Uncedo lweZifundo
Mboni


Mboni

Umntu ogunyaziswe nguThixo abone ngamehlo asemoyeni izinto uThixo azifihlileyo ehlabathini (Moses 6:35–38). Ungumtyhili nomprofeti (Moz. 8:13–16). KwiNcwadi kaMormoni, uAmon wafundisa ukuba yimboni kuphela eyayinako ukusebenzisa izitoliki ezizodwa, okanye iYurim neTumim (Moz. 8:13; 28:16). Imboni yazi ixesha eladlulayo, ixesha longoku, nexesha elizayo. Mandulo, umprofeti wayebizwa rhoqo imboni (Ⅰ Sam. 9:9; Ⅱ Sam. 24:11).

UJoseph Smith yimboni enkulu yemihla yokugqibela (I&M 21:1; 135:3). Ukongeza, uBumongameli boKuqala neQumrhu labaLishumi elineSibini baxhaswe njengabaprofeti, iimboni, nabatyhili.