Uncedo lweZifundo
GJS, ULuka 9


GJS, ULuka 9:24–25. Thelekisa noLuka 9:24–25

Ukuzuza ubutyebi behlabathi akuxabisekanga kunokulahlekelwa ngumphefumlo woyedwa.

24 Kuba nabani na oya kusindisa ubomi bakhe, makazithandele ukubulahla ngenxa yam; kwaye nabani na oya kuzithandela ukulahla ubomi bakhe ngenxa yam, onjalo uya kubusindisa.

25 Kuba kumnceda ngantoni na umntu ukuba uzuza ihlabathi liphela, aze ke engamamkeli lowo uThixo athe wammisela, kwaye ulahlekelwa ngumphefumlo ongowakhe, aze abe yena isiqu sakhe engumlahlelwa phandle?