Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 130


Icandelo 130

Uluhlu lwemiyalelo enikwe nguJoseph Smith uMprofeti, eRamus, eIllinois, Aprili 2, 1843.

1–3, UYise noNyana banokubonakala ngeziqu ebantwini; 4–7, Iingelosi zihlala kwindawo eyiselestiyali; 8–9, Umhlaba oyiselestiyali uya kuba yiYurim neTumim; 10–11, Ilitye elimhlophe linikwe bonke abangena kwihlabathi iselestiyali; 12–17, Ixesha lokuBuya kweSibini lifihliwe kuBaprofeti; 18–19, Ulwazi oluzuzwe kobu bomi buvuka nathi eluVukweni; 20–21, Zonke iintsikelelo ziza ngokuthobela umthetho; 22–23, UYise noNyana banemizimba yenyama namathambo.

1 Xa uMsindisi eya kubonakala siya kumbona njengoko enjalo. Siya kubona ukuba ungumntu njengathi.

2 Kwaye ekwanjalo intlalontle ekhoyo phakathi kwethu apha, iya kubakho phakathi kwethu apho, kuphela iya kudityaniswa nobuqaqawuli banaphakade, buqaqawuli obo ngoku esingabuxhamliyo.

3 UYohane 14:23—Ukubonakala koYise noNyana, kulo vesi, kukubonakala ubuqu; kwaye nembono yokuba uYise noNyana bahlala entliziyweni yomntu yimbono endala yeenkolo, kwaye ayiyiyo inyaniso.

4 Ekuphenduleni umbuzo—Ingaba akunjalo na ukubala kwexesha likaThixo, ixesha leengelosi, ixesha labaprofeti, ngokunxulumene neplanethi abahlala kuyo?

5 Ndiyaphendula, Ewe. Kodwa akukho zingelosi ezilungiselelayo kulo mhlaba ngaphandle kwabo bangowawo okanye babengowawo.

6 Iingelosi azihlali kwiplanethi enjengalo mhlaba;

7 Kodwa zihlala ebusweni bukaThixo, kwingqukuva enjengolwandle lweglasi nomlilo, apho zonke izinto zibonakala ngenxa yobuqaqawuli bazo, ixesha eludlulileyo, ixesha langoku, nexesha elizayo, kwaye ziqhubekeka ziphambi kweNkosi.

8 Indawo apho uThixo ahlala khona iyiYurim neTumim enkulu.

9 Lo mhlaba, kwimo yawo yokungcwaliseka neyokungafi, uya kwenziwa ufane nekristale kwaye uya kuba yiYurim neTumim kubemi abahlala phezu kwawo, ngawo zonke izinto ziphathelele kubukumkani obungaphantsi, okanye zonke izikumkani zohlobo olungezantsi, ziya kubonakaliswa kwabo bahlala kuwo; kwaye lo mhlaba iya kuba ngokaKrestu.

10 Ngoko ke ilitye elimhlophe elikhankanyiweyo kwiSityhilelo 2:17, liya kuba yiYurim neTumim komnye ngamnye ofumana elinye, ngazo izinto eziphathelele kuhlobo oluphakame ngakumbi lwezikumkani eziya kwenziwa zazeke;

11 Kwaye ilitye elimhlophe linikwe komnye wabo abeza kubukumkani beselestiyali, phezu kwalo kukho igama elitsha elibhaliweyo, ekungekho mntu ulaziyo kuphela ngulowo ulifumanayo. Igama elitsha ligama elisisitshixo.

12 Ndiprofetha, egameni leNkosi uThixo, kuba ukuqalisa kweenzima eziya kubangela impalalo-gazi enkulu eyandulela ukuza koNyana woMntu iya kuba seMzantsi Carolina.

13 Inokuvuka mhlawumbi ngomba wobukhoboka. Eli lilizwi elibhengezwe kum, ngethuba ebendithandaza ngokunyanisekileyo ngesihloko, kuDisemba ngowama-25, 1832.

14 Kanye ndandithandaza ngokunyaniseke kakhulu ekwazini ixesha lokuza koNyana woMntu, xa ndeva ilizwi liphindaphinda okulandelayo:

15 Joseph, nyana wam, ukuba wena unokuphila ude ube neminyaka engamashumi asibhozo anesihlanu ubudala, wena uya kububona ubuso boNyana woMntu; ke ngoko oku makwanele, kwaye ungabuyi undikhathaze kulo mba.

16 Ndashiywa njalo, ngaphandle kokuba nako ukugqiba okokuba oku kuza kubhekisele ekuqaleni kwemileniyam okanye ekubonakaleni okuthile kwangaphambili, okanye nokokuba ndimele ukufa ndize njalo ndibone ubuso bakhe.

17 Ndikholelwa ekubeni ukuza koNyana woMntu akuyi kukhawuleza nangaluphina uhlobo kunelo xesha.

18 Nawuphina umgaqo wobukrelekrele esiwuzuzayo kobu bomi, uya kuvuka kunye nathi eluvukweni.

19 Kwaye ukuba umntu uzuza ulwazi nobukrelekrele kobu bomi ngenkuthalo yakhe nokuthobeka kunomnye, uya kuba nethuba elikhulu kwihlabathi elizayo.

20 Kukho umthetho, umiselo wasezulwini ongenakubhangiswa phambi kweziseko zeli hlabathi, phezu kwawo kusekelwe zonke iintsikelelo—

21 Kwaye xa sizuza nayiphina intsikelelo evela kuThixo, kungokuthobela la mthetho usekelwe phezu kwawo.

22 UYise unomzimba wenyama namathambo obambekayo njengowomntu; uNyana ngokunjalo; kodwa uMoya oyiNgcwele awunawo umzimba wenyama namathambo, kodwa usisiqu soMoya. Ukuba bekungenjalo, uMoya oyiNgcwele ubungenako ukuhlala kuthi.

23 Umntu unokuzuza uMoya oyiNgcwele, kwaye unokuhla phezu kwakhe kwaye ungahlali kunye naye.