Uncedo lweZifundo
KwabaseRoma, Incwadi eya


KwabaseRoma, Incwadi eya

KwiTestamente eNtsha, incwadi uPawulos awayibhalela abaNgcwele eRoma. Wayeceba utyelelo olusinga eYerusalem, olwaluqinisekele ekubeni nobungozi. Ukuba ke uphuncule nobomi bakhe, wayethemba emva koko ukutyelela iRoma. Incwadi yayithetha kwindawo ethile ngokulungiselela iBandla apho lize limamkele xa wayefika. Kanjalo inokuthathwa njengequlathe ingxelo yeemfundiso ezithile ebezithe zakwimpikiswano kwaye uPawulos ngoku azithathe njengezamiselwayo.

Isahluko 1 siqulathe umbuliso kaPawulos oya kumaRoma. Izahluko 2–11 zibandakanya izibhengezo ezahlukeneyo kwimfundiso yakholo, imisebenzi, nobabalo. Izahluko 12–16 ziqulathe iimfundiso ezenziwayo eluthandweni, umsebenzi, nobungcwele.