Uncedo lweZifundo
Alma, unyana ka-Alma


Alma, unyana ka-Alma

KwiNcwadi kaMormoni, umgwebi wokuqala nomkhulu nomprofeti esizweni samaNifayithi. Kwiminyaka yakhe yobutsha wafuna ukutshabalalisa iBandla (Moz. 27:8–10). Nangona kunjalo, ingelosi yabonakala kuye kwaye waguqulelwa kwivangeli (Moz. 27:8–24; Alma 36:6–27). Kamva wasinikezela isikhundla sokuba ngumgwebi omkhulu ukuze afundise abantu (Alma 4:11–20).

Incwadi ka-Alma

Incwadi eyahlukileyo kwiNcwadi kaMormoni, iqulathe iimbali ezishwankathelweyo zabaprofeti uAlma, unyana ka-Alma, nonyana wakhe uHilamani. Iziganeko eziboniswe encwadini zenzeke ukususela malunga nama-91 ukuya kuma-52 P.K. Incwadi iqulathe izahluko ezingama-63. Izahluko 1–4 zichaza uvukelo lwabalandeli bakaNehore noAmlisayi ngokuchasene namaNifayithi. Iimfazwe ezazisenzeka zaziphakathi kwezona zazitshabalalisa ukuya kwelo qondo kwimbali yamaNifayithi. Izahluko 5–16 ziqulathe ingxelo yeehambo zakuqala zobufundisi buka-Alma, zibandakanya nentshumayelo yakhe ngoMalusi oLungileyo (Alma 5) nentshumayelo yakhe noAmyuleki kwisixeko iAmoniha. Izahluko 17–27 ziqulathe imbali ngoonyana bakaMozaya nomsebenzi wabo phakathi kwamaLeymenayithi. Izahluko 28–44 siqulathe ezinye zeentshumayelo ezibaluleke ngokugqithileyo zika-Alma. Kwisahluko sama-32 uAlma wathelekisa ilizwi embewini; kwisahluko sama-36 wabalisa ibali lokuguquka kwakhe kunyana wakhe uHilamani. Izahluko sama-39–42 zibhala ingcebiso ka-Alma kunyana wakhe uKoriyantan, owathi waba kwisono sokungaziphathi kakuhle; le ntshumayelo ibalulekileyo ichaza ubulungisa, inceba, uVuko neNtlawulelo. Izahluko zama-45–63 zichaza ngeemfazwe zamaNifayithi ngeloo thuba lexesha neemfunduko phantsi koHagoti Iinkokeli ezibaluleke kangako ezinjengoMphathimikhosi uMoronayi, uTiyanikumi, noLihayi zanceda ekukhuseleni amaNifayithi ngezenzo zazo ezikhaliphileyo nezexesha elililo.