Uncedo lweZifundo
GJS, UMateyu 16


GJS, UMateyu 16:25–29. Thelekisa noMateyu 16:24–26

UYesu uchaza okokuba kuthetha ukuthini “ukuthatha umnqamlezo woyedwa”: kukuzivimba konke ukungahloneli uthixo nako konke ukunyoluka kwehlabathi uze ugcine imiyalelo Yakhe.

25 Ngoko uYesu wathi kubafundi bakhe, Ukuba nawuphi na umntu oya kulandela mna, makazincame, aze athabathe umnqamlezo wakhe aze andilandele.

26 Kwaye ngoku ukuba umntu uthabatha umnqamlezo wakhe, kukuzincama kuko konke ukungahloneli uThixo, nakuko konke ukukhanuka okukokwehlabathi, nokugcina imiyalelo yam.

27 Musani ukwaphula imiyalelo yam ukuze nisindise ubomi benu; kuba nabani na oya kusindisa ubomi bakhe kweli hlabathi, uya kuphulukana nabo kwihlabathi elizayo.

28 Kwaye nabani na oya kuphulukana nobomi bakhe kweli hlabathi, ngenxa yam, uya kubufumana kwihlabathi elizayo.

29 Ke ngoko, lahlani ihlabathi, nize nisindise imiphefumlo yenu; kuba kumnceda ntoni na umntu, ukuba uya kuzuza ihlabathi liphela, aze alahlekelwe ngumphefumlo ongowakhe? Okanye umntu uya kunanisa ngantoni endaweni yomphefumlo wakhe?