Uncedo lweZifundo
Nowa, solusapho waseBhayibhileni


Nowa, solusapho waseBhayibhileni

KwiTestamente eNdala, ngunyana kaLameki nongusolusapho weshumi ukususela kuAdam (Gen. 5:29–32). Wangqina ngoKrestu kwaye washumayela inguquko kwisizukulwana esikhohlakeleyo. Xa abantu bawalayo umyalezo wakhe, uThixo wamyalela ukuba akhe umkhombe ukungenisa usapho lwakhe nazo zonke izilwanyana xa umhlaba waba nonogumbe ukutshabalalisa abakhohlakeleyo (Gen. 6:13–22; Moses 8:16–30). UMprofeti uJoseph Smith wafundisa ukuba uNowa uyingelosi uGabriyeli nome ecaleni kuka-Adam ekuphatheni izitshixo zosindiso.