Uncedo lweZifundo
Marko


Marko

KwiTestamente eNtsha, uYohane Marko wayengunyana kaMariya, owayehlala eYerusalem (Izenzo 12:12); kanjalo wayenokuba wayengumza (okanye umtshana) kaBharnabhas (Kol. 4:10). Wahamba noPawulos noBharnabhas bevela eYerusalem kuhambo lwabo lokuqala lobufundisi waza wabashiya ePerga (Izenzo 12:25; 13:5, 13). Kamva wakhapha uBharnabhas ukuya eSipro (Izenzo 15:37–39). WayenoPawulos eRoma (Kol. 4:10; Filem. 1:24), kwaye wayenoPetros eBhabhilon (mhlawumbi eRoma) (Ⅰ Petr. 5:13). Ekugqibeleni, wayekunye noTimoti e-Efese (Ⅱ Tim. 4:11).

IVangeli kaMarko

Yincwadi yesibini kwiTestamente eNtsha. Ivangeli kaMarko yayibhalwe mhlawumbi phantsi kolawulo lukaPetros. Injongo yakhe kukuchaza iNkosi njengoNyana kaThixo ophilileyo nokusebenza kwayo phakathi kwabantu. UMarko uchaza, ngamandla nangentobeko, izimvo uYesu awazenzayo kubabukeli. Isithethe sicacisa ukuba emva kokufa kukaPetros, uMarko watyelela eYiputa, wamisa iBandla eAlesandire, waza wafa ngofelo-nkolo.

Uluhlu lweziganeko kubomi boMsindisi oluchazwe kwiVangeli kaMarko, khangela kuNgqinelwano lweeVangeli kwisihlomelo.