Ubizo lobuFundisi
ISahluko 3: Isifundo 1—UMyalezo woBuyiselo lweVangeli kaYesu Krestu


“ISahluko 3: Isifundo 1—UMyalezo woBuyiselo lweVangeli kaYesu Krestu,” Shumayela iVangeli Yam: ISikhokel eKwabeleni ngeVangeli kaYesu Krestu (2023)

“ISahluko 3: Isifundo 1,” Shumayela iVangeli Yam

ISahluko 3: Isifundo 1

UMyalezo woBuyiselo lweVangeli kaYesu Krestu

Umfanekiso
UMbono wokuQala

Abantu BanokuZibuza

  • Ingaba uThixo ukhona?

  • Ndingaziva njani ndisondele kuThixo?

  • Ndingayifunda njani inyaniso kweli lizwe lanamhlanje libhidayo?

  • Unqulo lungandinceda njani?

  • Kutheni kukho amabandla amaninizi?

  • Kutheni mna ndinemingeni emininizi?

  • Ndingalufumana njani uxolo kumaxesha eziphithiphithi.

  • Ndingonwaba njani?

  • UMprofeti angalinceda njani ihlabathi namhlanje?

Kwasekuqalekeni kwehlabathi, uThixo wayityhila ivangeli kubantwana baKhe ngabaprofeti. Yena ukwenzile oku ngoNyana waKhe, uYesu Krestu. Mandulo, uYesu wayityhila ivangeli kubaprofeti abafana no-Adam, Nowa, Abraham, noMoses. Kodwa uninzi lwabantu aluyamkelanga.

Kwiminyaka emawaka mabini eyadlulayo, uYesu Krestu Yena Buqu wafundisa ivangeli yaKhe kwaye waseka iBandla laKhe. Abantu bamala nkqu noYesu. Kungekudala emva kokufa kwaKhe, kwabakho ukuwa kwenyaniso yeNkosi neBandla. Ivangeli epheleleyo negunya lobubingeleli lalingasekho emhlabeni.

Amakhulu eminyaka emva koko, uThixo wabiza omnye umprofeti, uJoseph Smith. UThixo wabuyisela ivangeli epheleleyo ngaye kwaye wamgunyazisa ukuba alungelelanise iBandla likaYesu Krestu kwakhona.

Ukuba nevangeli epheleleyo kaYesu Krestu emhlabeni yenye yeentsikelelo ezinkulu yomhla wethu. Ivangeli isinceda ukuphendula uninzi lwemibuzo ephandayo yobomi. AbaProfeti abaphilayo bayasikhokela kumaxesha emingeni. Igunya lobubingeleli likaThixo kwakhona lisemhlabeni ukuza kusikelela abantwana baKhe.

Umfanekiso
abafundisi bevangeli befundisa usapho

Iingcebiso zokuFundisa

Eli candelo linikeza isampulu yolwandlalo ukunceda wena ukulungiselela ukufundisa. Likwaquka kananjalo imizekelo yemibuzo nezimemo onokuyisebenzisa.

Njengoko ulungiselela ukufundisa, qwalasela ngomthandazo iimeko neemfuno zomoya zomntu ngamnye. Yenza isigqibo sokuba yintoni eyakuba luncedo olukhulu ukuyifundisa. Lungiselela ukuchaza amagama okanye amabinzana abantu abanokungawaqondi. Cwangcwisa ngokobungakanani bexesha oza kuba nalo, ukhumbula ukugcina izifundo mfutshane.

Khetha izibhalo oza kuzisebenzisa njengokuba ufundisa Icandelo“IMfundiso esiSiseko” lesifundo liquka izibhalo ezininzi eziluncedo.

Qwalasela ukuba yeyiphi imibuzo oza kuyibuza njengokuba ufundisa. Cwangcwisa ukudlulisa izimemo ezinokukhuthaza umntu ngamnye athathe inyathelo.

Gxininisa iintsikelelo ezithenjisiweyo zikaThixo, kwaye wabelane ngobungqina bakho boko ukufundisayo.

Into OnokuyiFundisa Abantu ngeMizuzu eli 15–25

Khetha ukufundisa ubemnye okanye ngaphezulu kule migaqo ilandelayo. Isiseko semfundiso yomgaqo ngamnye sibonelelwe emva kolu lwandlalo,

UThixo nguBawo wethu Onothando waseZulwini

  • UThixo nguBawo wethu waseZulwini, kwaye thina singabantwana baKhe. Yena wasidala ngokomfanekiselo waKhe.

  • UThixo uyasazi thina buqu kwaye uyasithanda.

  • UThixo unomzimba ozimasekileyo, ogqibeleleyo, obambekayo wenyama namathambo.

  • UThixo ufuna ukusisikelela ngoxolo novuyo olupheleleyo oluya kuhlala naphakade.

  • Kuba uThixo esithanda, wathumela uNyana waKhe, uYesu Krestu, ukuba asikhulule esonweni nasekufeni.

UThixo uyiTyhila iVangeli ngabaProfeti kwiXesha lokuziHlanganisela ngaLunye

  • UThixo ubiza abaprofeti babe ngabameli baKhe ehlabathini.

  • Mandulo, uThixo wabiza abaprofeti abafana no-Adam, Nowa, Abraham, noMoses.

  • UMprofeti ophilayo ufumana isityhilelo esivela kuThixo sokusifundisa kwaye asikhokele kule mihla.

UbuLungiseleli baseMhlabeni bukaYesu Krestu neNtlawulelo.

  • UYesu Krestu nguNyana kaThixo.

  • Ngexesha lobulungiseleli baKhe emhlabeni, uYesu wafundisa ivangeli yaKhe kwaye waseka iBandla laKhe.

  • UYesu wabiza abaPostile abalishumi elinambini kwaye wabanika igunya lokukhokela iBandla laKhe.

  • Ekupheleni kobomi bakhe, uYesu wahlawulela izono zethu ngokubandezeleka kwakhe kuMyezo waseGetsemane nangexesha lokubethelelwa eMnqamlezweni. Emva kokufa kukaYesu,Yena wavuswa ekufeni.

  • Ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu, sinokuxolelwa kwaye sihlanjululwe kwizono zethu njengokuba siguquka. Oku kusizisela uxolo kwaye kwenze ukuba sibenakho thina ukubuyela kubukho bukaThixo kwaye sifumane uvuyo olupheleleyo.

  • Ngenxa yovuko ekufeni lukaYesu, sonke siza kuvuka emveni kokuba sifile. Oku kuthetha ukuba umoya womntu ngamnye nomzimba ziyakuhlanganiswa kwakhona kwaye siphile naphakade.

Ukuwa

  • Emva kokuba aBapostile bakaYesu befile, kwabakho ukuwa ngokusasazekileyo kwivangeli nakwiBandla likaYesu Krestu.

  • Ngelixesha, abantu baziguqula iimfundiso ezininzi zevangeli. Abantu kananjalo baguqula imimiselo yobubingeleli, njengo bhaptizo. Igunya lobubingeleli neBandla elo lasekwa nguYesu lalingasekho emhlabeni.

UBuyiselo lweVangeli kaYesu Krestu ngoMprofeti uJoseph Smith

  • UJoseph Smith wafuna ukwazi ukuba leliphi ibandla eliliBandla lenyani likaThixo ukuze akwazi ukuzimanya nalo UBawo waseZulwini noYesu Krestu bavela kuYe ngo-1820 Esi siganeko sibizwa ngokuba nguMbono wokuQala.

  • UThixo wabiza uJoseph Smith ukuba abe ngumprofeti kwangala ndlela Yena wabiza ngayo abaprofeti kumaxesha angaphambili.

  • Ivangeli kaYesu Krestu yabuyiselwa ngoJoseph Smith.

  • Ezinye izithunywa zezulu zabuyisela ububingeleli, kwaye uJoseph wagunyaziswa ukuba alungelelanise jBandla likaYesu Krestu.

  • UYesu Krestu uqhubekeka ekhokela iBandla laKhe namhlanje ngabaprofeti abaphilayo nabaPostile.

INcwadi kaMormoni: Enye iTestamente kaYesu Krestu

  • INcwadi kaMormoni ngumqulu wezibhalo ezibhalwe kumaxesha amandulo ngabaprofeti eMelika. UJoseph Smith wayiguqula ngesipho namandla kaThixo.

  • Kunye neBhayibhile, iNcwadi kaMormoni ibonelela ngobungqina bobulungiseleli bukaYesu, iimfundiso, nomsebenzi wakhe njengoMsindisi wethu.

  • Sinokusondela kufuphi kuThixo ngokufunda iNcwadi kaMormoni kwaye siphile ngokweemfundiso zayo.

  • Singanakho nokwazi ukuba iNcwadi kaMormoni lilizwi likaThixo ngokuyifunda, ukuyicingisisa, kwaye sithandaze ngayo. Le nkqubo kananjalo iya kusinceda sibe nokwazi ukuba uJoseph Smith waye engumprofeti.

Thandazela uKwazi Inyaniso ngoMoya oyiNgcwele

  • UMthandazo lunxibelelwano olumacala-mabini phakathi koThixo nabantwana baKhe.

  • Ngomthandazo onyanisekileyo, sinakho ukwazi ukuba umyalezo woBuyiselo wevangeli kaYesu Krestu uyinyani.

  • Njengoko sithandaza, uMoya oyiNgcwele ufundisa kwaye uqinisekise inyaniso kuthi.

Umfanekiso
abafundisi bevangeli befundisa abafana abancinane

Imibuzo Onokuyibuza Abantu

Le mibuzo ilandelayo yimizekelo yento onokuyibuza abantu. Le mibuzo inako ukunceda wena ube nencoko enentsingiselo kwaye uqonde neemfuno zomntu nembono.

  • Yintoni oyikholelwayo ngoThixo?

  • Ukuziva usondele kufutshane noThixo kungakunceda njani?

  • Yintoni oyaziyo ngoYesu Krestu? Ubomi baKhe neemfundiso zibe nefuthe njani kuwe?

  • Uzifumana njani iimpendulo ezithembekileyo kweli hlabathi lanamhlanje libhidayo?

  • Kunganceda njani ukwazi ukuba kukho umprofeti ophilayo emhlabeni namhlanje?

  • Ukhe weva ngeNcwadi kaMormoni? Singabelana ukuba kutheni ibalulekile nje?

  • Ungathanda ukwabelana ngeenkolo zakho ngomthandazo? Singabelana ngeenkolo zethu ngomthandazo?

Izimemo OngaziDlulisa

  • Ungamcela uThixo ngomthandazo akuncede wazi ukuba oko sikufundise kona yinyani? (Bona “Ingqiqo Yemfundiso: Umthandazo” kwicandelo lokugqibela lesi sifundo.)

  • Ingaba uya kuya ecaweni kule Cawa ukuze ufunde nzulu ngoko sikufundise kona?

  • Ingaba uya kuyifunda iNcwadi kaMormoni kwaye uthandazele ukwazi ukuba ililizwi likaThixo? (Ungacebisa izahluko ezithile okanye amabinzana.)

  • Ingaba uya kuwulandela umzekelo kaYesu kwaye ubhaptizwe? (Bona “ISimemo soKuBhaptizwa nokuQinisekiswa,”esithi ngokonangoko sikhokele esi isifundo.)

  • Singalibeka ixesha lokukundwendwela kwakhona?

Isiseko seMundiso

Eli candelo linika imfundiso nezibhalo kuwe zokuzifunda ukomeleza ulwazi lwakho nobungqina bevangeli kwaye ikuncedise ufundise.

Umfanekiso
usapho

UThixo nguBawo wethu Onothando waseZulwini

UThixo nguBawo wethu waseZulwini, kwaye thina singabantwana baKhe. Yena wasidala ngokomfanekiselo waKhe. Yena unozukusiweyo, nogqibebeleleyo “umzimba wenyama namathambo obambekayo njengowomntu” (IMfundiso neMinqophiso 130:22).

UThixo uyasazi thina buqu, kwaye Yena usithanda ngaphezu kokuba sinokuqonda. Yena uyaziqonda izilingo zethu, iintsizi, nobuthathaka, kwaye Yena uyazinikela ukuba asixhase kuzo. Yena uyayivuyela inkqubela yethu kwaye uya kusinceda senze ukhetho olulungileyo. Yena ufuna ukunxibelelana nathi, kwaye sinakho ukunxibelelana naYe ngomthandazo.

UThixo usinike la mava emhlabeni ukuze sibenakho ukufunda, ukukhula, kwaye sibe njengaYe ngakumbi. Ngothando olugqibeleleyo, Yena ufuna ukuba sibuyele kuYe emva kokuba sifile. Nangona kunjalo, asinakho ukukwenza oku ngokunokwethu. Kuba uThixo esithanda, wathumela uNyana waKhe, uYesu Krestu, ukuba asikhulule. “Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, … ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye” (uYohane 3:16–17).

UThixo ufuna ukusisikelela ngoxolo novuyo olupheleleyo oluya kuhlala naphakade. Yena usibonelele ngecebo elisinika ithuba lokuba samnkele ezi ntsikelelo. Eli cebo libizwa ngokuba licebo losindiso (bona isifundo 2).

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

Umfanekiso
Moses and the Tablets [UMoses namaCwecwe] nguJerry Harston

UThixo uyiTyhila iVangeli ngabaProfeti kwiXesha lokuziHlanganisela ngaLunye

Abaprofeti ngabaMeli bakaThixo emHlabeni

Enye indlela ebalulekileyo athi uThixo abonise uthando lwaKhe kuthi ku ngobizo lwabaprofeti, ukunikezela kubo igunya lobubingeleli, kwaye abaphembelele ukuba bathethele Yena. Abaprofeti nga bameli bakaThixo emhlabeni. Umprofeti weTestamente eNdala u-Amos wabhala wathi “Inene, ayikhe yenze into iNkosi uYehova, ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti. ” (UAmos 3:7). Ezinye zee ntsikelelo esizifumanayo kubaprofeti abaphilayo zandlalwe ngezantsi.

AmaNgqina kaYesu Krestu. AbaProfeti ngamangqina akhethekileyo kaYesu Krestu, engqina ngaYe njengoMsindisi noMkhululi wethu.

Iimfundiso Abaprofeti bafumana isikhokelo esivela kuThixo ukusinceda thina siyahlule inyaniso kwimpazamo. Bona basifundisa ukuthobela imiyalelo kaThixo nokuguquka xa siphazamile. Bayasigxeka isono kwaye balumkisa ngeziphumo zaso.

Iimfundiso zabaprofeti zisiphakamisela kuThixo kwaye zisincede ukuba sifumane iintsikelelo Yena asinqwenelela zona. Ukhuseleko lwethu olukhulu luxhomekeke ekulandeleni ilizwi leNkosi elinikwe ngabaprofeti baKhe.

Igunya lobuBingeleli Umprofeti wangoku nguye ophethe ububingeleli owongameleyo emhlabeni. Ububingeleli ligunya namandla kaThixo Umprofeti unegunya lokuthetha nokwenza egameni likaThixo esenzela usindiso lwabantwana baKhe.

Ulwalathiso lweBandla IBandla likaYesu Krestu lakhiwe phezu kwesiseko sabapostile nabaprofeti (bona Kwabase‑Efese 2:19–20; 4:11–14).

AbaProfeti kumaXesha amaNdulo

U-Adam wayengumprofeti wokuqala emhlabeni. UThixo watyhilela ivangeli kaYesu Krestu kuye kwaye wamnika igunya lobubingeleli. U-Adam no-Eva bafundisa abantwana babo ezi nyaniso kwaye babakhuthaza ukuba baphuhlise ukholo kwaye baphile ivangeli.

Ekugqibeleni isizukulwana sika-Adam no-Eva savukela kwaye sayinikela umva ivangeli. Oku kwakhokelela kwimeko ebizwa ngokuba lukreqo okanye uwexuko. Xa ukreqo olusasazekileyo lusenzeka, uThixo uyalirhoxisa igunya laKhe lobubingeleli, eliyimfuneko ekufundiseni nasekulawuleni imimiselo yevangeli.

ITestamente eNdala ibhale imizekelo emininzi yokreqo olusasazekileyo. Ukuphelisa la maxesha, uThixo wafikelela ebantwaneni baKhe ngokubiza omnye umprofeti. Yena watyhila iinyaniso zevangeli ngokutsha kwaba baprofeti kwaye wabanika igunya lobubingeleli. Abanye baba baprofeti yayingu Nowa, Abraham, noMoses. Okubuhlungu, ngokuphindaphindiweyo abantu babagatya abaprofeti baza bawexuka.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokhelo kwiZibhalo, “Mprofeti

  • Gospel Topics: “Prophets [AbaProfeti],” “Restoration of the Church [UkuBuyiselwa kweBandla

Umfanekiso
O My Father, (Awu Bawo Wam) nguSimon Dewey

UbuLungiseleli baseMhlabeni bukaYesu Krestu neNtlawulelo.

UYesu Krestu nguNyana kaThixo. UYesu neNtlawulelo yaKhe zisembindini kwicebo likaThixo ngathi. INtlawulelo yaKhe yaquka ubunzima baKhe kuMyezo waseGetsemane, nobunzima nokufa kwaKhe emnqamlezweni, noVuko lwaKhe ekufeni.

Ukusukela ngexesha lika-Adam no-Eva, abantu bajonga phambili ekuzeni kukaYesu Krestu njengoMsindisi noMkhululi. UBawo waseZulwini wathumela uYesu emhlabeni kwiminyaka engaphezulu kwama-2000 eyadlulayo.

UYesu waphila ubomi obugqibeleleyo, nobungenasono. Yena wafundisa ivangeli yaKhe kwaye waseka iBandla laKhe. Yena wabiza abaPostile abalishumi elinambini kwaye wabanika igunya lobubingeleli bafundise kwaye benze imimiselo engcwele enje ngokubhaptiza. Yena wabanika kananjalo igunya lokukhokela iBandla laKhe.

Ekupheleni kobomi baKhe, uYesu wahlawulela izono zethu ngokuva ubunzima eGetsemane nangexesha lokuBethelelwa kwaKhe emnqamlezweni. Ngenxa yedini lentlawulelo kaYesu Krestu, singahlanjululwa kwizono zethu njengoko siguquka. Oku kwenza ukuba sibe nako thina ukubuyela kubukho bukaThixo kwaye sifumane uvuyo olupheleleyo.

Emva kokuba uYesu ebethelelwe emnqamlezweni, Yena wavuka kwelabafileyo, ezuza uloyiso phezu kwako ukufa ngamandla kaBawo waseZulwini. Ngenxa yovuko ekufeni lukaYesu, sonke thina siza kuvuka emveni kokuba sifile. Oku kuthetha ukuba umoya womntu ngamnye nomzimba ziyakuhlanganiswa kwakhona, kwaye ngamnye kuthi uyakuphila naphakade kumzimba ovuke ekufeni nogqibeleleyo. (Bona “(INtlawulelo kaYesu Krestu” isifundo 2.)

Umfanekiso
uMprofeti uJoseph Smith

UMprofeti Joseph Smith wafundisa, “Imigaqo esisiseko senkolo yethu bubungqina babaPostile nabaProfeti, ngokuphathelele kuYesu Krestu, okokuba Yena wafa, wangcwatywa, kwaye wavuka kwakhona ngosuku lwesithathu, waze wanyukela ezulwini; kwaye zonke ezinye izinto ezinxulumene nenkolo yethu zizihlomelo kuyo” (Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith [2007], 49).

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • ISikhokelo kwiZibhalo: “Yesu Krestu,” “Hlawulela, Ntlawulelo

  • #&160

  • Gospel Topics : “Jesus Christ [Yesu Krestu],” “Atonement of Jesus Christ [Intlawulelo kaYesu Krestu]

Ukuwa

Emveni kokufa kukaYesu Krestu, abaPostile baKhe bafuna ukugcina imfundiso kaKrestu inyulu nokugcina ucwangco eBandleni. Nangona kunjalo, amalungu amaninzi eBandla abajikela abaPostile nakwimfundiso uYesu awayeyifundisile.

Emva kokuba abaPostile bebulewe, kwabakho ukuwa okusasazekileyo kwivangeli nakwiBandla likaYesu Krestu. Oku kuwa enyanisweni ngamanye amaxesha kubizwa ngokuba luKreqo oluKhulu. Ngenxa yako, uThixo walirhoxisa igunya lobubingeleli emhlabeni. Le lahleko yaquka negunya elifunekayo ukukhokela iBandla. Ngengesiphimo, iBandla awathi uYesu waliseka lalingasekho emhlabeni.

Ngelixesha, abantu baziguqula iimfundiso ezininzi zevangeli. Uninzi lolwazi ngobume bokwenyani bukaBawo waseZulwini, uYesu Krestu, noMoya oyiNgcwele babugqwethekile okanye bulahlekile. Abantu kananjalo baguqula imimiselo yobubingeleli, njengo bhaptizo.

Kwiinkulungwane kamva, amadoda nabafazi awayefuna inyaniso azama ukuhlaziya iimfundiso nezenzo ezazitshintshiwe. Bafuna ukukhanya okungakumbi komoya, yaye bambi kubo bathetha ngemfuneko yokubuyiselwa kwenyaniso. Imigudu yabo yakhokelela ekumiselweni kweecawa ezininzi.

Eli xesha laphumela ekugxininiseni ngakumbi kwinkululeko yonqulo, nto leyo eyavula indlela yokubuyiselwa kwenyaniso negunya elivela kuThixo.

AbaProfeti nabaPostile babekuxele ngaphambili ukuwa (bona KwabaseTesalonika II 2:1–3). Bona kananjalo bakuxela kwangaphambili ukuba ivangeli neBandla likaYesu Krestu liza kubuyiselwa emhlabeni (bona Izenzo 3:20–21). Ukuba bekungakhange kubekho ukuwa, bekungayi kufuneka ukubuyiselwa.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • Isikhokelo kwiZibhalo: “Kreqo

  • #&160

  • Gospel Topics: “Apostasy [Kreqo]

UBuyiselo lweVangeli kaYesu Krestu ngoMprofeti uJoseph Smith

UMbono wokuQala noBizo lukaJoseph Smith njengomProfeti

Ngexesha leenkulungwane xa Ivangeli epheleleyo kaYesu Krestu yayingekho emhlabeni, uBawo waseZulwini waqhubeka ukufikelela ebantwaneni baKhe. Ekuhambeni kwexesha, Yena walungisa indlela khonukuze babenakho ukusikelelwa kwakhona ngevangeli yaKhe epheleleyo. Xa iimeko zazilungile, Yena wabiza uJoseph Smith njengomprofeti lowo ivangeli neBandla likaYesu Krestu liya kubuyiselwa ngaye.

UJoseph Smith wayehlala kwimpuma yase-United States ngexesha lovuyo olukhulu lonqulo. Amalungu osapho lwakhe ayezinikele kuThixo kwaye efuna inyaniso. Amabandla amaninzi ayebanga ukubanayo inyaniso, kwaye uJoseph wanqwenela ukwazi ukuba leliphi elilungileyo (bona iMbali—kaJoseph Smith 1:18). IBhayibhile ifundisa ukuba “ inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo” (Kwabase‑Efese 4:5). Njengokuba uJoseph ehambela amabandla ohlukeneyo, wayebhidekile kukuba lelephi amakazimanye nalo. Emveni koko wathi:

“Waba mkhulu umbhodamo nembambano phakathi kwamahlelo ohlukahlukeneyo, kuba kwabanzima kumntu owayemtsha njengoba ndandinjalo … ukufika kuso nasiphina isigqibo esithile sokuba ngubani owayelungile nowayengalunganga.

“Esazulwini sayo le mfazwe yamazwi nesiphithiphithi sezimvo, ndathi futhi esiqwini sam: Yintoni emayenziwe? Leliphi kuwo wonke la maqela elilungileyo; okanye, ingaba onke edibene akalunganga? Ukuba naliphi elinye lawo lilungile, leliphi, yaye ndiya kulazi njani?” (IMbali—kaJoseph Smith1:8, 10).

Njengabantu abaninzi, noJoseph Smith kananjalo wayenemibuzo maluunga nosindiso lomphefumlo wakhe. Wayefuna ukuba izono zakhe zixolelwe kwaye abemsulwa phambi koThixo. Njengoko wafuna inyaniso phakathi keecawa ezahlukahlukeneyo, wafunda eBhayibhileni, “Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi, wobunikwa” (UYakobi 1:5).

Ngenxa yesi sicatshulwa, uJoseph wathatha isigqibo sokuba makabuze uThixo ukuba makenze ntoni. Ngentwasahlobo yango-1820, waya egcumeni lemithi ekufutshane nekhaya lakhe kwaye waguqa wathandaza. Zine iingxelo zombono ezalandelayo, zibhalwe nguJoseph Smith okanye ngababhali phantsi kololwalathiso lwakhe (bona Gospel Topics Essays , “First Vision Accounts [Iingxelo zoMbono wokuQala]”). Kwingxelo eyenziwe ngokusesikweni njengesibhalo, wachaza amava akhe ngokulandelayo:

Umfanekiso
The First Vision [uMbono wokuQala], nguLinda Christensen noMichael Malm

“Ndabona intsika yomlilo ngqo phezu kwentloko yam, engentla kokuqaqamba kwelanga, eyehla ngokuthe chu yada yawela phezu kwam. … Xa ukukhanya kwaphumla phezulu kwam ndabona iZiqu ezibini, ezikuqaqamba kwazo nobuqaqawuli kungenakho konke ukuchazwa, zime ngentla kwam emoyeni. Esinye saso sathetha nam, sindibiza ngegama saye sathi, sisalatha kwesinye—Lo nguNyana Wam OyiNtanda. Mveni Yena!” (Imbali—kaJoseph Smith 1:16–17).

Kulo mbono, uThixo uBawo noNyana waKhe, uYesu Krestu, bavela kuJoseph Smith. UMsindisi wamxelela angazimanyi nalo nelinye lalo mabandla.

Kwenye ingxelo yalo mbono, uJoseph wabelana ngokuba uMsindisi wamxelela kananjalo: “Izono zakho zixolelwe. … Qaphela Mna ndiyiyo iNkosi yozuko. Ndabethelelelwa ihlabathi ukuze bonke abakholwayo egameni lam babe nobomi obungunaphakade.”

Emveni kombono, uJoseph wacingisisa, “Umphefumlo wam wawuzaliswe luthando, kwaye iintsuku ezininzi ndandivuya ngovuyo olukhulu kwaye iNkosi yaye inam” (Joseph Smith History, circa Summer 1832, 3, josephsmithpapers.org; upelo neziphumlisi ziphuculwe ngokwale mihla).

Ngalo mbono, uJoseph Smith waba lingqina likaYesu Krestu kwaye wafunda iinyaniso ezibalulekileyo ngobuThixo. Ngokomzekelo, wafunda ukuba uBawo waseZulwini noYesu Krestu baziziqu ezahlukeneyo. Xa babembiza yena ngegama, wafunda ukuba babemazi yena buqu. Xa uJoseph wayexelelwa yena ukuba uxolelwe, wafunda ukuba uThixo unenceba. La mava amzalisa ngovuyo.

Njengokuba uThixo wayenzile kubaprofeti abaninzi bangaphambili, Yena wabiza uJoseph Smith ukuba abe ngumprofeti ayakuthi ngaye abuyisele ivangeli epheleleyo emhlabeni. Olu buyiselo lwaluza kunceda abantwana bakaThixo bafumane uvuyo kweli lizwe nobomi obungunaphakade kwilizwe elizayo—konke oku ngoYesu Krestu.

UkuBuyiselwa koBubingeleli neziTshixo zoBubingeleli

Umfanekiso
Upon You My Fellow Servants [Phezu Kwenu ziCaka Zam], nguLinda Curley Christensen noMichael Malm

Emva kwembonakalo kaBawo noNyana, abanye abathunywa basezulwini bathunyelwa kuJoseph Smith nogxa wakhe uOliver Cowdery. UYohane umBhaptizi wavela njengomntu ovuke ekufeni kwaye wanikezela uBubingeleli buka Aron nezitshixo zabo kubo. UBubingeleli buka Aron buquka igunya lokubhaptiza.

Umfanekiso
The Voice of Peter, James, and John [Ilizwi likaPetros,Yakobi, noYohane], nguWelden C. Andersen

Kungekudala emva koko, uPetros, Yakobi, noYohane—abathathu babaPostile boqobo bakaKrestu—bavela njengabantu abavuke ekufeni kwaye banikezela uBubingeleli bukaMelkitsedeke nezitshixo zabo kuJoseph Smith noOliver Cowdery. Obu bubingeleli ligunya elifanayo nelo uKrestu walinika abaPostile baKhe mandulo.

Umfanekiso
Image of Moses Elias and Elijah descending into the Kirtland temple and appearing to Joseph Smith.

KwiTempile yaseKirtland, uMoses, u-Eliyasi, no-Eliya bavela kuJoseph Smith noOliver Cowdery banikezela kubo igunya elingakumbi nezitshixo zobubingeleli ezibaluleke ukufezekisa umsebenzi kaThixo kule mihla yokugqibela UMoses wanikezela izitshixo zokuhlanganisela uSirayeli. U-Eliyasi wanikezela ixesha lokuhlanganisela ivangeli ka‑Abraham. U-Eliya wanikezela izitshixo zamandla otywino. (Bona IMfundiso neMinqophiso 110:11–16; Bona kananjalo General Handbook, 3.1.)

Ulungelelwaniso lweBandla

UJoseph Smith walathiswa ukuba alungelelanise iBandla likaYesu Krestu kwakhona emhlabeni. Ngaye, uYesu Krestu wabiza abaPostile abalishumi elinesibini.

Abaprofeti kumaxesha ebhayibhile xa bebhekisa kweli xesha siphila kulo balibiza njengemihla yokugqibela. Lixesha kamsinyane phambi kokuBuya kweSibini kukaYesu Krestu. Yiyo loo nto iBandla libizwa ngokuba liBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela (bona IMfundiso neMinqophiso 115:3–4; bona kananjalo 3 Nifayi 27:3–8).

AbaProfeti nabaPostile abaphilayo kule Mihla

Kanye njengokuba uYesu wabiza abaPostile ngexesha lobufundisi baKhe basemhlabeni ukuba bakhokele iBandla laKhe, Yena ubize abaPostile ukuba balikhokele namhlanje. UBongameli bokuQala neQumrhu labaPostile Abalishumi ElinaMbini bangabaprofeti, iimboni nabatyhileli.

Kuphela ngumPostile omkhulu obizwayo ukuba umprofeti kuba wongama phezu kweBandla liphela kwaye ugunyaziswe ngokukodwa ukuba athethele iNkosi. Nguye ogunyazisiweyo ukulandela uJoseph Smith. Yena nabaPostile bangoku balilanda igunya labo kuYesu Krestu kumxokelelwane ongaqhawukiyo wemimiselo eyaqala xa uJoseph Smith wamiselwa phantsi kwezandla zabathunywa basezulwini.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiziBhalo: “ukuBuyiselwa kweVangeli

  • #&160

  • Gospel Topics: “Restoration of the Church [ukuBuyiselwa kweBandla],” “Restoration of the Priesthood [ukuBuyiselwa koBubingeleli]

INcwadi kaMormoni: Enye iTestamente kaYesu Krestu

INcwadi kaMormoni ngumqulu wamandulo wezibhalo ezingcwele njengeBhayibhile. Ibhayibhile bobunye ubungqina bukaYesu Krestu, kwaye iNcwadi kaMormoni bubungqina besibini bolungiselelo lwaKhe, iimfundiso zaKhe, nomsebenzi waKhe wevangeli njengoMsindisi wethu.

UJoseph Smith walathiswa sisithunywa sezulu esibizwa ngokuba nguMoronayi endulini apho ingxelo yamandulo yayingcwatywe khona iinkulungwane. Le ngxelo, ibhalwe kumacwecwe egolide (amaphepha abityileyo esinyithi), yayiqulethe imibhalo yabaprofeti ngokusebenza kukaThixo nabanye abemi bamandulo eMelika. UJoseph Smith wayiguqula le ngxelo ngesipho namandla kaThixo.

Abaprofeti kwiNcwadi kaMormoni babesazi ngobufundisi bukaYesu Krestu kwaye babefundisa ivangeli yaKhe. Emveni kokuba uYesu wavuswa ekufeni, wabonakala kwaba bantu kwaye walungiselela buqu kubo. Yena wabafundisa kwaye waseka iBandla laKhe

INcwadi kaMormoni isinceda ukuba sisondele kuThixo njengokuba sifunda, siqonda, kwaye sisebenzise iimfundiso zayo. UMprofeti uJoseph Smith wathi ukuba “indoda [okanye umfazi] unokusondela kuThixo ngokuhlala ngemiyalelo [yalencwadi], kunayo nayiphina enye incwadi” (Teachings: Joseph Smith64).

Umfanekiso
indoda ifunda

Ukuze sazi ukuba iNcwadi kaMormoni lilizwi likaThixo, kufuneka siyifunde, siyicingisise, kwaye sithandaze ngayo. UMprofeti weNcwadi kaMormoni uthembise ukuba uThixo uyakutyhila ubunyani bencwadi kuthi njengokuba sithandaza ngentliziyo enyanisekileyo, ngenjongo yokwenene, kwaye sinokholo kuKrestu (bona Moronayi 10:3–5). Ukufunda iNcwadi kaMormoni kubalulekile ekunyamezeleni inguquko.

Njengoko sifunda iNcwadi kaMormoni kwaye sithandaza ngayo, siyakufunda iinyaniso ngoYesu Krestu eziya kusikelela ubomi bethu. Kananjalo siyakumazi ukuba uJoseph Smith waye engumpropheti kaThixo kwaye ukuba ivangeli neBandla likaYesu Krestu zibuyiselwe ngaye.

Umfanekiso
UMongameli Russell M. Nelson

“Ndiyathembisa ukuba njengokuba ufunda iNcwadi kaMormoni ngokuthandaza ntsuku zonke, uya kwenza izigqibo ezingcono—ntsuku zonke. Ndiyathembisa ukuba njengokuba uphonononga ngento oyifundayo, iingcango zezulu ziyakuvuleka, kwaye uyakufumana iimpendulo kwimibuzo yakho nesikhokelo sobomi bakho. Ndiyathembisa ukuba njengokuba zintywilisela isiqu sakho mihla le kwiNcwadi kaMormoni, unakho ukugonywa ngokuchasene nobubi bemihla” (uRussell M. Nelson, “The Book of Mormon: What Would Your Life Be Like without It?Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga. 2017, 62–63).

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo: “INcwadi kaMormoni

  • Gospel Topics : “Book of Mormon[ iNcwadi kaMormoni]

Umfanekiso
umfazi ethandaza

Thandazela uKwazi Inyaniso ngoMoya oyiNgcwele

Ngenxa yokuba uThixo nguBawo wethu, Yena uya kusinceda siyiqaphele inyaniso. Sinakho ukwazi ukuba umyalezo wokuBuyiselwa kwevangeli kaYesu Krestu uyinyani njengokuba sifunda iNcwadi kaMormoni kwaye sithandaze kuThixo. Xa sithandaza ngokholo nenjongo yokwenene, Yena uya kuyiphendula imibuzo yethu kwaye abukhokele ubomi bethu.

Ngokuqhelekileyo uThixo uyiphendula imithandazo yethu ngoMoya oyiNgcwele. Njengoko sithandaza, uMoya oyiNgcwele ufundisa kwaye aqinisekise inyaniso. Unxibelelwano oluvela kuMoya oyiNgcwele lunamandla. Ziqhele ukuza njengesiqinisekiso esithe cwaka ngeemvakalelo zethu, iingcinga, nezimvo (bona OoKumkani I 19:11–12; Hilamani 5:30; IMfundiso neMinqophiso 8:2).

Ufundo olungaguqukiyo lwezibhalo (ingakumbi iNcwadi kaMormoni), ukubakho rhoqo ngeveki kwintlanganiso yomthendeleko, nomthandazo onyanisekileyo ziyasinceda ukuba siwave amandla oMoya oyiNgcwele kwaye sifumane inyaniso.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo : “Umthandazo

  • #&160

  • Gospel Topics: “Prayer [Umthandazo]

OluFutshane ukuya koluPhakathi Ulwandlalo lweSifundo

Ulwandlalo olulandelayo yisampuli yoko unokufundisa umntu ukuba unesixa sexesha elifutshane. Xa usebenzisa olu lwandlalo, khetha umgaqo omnye okanye ngaphezulu wokufundisa. Isiseko semfundiso yomgaqo ngamnye sibonelelwe kwangaphambili kwisifundo.

Njengoko ufundisa, buza imibuzo kwaye umamele. Dlulisa izimemo eziya kunceda abantu bafunde indlela yokusondela kufuphi kuThixo. Esinye isimemo esibalulekileyo sesokuba umntu adibane nani kwakhona. Ubude besifundo buya kuxhomekeka kwimibuzo oyibuzayo nokumamela wena okwenzayo.

Umfanekiso
abafundisi bevangeli bethetha nendoda.

Oko Unokufundisa Abantu ngeMizuzu emi 3-10

  • UThixo nguBawo wethu waseZulwini, kwaye Yena usidale ngokomfanekiselo waKhe. Yena uyasazi thina buqu kwaye uyasithanda. Yena ufuna ukusisikelela ngoxolo novuyo olupheleleyo oluya kuhlala naphakade.

  • UYesu Krestu nguNyana kaThixo. Umsebenzi waKhe yayi kukwenza ukuba ibekho indlela yokuba sihlanjululwe kwizono zethu, sikoyise ukufa, kwaye sifumane ubomi obungunaphakade.

  • UThixo ubiza abaprofeti babe ngabameli baKhe ehlabathini. Mandulo, Yena wabiza abaprofeti abanjengo Adam, Nowa, Abraham, noMoses. UMprofeti ophilayo ufumana isityhilelo esivela kuThixo sokusifundisa kwaye asikhokele kule mihla.

  • Ngethuba lobulungiseleli bukaYesu, Yena waseka iBandla laKhe. Emva kokuba aBapostile bakaYesu befile, kwabakho ukuwa ngokusasazekileyo kwivangeli nakwiBandla likaYesu Krestu. Abantu batshintsha iimfundiso zevangeli ezininzi nemimiselo, enjengo bhaptizo.

  • UThixo wabiza uJoseph Smith ukuba abe ngumprofeti kwangala ndlela Yena wabiza ngayo abaprofeti kumaxesha angaphambili. UBawo waseZulwini noYesu Krestu bavela kuye. Ivangeli kaYesu Krestu yabuyiselwa ngaye.

  • INcwadi kaMormoni ngumqulu wezibhalo. Njenge Bhayibhile, ibubungqina bukaYesu Krestu kwaye isinceda ukuba sisondele kufuphi kuThixo njengokuba siyifunda kwaye sisebenzisa iimfundiso zayo. UJoseph Smith wayiguqula ngesipho namandla kaThixo.

  • Ngomthandazo onyanisekileyo, sinakho ukunxibelelana noThixo. Sinokwazi ukuba umyalezo wokuBuyiselwa kweVangeli kaYesu Krestu uyinyani.