatala isishumi yindlela yokubonakalisa ukholo. Ikwayindlela yokuzukisa uThixo. UYesu wafundisa ukuba kufuneka “sifune kuqala ubukumkani bukaThixo” (Mateyu 6:33), kwaye isishumi yindlela yokwenza oko.

Umfanekiso
Widow’s Mite [Imalana yoMhlolokazi], nguSandra Rast

Ukusetyenziswa kweeNgxowa-mali zesishumi

Iimali zesishumi zingcwele. Sinikela isishumi sethu kwilungu lobubhishophu, okanye kwiindawo ezininzi sinokubhatala kwi-intanethi. Xa ubhishophu efumana isishumi, basidlulisela kundlunkulu weBandla.

Ibhunga elenziwe ngoBongameli bokuQala, iQumrhu labaPostile Abalishumi Elinesibini, noBubhishophu oBongamelayo limisela indlela yokusebenzisa imali yesishumi emsebenzini kaThixo (bona IMfundiso neMinqophiso 120:1). Ezi ndlela zokuyisebenzisa ziquka:

  • Ukwakha nokugcina iitempile nezindlu zeentlanganiso.

  • Ukuguqulela nokupapasha izibhalo.

  • Ukuxhasa imisebenzi nokusebenza kwamabandla eCawa engingqi.

  • Ukuxhasa umsebenzi wobuvangeli emhlabeni wonke.

  • Ukuxhasa umsebenzi wembali yosapho.

  • Ukuxhasa izikolo nemfundo ngemali.

Isishumi asisetyenziselwa ukuhlawula iinkokeli zeCawa zasekuhlaleni. Bakhonza ngokuzithandela ngaphandle kwentlawulo.

Iintsikelelo

Xa sihlawula isishumi, uThixo usithembisa iintsikelelo ezingaphezulu lee kunoko sinikela ngako. Yena uya “kuvula … iifestile zezulu, agalele … intsikelelo, ukuze kungabikho ndawo yaneleyo yokuyamkela” (Malaki 3:10; bona imiqolo 7–12). Ezi ntsikelelo zinokuba zezomoya nezenyama.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokhelo kwiZibhalo: “Zishumi, Sishumi

  • Gospel Topics: “Tithing [Sishumi]

Thobela Umthetho weLizwi loBulumko

Umthetho weNkosi weMpilo

Imizimba yethu zizipho ezingcwele ezivela kuThixo. Sonke sidinga umzimba wenyama ukuze sibe njengaYe ngakumbi. Imizimba yethu ibaluleke kangangokuba izibhalo ziyithelekisa neetempile (bona 1 KwabaseKorinte 6:19–20).

INkosi ifuna ukuba siyiphathe ngembeko imizimba yethu. Ukusinceda ukuba senze oku, Yena watyhila umthetho wempilo obizwa ngokuba liLizwi loBulumko. Esi sityhilelo sisifundisa ngokutya ukutya okunempilo kwaye singasebenzisi izinto ezonakalisa imizimba yethu-ingakumbi utywala, icuba, neziselo ezishushu (okuthetha iti nekofu).

Kumoya weLizwi loBulumko, abaprofeti bale mihla balumkisile ngokuchasene nokusebenzisa ezinye izinto eziyingozi, ezingekho mthethweni, okanye ezikhobokisayo. Abaprofeti kananjalo balumkisile ngokusebenzisa kakubi amayeza kagqirha. (Umongameli wakho wobufundisi uya kuphendula imibuzo malunga nokuba ezinye izinto kwindawo yakho akufanele zisetyenziswe.)

Iintsikelelo

INkosi yasinika iLizwi loBulumko lempilo yethu yasenyameni nasemoyeni. Yena uthembisa iintsikelelo ezinkulu njengokuba sigcina lo myalelo. Ezi ntsikelelo ziquka impilo, ubulumko, ubutyebi bolwazi, nokhuseleko (bona IMfundiso neMinqophiso 89:18–21).

Ukuthobela iLizwi loBulumko kuyakusinceda ukuba samkele ngakumbi iimpembelelo zoMoya oyiNgcwele. Nangona sonke sijamelana neengxaki zempilo, ukuthobela lo mthetho kuya kusinceda sibe sempilweni ngakumbi emzimbeni, engqondweni nasemoyeni.

Abo babhaptizwayo kufuneka bathobele iLizwi loBulumko.

Ngesikhokelo malunga nokunceda abantu abanengxaki yeziyobisi, bona isahluko 10.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo: “Lizwi loBulumko

  • Gospel Topics: “Health [Mpilo],” “Word of Wisdom [LiziwI loBulumko]

  • Life Help: “Addiction

Gcina Usuku lweSabatha Ngcwele

Usuku lokuPhumla noNqulo

ISabatha lusuku olungcwele uThixo alubekele thina veki nganye ukuba siphumle kwimisebenzi yethu yemihla ngemihla simnqule Yena. Omnye weMithetho eliShumi eyanikwa uMoses kukuba “ukhumbule umhla wesabatha, uwungcwalise” (Exsdus 20:8; bona kananjalo imiqolo 9–11).

Kwisityhilelo sangoku, iNkosi yaphinda yaqinisekisa ukuba iSabatha ngumhla obekelwe wena ukuba uphumle emisebenzini yakho, kwaye unikele imithandazo yakho koseNyangweni (IMfundiso neMinqophiso 59:10). Yena waphinda wathi iSabatha kufuneka ibe lusuku lokonwaba, lomthandazo, nombulelo (see imiqolo 14–15).

Njengenxalenye yonqulo lwethu lweSabatha, siya kwintlanganiso yomthendeleko rhoqo ngeveki. Kule ntlanganiso, sinqula uThixo kwaye sithabatha umthendeleko ukukhumbula uYesu Krestu neNtlawulo yaKhe. Xa sithatha umthendeleko, sihlaziya iminqophiso yethu noThixo kwaye sibonise ukuba sikulungele ukuguquka ezonweni zethu. Ummiselo womthendeleko ngumbindi wogcino lwethu lomhla weSabatha.

Ecaweni sikwathatha inxaxheba kwiiklasi apho sifunda ngakumbi ngevangeli kaYesu Krestu. Ukholo lwethu luyakhula njengoko sifunda izibhalo kunye. Uthando lwethu luyakhula njengoko sikhonza kwaye sisomelezana.

Ukongezelela ekuphumleni kwimisebenzi yethu ngeSabatha, sifanele sikuphephe ukuthenga nezinye izinto eziya kuyenza ivakale njengosuku oluqhelekileyo. Sibekela bucala imisebenzi yehlabathi size similisele iingcinga nezenzo zethu kwizinto zokomoya.

Usuku loKwenza Okulungileyo

Ukwenza okulungileyo ngomhla weSabatha ubuncinane kubaluleke kakhulu njengoko singakwenziyo ukuze siwugcine ungcwele. Sifunda ivangeli, someleza ukholo, sakhe ubudlelwane, sinika inkonzo, kwaye sithathe inxaxheba kweminye imisebenzi eyakhayo nosapho nabahlobo.

Umfanekiso
usapho lufunda izibhalo

Iintsikelelo

Ukugcina usuku lweSabatha lungcwele yimbonakaliso yokuzinikela kwethu kuBawo waseZulwini noYesu Krestu. Njengoko sisenza imisebenzi yethu yeSabatha ihambelane nenjongo kaThixo yosuku, siyakuva uvuyo noxolo. Siya kondliwa ngokomoya size sihlaziyeke ngokwasenyameni. Thina kananjalo siya kuziva sisondele ngakumbi kuThixo kwaye siqinise ubuhlobo bethu noMsindisi wethu. Siyakuzigcina ngokupheleleyo “[si]ngenachaphaza ehlabathini,” (IMfundiso neMinqophiso 59:9). ISabatha iya kuba “sisonwabiso” (Isaya 58:13; bona kananjalo umqolo 14).

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • Gospel Topics: “Sabbath Day [Sabatha]

  • IsiKhokelo kwiZibhalo: “Umhla weSabatha

Wuthobele kwaye Uhlonelo uMthetho

AbaNgcwele beMihla yokuGqibela bakholelwa ekuthobeleni umthetho nasekubeni ngabemi abalungileyo (bona IMfundiso neMinqophiso; IziVumo zoKholo 1:12). Amalungu eCawe ayakhuthazwa ukuba anikele inkonzo yokuphucula uluntu nezizwe zawo. Bayakhuthazwa kananjalo ukuba babe nempembelelo kwimilinganiselo yokuziphatha efanelekileyo kuluntu nakurhulumente.

Amalungu eCawa ayamenywa ukuba athathe inxaxheba kurhulumente nakwinkqubo yezopolitiko ngokungqinelana nomthetho. Amalungu anezikhundla kurhulumente asebenza kwezo zikhundla njengabemi abaxhalabileyo, kungekhona njengabameli beCawa.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • Political and Civic Activity” kwicandelo 38.8 le General Handbook

  • Gospel Topics: “Citizenship [Ubummi]

Umfanekiso
Greatest in the Kingdom [OMkhulu ebuKumkanini], nguJ. Kirk Richards

UMnqophiso Wethu wokuKhonza uThixo naBanye

Inkonzo

Xa sibhaptizwa, sinqophisa ukukhonza uThixo nokukhonza abanye. Ukunceda abanye yenye yeendlela eziphambili esikhonza ngazo uThixo (bona Mozaya 2:17). Umprofeti u-Alma wafundisa abo babenqwenela ukubhaptizwa ukuba kufuneka “nikulungele ukuthwalisana imithwalo yenu, … ukulila nabo balilayo … , nize nibathuthuzele abo baswele ukuthuthuzelwa” (Mozaya 18:8–9).

Kwakamsinyane emva kobhaptizo, amalungu amatsha afumana ubizo lokukhonza eCaweni. Olu bizo lwenziwa ngokuzithandela kwaye aluhlawulwa. Njengokuba silwamkela kwaye sikhonza ngenkuthalo, siyakhula elukholweni, siphuhlise iitalente, kwaye sisikelele abanye.

Enye inxalenye yenkonzo yethu eCaweni kukuba “ngumzalwana olungiselelayo” okanye “udade olungiselelayo.” Kolu xanduva, sikhonza abantu ngabanye neentsapho ezabelweyo.

Njengabafundi bakaYesu Krestu, sikhangela amathuba okukhonza usuku ngalunye. Njengaye, “[si]gqiba ilizwe [si]siza” (Izenzo 10:38). Sikhonza abamelwane bethu nabanye abantu ekuhlaleni. Sinokuthatha inxaxheba kumathuba enkonzo ngeJustServe apho ikhoyo. Singakwazi ukuxhasa iinzame zobuntu zeCawa kwaye sithathe inxaxheba ekuphenduleni kwintlekele.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokhelo kwiZibhalo, “Service [Nkonzo]

  • Gospel Topics: “Service [Nkonzo]

Umfanekiso
abantu bethetha

Ukwabelana ngeVangeli

Njengenxalenye yomnqophiso wethu wobhaptizo, sithembisa “ukuma njengamangqina kaThixo” (Mozaya 18:9). Enye indlela esima ngayo njengamangqina kukwabelana ngevangeli kaYesu Krestu. Ukunceda abanye bamkele ivangeli lolona hlobo lovuyo lwenkonzo esinokulunika (bona IMfundiso neMinqophiso 18:15–16). Yimbonakaliso enamandla yothando lwethu.

Xa sifumana iintsikelelo zokuphila ivangeli, ngokwendalo sifuna ukwabelana ngezo ntsikelelo. Amalungu osapho, abahlobo, nabantu esibaziyo basoloko benomdla njengokuba simisela umzekelo othembekileyo kwaye bayabona indlela ivangeli ebusikelela ngayo ubomi bethu. Singabelana ngevangeli ngeendlela eziqhelekileyo nezendalo (bona General Handbook, chapter 23).

Simema abanye ukuba bathathe inxaxheba kunye nathi enkonzweni, ekuhlaleni, kwezolonwabo, nakwimisebenzi yeCawa. Singabamemela kwintlanganiso yeCawa okanye kwinkonzo yobhaptizo. Singabamema ukuba babukele umboniso bhanya-bhanya okwi-intanethi ocacisa ivangeli kaYesu Krestu, bafunde iNcwadi kaMormoni, okanye bandwendwele indlu evuliweyo etempileni. Kukho amakhulu ezimemo esinokuzidlulisa. Rhoqo, ukumema ngokulula kuthetha ukuquka intsapho, abahlobo nabamelwane bethu koko sele sikwenza.

Ukuba siyacela, uThixo uyakusinceda ukuba siqaphele amathuba okwabelana ngevangeli kwaye sixelele abanye ngendlela ebusikelela ngayo ubomi bethu.

Ngolwazi olungakumbi malunga nokusebenzisa imigaqo yokuthanda, ukwabelana, nokumema, bona “Manyana naMalungu” kwisahluko 9.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo: “Msebenzi wobufundisi

  • Gospel Topics: “Missionary Work [Msebenzi wobufundisi]

Ukuzila neMinikelo yoKuzila Ukutya

UThixo wamisela umthetho wokuzila ukutya njengendlela yokuba sikhule ngokomoya kwaye sincede abo basweleyo.

Ukuzila ukutya kuthetha ukungatyi namanzi kangangexesha elithile. ICawe idla ngokubekela bucala iCawa yokuqala yenyanga nganye njengosuku lokuzila ukutya. Usuku lokuzila ukutya luquka ukungatyi nokusela kangangeeyure ezingama-24 ukuba siyakwazi ngokwasemzimbeni. Ezinye iinxenye ezibalulekileyo zeCawa yokuzila ukutya ziquka umthandazo nobungqina. Thina kananjalo sikhuthazwa ukuba sizile ukutya ngamanye amaxesha xa sisiva imfuneko.

Ukwakha Amandla Okomoya

Ukuzila ukutya kunokusinceda sithobeke, sisondele ngakumbi kuThixo, kwaye sizive sihlaziyekile ngokomoya. Phambi kokuba aqalise ubufundisi baKhe, uYesu Krestu wazila ukutya (bona Mateyu 4:1–2). Izibhalo zibhala iingxelo ezininzi zabaprofeti nabanye bezila ukutya ukuze babenokwandisa ukomelela kwabo kwasemoyeni kwaye bazifunele iintsikelelo ezikhethekileyo okanye abanye.

Ukuzila ukutya nomthandazo zihamba kunye. Xa sizila ukutya kwaye sithandaza ngokholo, siye silungele ukufumana isityhilelo sobuqu. Thina kananjalo sikulungele ngakumbi ukuqonda inyaniso nokuqonda intando kaThixo.

Ukunceda Abo bakwiMfuno

Xa sizila ukutya, sinikela ngemali eCaweni ukunceda abantu abasweleyo. Oku kubizwa ngokuba ngumnikelo wokuzila ukutya. Siyamenywa ukuba sinike umnikelo olingana nexabiso lezidlo ezingatyiwanga. Sikhuthazwa ukuba sibe nesisa yaye sinikele ngaphezu kwexabiso lezi zidlo ukuba kunokwenzeka. Ukunika umnikelo wokuzila ukutya yenye yeendlela esinokukhonza ngazo abanye.

Iminikelo yokuzila ukutya isetyenziselwa ukubonelela ngokutya nezinye izinto eziyimfuneko kubantu abasweleyo, ekuhlaleni nakwihlabathi jikelele. Ukufumana ulwazi malunga nokunikela iminikelo yokuzila ukutya, bona “Ukunikela ngeZishumi neMinye Iminikelo” kwesi sifundo.

Ufundo lweZibhalo

Ukuzila

Ukukhathalela Abo bakwiMfuno

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo: “Inzila, Zila

  • General Handbook: 22.2.2

  • Gospel Topics: “Fasting [Zila] and Fast Offerings [Inzila neMinikelo]

Umfanekiso
usapho ngaphandle etempileni

UMnqophiso Wethu wokuNyamezela kude kube sekuPheleni

Xa sibhaptizwa, sinqophisana noThixo ukuba “[sizonyamezela kude kube sekupheleni” ekuphileni ivangeli kaYesu Krestu (2 Nifayi 31:20; bona kananjalo Mozaya 18:13). Sizabalazela ukuba ngabafundi bakaYesu Krestu ubomi babo bonke.

Umprofeti weNcwadi kaMormoni uNifayi wachaza ubhaptizo njengesango esingena ngalo kwindlela yevangeli (bona 2 Nifayi 31:17). Emva kobhaptizo, siyaqhubekeka “[sifunzela] phambili [sine]nzondelelo kuKrestu” (2 Nifayi 31:20).

Njengokuba “[sifunzela] phambili” kwindlela yobufundi, silungiselela ukuya etempileni. Apho siyakwenza iminqophiso noThixo njengokuba sifumana imimiselo yasetempileni. Etempileni, siyakunikwa amandla kwaye singatywinwa njengeentsapho ngonaphakade. Ukugcina iminqophiso esiyenzayo etempileni kuyakuvula ucango kuyo yonke inyhweba yomoya neentsikelelo uThixo anoza ngathi.

Njengoko siqhubeka ngokuthembeka endleleni yevangeli, ekugqibeleni siyakufumana esona sipho sikhulu sikaThixo-isipho sobomi obungunaphakade (bona 2 Nifayi 31:20; IMfundiso neMinqophiso 14:7).

La macandelo alandelayo achaza imiba ethile yoko uThixo asibonelele ngako ukuze asincede sinyamezele kude kube sekupheleni kohambo lwethu lwasemhlabeni—kwaye sifumane uvuyo kuko.

UBubingeleli neMibutho yeBandla

Ububingeleli ligunya namandla kaThixo Ngobubingeleli, uBawo waseZulwini ufeza umsebenzi waKhe “ekwenzeni kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade” babantwana baKhe (Moses 1:39). UThixo unika igunya namandla oonyana neentombi zaKhe emhlabeni ukuze bancedise ekwenzeni lo msebenzi.

Ububingeleli busisikelela sonke. Imimiselo efana nobhaptizo nomthendeleko ifunyanwa ngabo babambe ii-ofisi zobubingeleli. Thina kananjalo sifumana iintsikelelo zokuphiliswa, intuthuzelo, nesiluleko.

UBubingeleli nobuNkokeli beBandla noBizo

IBandla likhokelwa nguYesu Krestu ngabaprofeti nabapostile. Ezi nkokeli zibizwe nguThixo, zamiselwa, kwaye zanikwa igunya lobubingeleli lokusebenza egameni loMsindisi.

Mandulo, uKrestu wanika abaPostile baKhe igunya elifanayo lobubingeleli, obavumela ukuba bakhokele iBandla laKhe emva kokuba enyukele ezulwini. Ekugqibeleni elo gunya lalahleka xa abantu bala ivangeli kwaye abaPostile bafa.

Izithunywa zaseZulwini zabuyisela ububingeleli ngo-1829 ngoMprofeti uJoseph Smith, kwaye iNkosi kwakhona yaseka iBandla laYo ngabapostile nabaprofeti. (Bona isifundo 1.)

Kwinqanaba lasekuhlaleni, oobhishophu noomongameli besteyki banegunya lobubingeleli lokukhokela amabandla eCawa.

Xa amadoda nabafazi bebiziwe kwaye babekwe bucala ukuze bakhonze eBandleni, banikwa igunya elivela kuThixo ukuba benze kolo bizo. Eli gunya linikwe abefundisi bevangeli, iinkokeli, abafundisi, nabanye bade bakhululwe kubizo lwabo. Iphathiswe phantsi kolawulo lwabo baphethe izitshixo zobubingeleli.

Igunya lobubingeleli linokusetyenziswa kuphela ebulungiseni (bona IMfundiso neMinqophiso 121:34–46). Eli gunya lithemba elingcwele lokumela uMsindisi kwaye benze egameni laKhe. Lisoloko lijoliswe ekusikeleleni nasekukhonzeni abanye.

Umfanekiso
abafana kwisikolo sangecawa

UBubingeleli buka-Aron noBubingeleli bukaMelkitsedeke

EBandleni, ububingeleli bubandakanya uBubingeleli buka-Aron noBubingeleli bukaMelkitsedeke. Phantsi kolwalathiso lwabo baphethe izitshixo zobubingeleli, uBubingeleli buka-Aron nobuMelkitsedeke bunikelwa kumalungu afanelekileyo angamadoda eBandla. Emva kokuba ububingeleli obufanelekileyo bunikiwe, umntu umiselwa kwi-ofisi kobo bubingeleli, njengomdikoni okanye umdala. Yena umele amiselwe ngumntu onegunya elifunekayo.

Xa indoda okanye umfana omncinane efumana ububingeleli, wenza umnqophiso noThixo wokuzalisekisa imisebenzi engcwele, akhonze abanye, kwaye ancede ekwakheni iBandla.

Abafana abasebancinci banokufumana uBubingeleli buka-Aron kwaye bamiselwe njengamadikoni ukuqala ngeyoMqungu wonyaka abagqiba iminyaka eyi-12. Basenokuba ngootitshala abamiselweyo kunyaka abaza kuba neminyaka eyi-14 nabefundisi kunyaka abaza kuba neminyaka eyi-16. Amadoda aguquliweyo asele ekhulile angafumana uBubingeleli buka-Aron kamsinya emva kobhaptizo nokuqinisekiswa. Abaphathi boBubingeleli buka-Aron benza imimiselo efana nomthendeleko nobhaptizo.

Emva kokusebenza ixeshana njengombingeleli kuBubingeleli buka-Aron, indoda efanelekileyo ethe ubuncinane ibena-18 ingafumana uBubingeleli bukaMelkitsedeke kwaye imiselwe ukuba ngumdala. Amadoda afumana uBubingeleli bukaMelkitsedeke anokwenza imimiselo yobubingeleli enjengokunika iintsikelelo zempiliso nentuthuzelo kumalungu osapho nabanye.

Bona General Handbook, 38.2.9.1, ngolwazi malunga namalungu amatsha afumana ububingeleli.

Amaqumrhu neMibutho yeCawa

AmaQumrhu oBubingeleli. Iqumrhu liqela elilungelelanisiweyo labaphethe ububingeleli. Iwadi nganye inequmrhu labadala yamadoda amadala. Abadikoni, ootitshala, namaqumrhu angababingeleli zezabafana abancinci.

Umbutho waManina Umbutho waManina uquka abasetyhini abaneminyaka eyi-18 nangaphezulu. Amalungu oMbutho waManina omeleza iintsapho, abantu ngabanye, noluntu.

Amantombazana Amancinane Amantombazana amancinane bazibandakanya nombutho waMantombazana Amancinane ukuqala kweyoMqungu enyakeni begqiba iminyaka eli-12.

Umfanekiso
umfazi efundisa umntwana

Prayimari Abantwana abaneminyaka emi-3 ukuya ku-11 bayinxalenye yombutho wasePrayimari.

Isikolo sangeCawe Bonke abantu abadala nolutsha baya kwiSikolo sangeCawe, apho badibana khona ukuze bafunde izibhalo kunye.

Ngolwazi oluthe vetshe malunga nobubingeleli, bona General Handbook, chapter 3.

Ngolwazi oluthe vetshe malunga namaqumrhu obubingeleli nemibutho yeCawa, bona General Handbook, chapters 8–13.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • General Handbook, chapter 3: “Priesthood Principles

  • Gospel Topics: “Aaronic Priesthood [Bubingeleli buka-Aron],” “Melchizedek Priesthood [Bubingeleli buka-Melkitsedeke],” “Priesthood [Bubingeleli]

Umtshato neeNtsapho

UMtshato

Umtshato phakathi kwendoda nomfazi umiselwe nguThixo. Usembindini kwicebo laKhe lenkqubela phambili yanaphakade yabantwana baKhe.

Umanyano lwendoda nomfazi emtshatweni lufanele lube lolona lwalamano baluxabisayo emhlabeni. Banembopheleleko engcwele yokunyaniseka omnye komnye nokuthembeka kumnqophiso wabo womtshato.

Indoda nomfazi bayalingana emehlweni kaThixo. Omnye akufanelekanga ukuba alawule omnye. Izigqibo zabo zifanele zenziwe ngomanyano nangothando, benenxaxheba epheleleyo yabo bobabini.

Njengoko indoda nomfazi bethandana yaye besebenza kunye, umtshato wabo unokuba ngowona mthombo wolonwabo olukhulu. Bangakwazi ukuncedana nabantwana babo baqhubele phambili besiya kubomi banaphakade.

USapho:

Njengomtshato, usapho lumiselwe nguThixo kwaye lungundoqo kwicebo laKhe lolonwabo lwethu lwanaphakade. Iintsapho zethu ziya konwaba ngakumbi xa siphila ngeemfundiso zikaYesu Krestu. Abazali bafundisa abantwana babo ivangeli kaYesu Krestu kwaye babeke umzekelo ekuyiphileni. Iintsapho zisinika amathuba okuba sithandane kwaye sikhonzane.

Abazali bafanele babeke iintsapho zabo kwindawo yokuqala. Kulilungelo elingcwele nembopheleleko kubazali ukunyamekela abantwana abakwaziyo ukubazala okanye abakwaziyo ukubamkela.

Zonke iintsapho zinemingeni. Njengokuba sifuna inkxaso kaThixo kwaye sigcina imiyalelo yaKhe, imingeni yosapho ingasinceda sifunde kwaye sikhule. Ngamanye amaxesha le mingeni iyasinceda ukuba sifunde ukuguquka kwaye sixolele.

Umfanekiso
utata efundisa usapho

Iinkokeli zenkonzo zikhuthaze amalungu ukuba abambe umhlangano wangorhatya iveki nganye. Abazali basebenzisa eli xesha ukufundisa abantwana babo ivangeli, bomeleza ubudlelwane bosapho, kwaye bonwabe kunye. Iinkokeli zeCawa kananjalo zikhuphe isibhengezo esifundisa iinyaniso ezibalulekileyo ngosapho (bona “USapho: ISibhengezo kwiHlabathi,” ChurchofJesusChrist.org).

Ezinye iindlela zokomeleza usapho ziquka umthandazo wosapho, ukufunda izibhalo, nokunqula kunye ecaweni. Thina kananjalo singakwazi ukuphanda imbali yosapho, siqokelele amabali osapho, kwaye sikhonze abanye.

Abantu abaninzi banamathuba alinganiselweyo okutshata okanye olwalamano lwentsapho olunothando. Abaninzi baye baqhawula umtshato nezinye iimeko ezinzima zentsapho. Nangona kunjalo, ivangeli iyasisikelela ngabanye nokuba ithini imeko yosapho lwethu. Yaye njengoko sithembekile, uThixo uya kusinika indlela yokuba sifumane iintsikelelo zeentsapho ezinothando, enoba kobu bomi okanye kobuzayo.

Ufundo lweZibhalo

UMtshato

Usapho

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo: “Sapho,” “Mtshato, Tshata

  • General Handbook, chapter 2: “Supporting Individuals and Families in the Work of Salvation and Exaltation

  • Gospel Topics: “Marriage [Mtshato],” “Family [Sapho],” “Parenting [Buzali]

Umsebenzi weTempile neMbali yoSapho yeziNyanya Ezingasekhoyo

UBawo waseZulwini uyabathanda bonke abantwana baKhe kwaye unqwenela ukusindiswa kwabo nokuphakanyiswa. Kodwa amawaka ezigidi zabantu bafile bengakhange bayive ivangeli kaYesu Krestu okanye bafumane imimiselo esindisayo yevangeli. Le mimiselo ibandakanya ubhaptizo, uqinisekiso, ukumiselwa kububingeleli lwamadoda, isipho esisesakho setempile, nomtshato wanaphakade.

Ngobabalo nenceba yaYo, iNkosi inike enye indlela yokuba aba bantu bafumane ivangeli nemimiselo yayo. Kwilizwe lemimoya, ivangeli ishunyayelwa kwabo bafayo bengayifumananga (bona IMfundiso neMinqophiso 138). Ezitempileni, singenzela imimiselo egameni lezinyanya zethu ezingasekhoyo nabanye. Aba bantu baswelekileyo bekwilizwe lomoya banako ke ukwamkela okanye ukuyala ivangeli nemimiselo eyenzelwa bona.

Umfanekiso
usapho lufunda izibhalo

Phambi kokuba senze le mimiselo, kufuneka sichonge ookhokho bethu abangazange bayifumane. Ukuchonga amalungu osapho lwethu ukuze bafumane imimiselo yinjongo engundoqo yomsebenzi wembali yosapho lwethu. Xa sifumana ulwazi malunga nabo, siyongeza kwisiseko sedatha yeCawa FamilySearch.org Ukuba izinyanya zethu azizange zibenalo elo thuba, thina singazenzela imimiselo etempileni.

Njengokuba sichonga izinyanya zethu kwaye sibenzela imimiselo, iintsapho zethu zingamanyana ngonaphakade.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • General Handbook, chapter 28: “Temple Ordinances for the Deceased

  • Gospel Topics: “Baptisms for the Dead [Baptizo lwaBafileyo],” “Family History [Mbali yoSapho]

IiTempile, iSisipho esisesakho, uMtshato waNaphakade, noSapho lwaNaphakade

IiTempile

ITempile yindlu yeNkosi. Yindawo engcwele apho sinokwenza iminqophiso noThixo njengokuba sifumana imimiselo yaKhe engcwalisekileyo. Xa sigcina le minqophiso, siya kuba namandla obuthixo abonakaliswe ebomini bethu (bona IMfundiso neMinqophiso 84:19–22; 109:22–23)

ISipho Esisesakho

Ummiselo omnye esiwufumanayo etempileni ubizwa isipho esisesakho. Igama isipho esisesakho lithetha “isipho.” Esi sipho solwazi namandla sivela kuThixo. Ngexesha lesipho esisesakho, senza iminqophiso noThixo esibophelela kuYe noNyana waKhe, uYesu Krestu (bona isahluko 1).

Abantu abadala banokufanelekela ukufumana isipho esisesabo emva konyaka omnye ubuncinane wobulungu beCawa. Ukufumana ulwazi oluthe vetshe malunga nesipho esisesakho, bona General Handbook, 27.2

Umtshato onguNaphakade neeNtsapho zanaphakade

Icebo likaThixo lolonwabo lenza ukuba ubudlelwane bosapho bunyamezele ngaphaya kwengcwaba. Etempileni singatshata ixesha nonaphakade. Oku kwenza kube nokwenzeka ukuba iintsapho zibe kunye ngonaphakade.

Emva kokuba abantu abatshatileyo befumene isipho esisesabo setempile, banokutywinwa okanye batshate ngonaphakade. Abantwana babo banokutywinwa kubo.

Umyeni nomfazi abatywinwe etempileni kufuneka bagcine iminqophiso abayenzileyo ukuze bafumane iintsikelelo zomtshato wanaphakade.

Umfanekiso
isibini sihamba esitratweni

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • General Handbook, chapter 27: “Temple Ordinances for the Living

  • Gospel Topics: “Temples [Zitempile],” “Endowment [Ziphiwo],” “Marriage [Mtshato]

  • temples.ChurchofJesusChrist.org