Uncedo lweZifundo
Guquka, Inguquko


Guquka, Inguquko

Ukutshintsha kwengqondo nentliziyo okuzisa uluvo oluhlaziyekileyo ngakuThixo, isiqu somntu, nobomi jikelele. Inguquko ithetha ukuba umntu uyemka ebubini aze ajongise intliziyo yakhe nentando kuThixo, ethobela imiyalelo kaThixo neminqweno kwaye elahla isono. Inguquko yenene iza ivela ekuthandeni uThixo nomnqweno onyanisekileyo ekuthobeleni imiyalelo Yakhe. Bonke abantu abanokuziphendulela bathe bona kwaye bamele ukuguquka ukuze baqhubele phambili basondele elusindisweni. Kuphela kungeNtlawulelo kaYesu Krestu inguquko yethu enganako ukuba nokusebenza kwaye yamkelwe nguThixo.