Uncedo lweZifundo
GJS, UMateyu 7


GJS, UMateyu 7:1–2. Thelekisa noMateyu 7:1–2

Musani ukugweba ngokungalungileyo.

1 Ngoku la ngamazwi uYesu awafundisa abafundi bakhe abamele ukuwathetha ebantwini.

2 Musani ukugweba ngokungalungileyo, ukuze ningagwetywa; kodwa gwebani ngomgwebo olungisayo.

GJS, UMateyu 7:4–8. Thelekisa noMateyu 7:3–5

UYesu ufundisa abafundi Bakhe ukujongana ubuso ngobuso nababhali, abaFarisi, ababingeleli, nabaLevi ngenxa yobuhanahanisi babo.

4 Kwaye kwakhona, niya kuthi kubo, Kutheni nina niqaphela isibi esiselisweni lomzalwana wakho, kodwa aniwuqiqi umqadi oselisweni elilelakho?

5 Okanye ungathini na ukuthi kumzalwana, Yeka ndisikhuphe isibi esiselisweni lakho; kwaye ke ungenako ukuqaphela umqadi okwelilelakho iliso?

6 Kwaye uYesu wathi kubafundi bakhe, Qaphelani nina ababhali, nabaFarisi, nababingeleli, nabaLevi? Bafundisa kwizindlu zesikhungo zabo, kodwa abaqwalaseli mthetho, namiyalelo; kwaye bonke baphumile endleleni, kwaye baphantsi kwesono.

7 Hambani nina nize nithi kubo, Kutheni nifundisa abantu umthetho nemiyalelo, nibe nina iziqu zenu ningabantwana benkohlakalo?

8 Yithani kubo, Bahanahanisindini, kuqala khupha umqadi oselisweni elilelakho, kwaye ngoko wena uya kubona ngokucacileyo uze ukhuphe isibi esiselisweni lomzalwana wakho.

GJS, UMateyu 7:9–11. Thelekisa noMateyu 7:6

UYesu ufundisa abafundi Bakhe ukushumayela inguquko nokokuba bangobelani ngeemfihlo zobukumkani nehlabathi.

9 Hambani niye ehlabathini, nisithi kubo bonke, Guqukani, kuba ubukumkani bezulu busondele.

10 Kwaye iimfihlelo zobukumkani niya kuzigcina kuni; kuba akufanelekanga ukunika izinja oko kungcwele; nokungaphoseli iiperile zenu ezihagwini, hleze zizixovulele ngaphantsi kweenyawo zazo.

11 Kuba ihlabathi alinako ukufumana oko nina, iziqu zenu, ningenako ukukuthwala; ngako oko aniyi kunikela iiperile zenu, kubo hleze bajike kwakhona baze baniqwenge.

GJS, UMateyu 7:12–17. Thelekisa noMateyu 7:7–8

UYesu ufundisa abafundi Bakhe okokuba uBawo unika isityhilelo kubo bonke abacelayo.

12 Yithini kubo, Celani kuThixo; celani, kwaye niya kuphiwa; funani, kwaye niya kufumana; nkqonkqozani, kwaye niya kuvulelwa.

13 Kwaye wonke ubani ocelayo, uyazuza; kwaye nalowo ufunayo, uyafumana; kwaye kulowo unkqonkqozayo, kuya kuvulwa.

14 Kwaye ngoko bathi abafundi bakhe kuye, Baya kuthi kuthi, Thina iziqu zethu silungile, kwaye akuyomfuneko ukuba nawuphi na umntu amele ukusifundisa. UThixo, esimaziyo, wamva uMoses nabanye babaprofeti; kodwa thina akayi kusiphulaphula.

15 Kwaye baya kuthi, Sinawo umthetho wosindiso lwethu, kwaye oko kwanele kuthi.

16 Ngoko uYesu waphendula, kwaye wathi kubafundi bakhe, Njalo niya kuthi kubo,

17 Nguwuphi na umntu phakathi kwenu, enonyana, abe uya kumela ngaphandle, abe uya kuthi, Bawo, vula indlu yakho ukuze ndibe nokungena ndidle isidlo kunye nawe, akayi kuthi, Ngena, nyana wam; kuba okwam kokwakho, kwaye okwakho kokwam?