Uncedo lweZifundo
Hosana


Hosana

Igama elivela kwisiHebhere elithetha “nceda sisindise” kwaye lisetyenziswa ekudumiseni nakwisibongozo.

ESidlweni seMinquba, esasikhumbula ukukhululwa kukaSirayeli yiNkosi kwilizwe lesithembiso, abantu bacula amazwi eNdumiso 118 kwaye bawangawangisa amasebe esundu. Ekungeneni okunoloyiso lweNkosi eYerusalem, iindimbane zadanduluka “Hosana” zaza zandlalela amasebe esundu uYesu akhwele phezu kwawo, njalo zibonisa ukuqonda kwazo ukuba uYesu wayekwa yiNkosi eyathi yakhulula uSirayeli mandulo (IiNd. 118:25–26; Mat. 21:9, 15; Marko 11:9–10; Yoh. 12:13). Aba bantu bamqaphela uKrestu njengoMesiya ekudala walindelwa. Igama Hosana libe nokuba sisikhumbuzo sikaMesiya kuyo yonke iminyaka (1 Nif. 11:6; 3 Nif. 11:14–17). Umkhwazo kahosana wawubandakanyiwe ekubingelelweni kweTempile yaseKirtland (I&M 109:79) kwaye ngoku uyinxenye yokubingelela iitempile zangoku.