Uncedo lweZifundo
Mzekeliso


Mzekeliso

Njengoko lisetyenziswe kwizibhalo, igama mzekeliso, lineentsingiselo ezimbini: (1) intetha emfutshane efundisa okulungileyo okanye icebiso, mpe (2) ibali elilula elalisetyenziswa ukucacisa nokufundisa inyaniso ngokwasemoyeni okanye umgaqo.

Incwadi yeMizekeliso

Yincwadi yeTestamente eNdala equlathe imizekeliso, intetha, nemibongo, ezinye zazo ezazibhalwe nguSolomon. Incwadi yeMizekeliso icatshulwa kaninzi kwiTestamente eNtsha.

Izahluko 1–9 ziqulathe inkcazelo yobulumko obuyinene. Izahluko 10–24 ziqulathe ingqokelela yeentetha ngeendlela ezilungileyo nezingalunganga zokuphila. Izahluko 25–29 ziqulathe imizekeliso kaSolomon amadoda kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ayibhalayo. Izahluko 30–31 zibandakanya inkcazelo yomfazi onesidima.

Ibali elilula

Ibali elilula elalisetyenziswa ukucacisa nokufundisa inyaniso ngokwasemoyeni okanye umgaqo. Umzekeliso osekelwe ekuthelekiseni into eqhelekileyo okanye isiganeko kwinyaniso, nentsingiselo efihlakeleyo okanye umyalezo womzekeliso soloko ufihliwe kubaphulaphuli abangalungiswanga ngokwasemoyeni ukuba bawamkele (Mat. 13:10–17).

UYesu wafundisa rhoqo ngemizekeliso. Uludwe lwemizekeliso Yakhe oluzizitshixo, khangela kuNgqinelwano lweeVangeli kwisihlomelo.